Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 ISIERRA LEONE NEGUINEA

2002-2014 Ukuza Kuthi Ga Ngoku (Inxalenye 1)

2002-2014 Ukuza Kuthi Ga Ngoku (Inxalenye 1)

 “Enkosi Yehova!”

Njengoko iimeko zazisiba bhetele, abazalwana noodade babuyela ezindlwini zabo ezazonakaliswe yimfazwe. Kwaphinda kwasekwa amabandla kwiindawo ezazinawo ngaphambili, ngokukodwa kwimpuma yeSierra Leone eyayidlakazwe yimfazwe. Oovulindlela abakhethekileyo kulo mmandla bathi: “Kwiintlanganiso zethu zokuqala kweza abantu abayi-16, emva koko bayi-36, kwezilandelayo bayi-56, ibe abeza kwiSikhumbuzo babeyi-77! Savuya kakhulu!” Kwasekwa amabandla asithoba amatsha, ewonke ayi-24. Kwagaleleka abathunywa bevangeli abaqeqeshwe eGiliyadi abayi-10, bafaka ifuthe kumsebenzi wokushumayela. Ngo-2004, ababeze kwiSikhumbuzo babeyi-7 594—inani eliliphindaphinda kahlanu elabavakalisi beli lizwe! Kwenzeka into efanayo naseGuinea.

IQumrhu Elilawula yo, lakhupha imali ukuze lincede iimbacu. (Yak. 2:15, 16) Amavolontiya akha okanye alungisa iiHolo zoBukumkani eziyi-12 kunye neHolo yeNdibano eKoindu. Akha neendawo zokuhlala ezenziwe ngezitena zodaka eziyi-42 ukuze kuhlale iintsapho ezinezindlu ezazidlakazwe yimfazwe. Omnye udade ongumhlolokazi oneminyaka emalunga neyi-70, emi ecaleni kwendlu yakhe enophahla lwezinki wathi: “Enkosi Yehova! Enkosi Yehova! Enkosi Bazalwana!”

Iofisi yesebe yaqalisa ukwakha iiHolo zoBukumkani ngemali elungiselelwe amazwe angathathi-ntweni.  USaidu Juanah, umdala novulindlela weBandla laseBo West, uthi: “Omnye udade wathi kum, ‘Ukuba ndikhe ndeva nje ukuba siza kuba neHolo yoBukumkani entsha, ndiza kuqhwaba ngezandla neenyawo!’ Xa ndazisa ukuba siza kufumana iHolo entsha, lo dade nyhani wadanisa evuya—‘eqhwaba’ ngezandla neenyawo!”

Ngo-2010, iBandla laseWaterloo lanikezela iHolo yoBukumkani entsha ekwayiyo neHolo yeNdibano enokuhlala abantu abayi-800. Ngale mini kuthengwa esi siza kwakukho omnye umntu ofuna ukusithenga ngemali enkulu kumnikazi waso. Wathi: “Kungcono isiza sam sisetyenziselwe inkonzo kuneshishini.”

Kule nkqubo yokunceda amazwe angathathi-ntweni, kwakhiwa iiHolo zoBukumkani eziyi-17 eSierra Leone neziyi-6 eGuinea. Ezi Holo azikho yokoyoko kodwa zinesidima, zikhuthaze abantu abaninzi ukuba baye ezintlanganisweni.

Ukufumana Izimvu ZikaYehova Ezilahlekileyo

Njengoko baye besanda abantu abashumayelayo, iofisi yesebe yalungiselela iphulo leenyanga ezimbini lokushumyela kwiindawo ezingafane zisetyenzwe. Abavakalisi bahambisa iincwadi eziphantse zibe yi-15 000 ibe bafumana amava amnandi. Abanye abantu babuza enoba amaNgqina kaYehova akanakulungiselela ukuba kubekho amabandla kwiidolophu ezikufutshane kusini na. Ngenxa yoko, ekugqibeleni kwasekwa amabandla amabini amatsha. Kwenye ilali esemagqagaleni, abazalwana bafumana oodade ababini abaye bahlukaniswa nebandla ngenxa yemfazwe. Abazalwana bakhawuleza balungiselela ukuba kubekho iintlanganiso rhoqo kuze kuqhutywe nezifundo zeBhayibhile eziliqela kuloo lali.

 Ngo-2009, iofisi yesebe yeva ukuba kukho ilali ekumahlathi aseGuinea enabantu abathi bangamaNgqina kaYehova. Xa isebe lathumela abazalwana ukuba baye kuphanda ngoku, lafumanisa ukuba umzalwana wabuyela elalini yakhe emva kokuthatha umhlala-phantsi. Ngaphambi kokuba asweleke, wayefunde namadoda aliqela. Enye yaloo madoda yayikholose ngoYehova ibe yaqalisa ukuncokola nabanye ngeBhayibhile. Yayiqhuba iintlanganiso isebenzisa iincwadi zikamfi. Bekukho iqela ebelikhonza uYehova kangangeminyaka eyi-20 ngaphambi kokuba lidibane nalo mvakalisi. Isebe lakhawuleza lathumela abazalwana ukuze bancede eli qela. Ngo-2012, abantu abalikhulu mashumi asixhenxe anesibini kuloo lali, baya kwiSikhumbuzo sokufa kukaKristu.

Kutshanje, liye landa inani ‘lezimvu ezilahlekileyo’ eziye zafunyanwa. Aba ngabantu abaye bayishiya inyaniso okanye abaye basuswa kubudlelane. Aba nyana neentombi zolahleko baye bajika baza babuyela enyanisweni. Abantu bakaYehova baye babamkela.—Luka 15:11-24.

AmaSilamsi Anyanisekileyo Amkela Inyaniso

Xa wayeshumayela iindaba ezilungileyo kwabanye, umpostile uPawulos waba “zizinto zonke kubantu bazo zonke iintlobo.” (1 Kor. 9:22, 23) Ngendlela efanayo, abakhonzi bakaYehova eSierra Leone naseGuinea bahlengahlengisa iintshumayelo zabo ukuze zilungele abantu abahlukahlukeneyo abadibana nabo. Ngokomzekelo, makhe sibone indlela abanye abavakalisi abaqiqa ngayo namaSilamsi afuna ukumamela. AmaSilamsi lelona qela likhulu lonqulo kuwo omabini la mazwe.

USaidu Juanah, owayekade engumSilamsi uthi: “AmaSilamsi akholelwa ekubeni uAdam wadalwa ngothuli  kodwa waqala waphila kwiparadesi esezulwini. Ukuze ndiwancede ayifumane ingongoma, ndiye ndiwabuze, ‘Lusuka phi uthuli?’

“Athi, ‘emhlabeni.’

“Ndiphinde ndithi, ‘Kufanele ukuba uAdam wadalwa esuka phi?’

“Aphendule athi, ‘emhlabeni.’

“Ukuze ingongoma icace, ndifunda iGenesis 1:27, 28 ndize ndiwabuze, ‘Ngaba abantu abasezulwini banabo abantwana?’

“Aphendule athi, ‘akunjalo. Iingelosi azingawo amadoda okanye amabhinqa.’

“Ndiwabuze, ‘xa uThixo waxelela uAdam noEva ukuba babe nabantwana, babephi?’

“Aphendule athi, ‘emhlabeni.’

“Ndibuze, ‘xa uThixo ebuyisela iParadesi imele ibe phi?’

“Athi, ‘aph’ emhlabeni.’

USaidu uthi, “Le ngxoxo yeZibhalo incede amaSilamsi amaninzi ukuba aphulaphule aze amkele uncwadi lweBhayibhile.”

Makhe sithethe ngoMomoh unovenkile ongumSilamsi owayefuna ukuba nguMfundisi. Xa abathunywa bevangeli baqiqa naye ngeZibhalo, uMomoh waba nomdla. Wafumana iintetho ezithile zocwangciso lwendibano yesiphaluka ibe wakuthanda oko wakuvayo. Kwiintsuku ezine kamva, yena, umkakhe uRamatu nabantwana bakhe abahlanu baya kwiSikhumbuzo sokufa kukaYesu. Emva koko, uMomoh waqalisa ukufunda iBhayibhile. Emva kwezifundo eziliqela wayeka ukuthengisa icuba. Waxelela abathengi ukuba icuba liyingozi ebantwini ibe uThixo akakholiswa lilo. Kwakhona waqalisa ukufundela inkosikazi nabantwana bakhe evenkileni.  Xa abantu beze kuthenga eqhuba isifundo sentsapho wayebacela ukuba bahlale balinde ibe wayebacacisela ukuba isifundo sibalulekile kwintsapho yakhe. Xa yena noRamatu batshata ngokusemthethweni, izalamane zabo zabachasa. Sekunjalo, uMomoh noRamatu bashumayela ngesibindi kwizalamane zabo ibe ekugqibeleni zabahlonela ngenxa yehambo yabo entle. UMomoh wabhaptizwa ngo-2008, ibe yena uRamatu ngo-2011.

Ukuxabisa Ubungcwele Begazi

Abantu bakaYehova baye bayigcina ngesibindi imithetho kaThixo, kuquka naleyo ithetha ngegazi. (IZe. 15:29) Oku kuye kwabangela oogqirha abaninzi baseSierra Leone naseGuinea bayihlonele le mithetho.

Abazalwana bathuthuzela udade osesibhedlele

 Ngo-1978, abazalwana bahambisa incwadana ethi Jehovah’s Witnesses and the Question of Blood koogqirha, oonesi, abasebénzi basezibhedlele, amagqwetha kunye neejaji zaseSierra Leone. Kungekudala emva koko, udade oweyeyokubeleka waqalisa ukophela ngaphakathi, kodwa oogqirha bala ukumnyanga ngaphandle kwegazi. Sekunjalo, omnye ugqirha wavuma ukunceda ngenxa yenkcazelo eluncedo awayeyifunde kwincwadana ethi, Blood. Lo dade wazala inkwenkwana esempilweni waza wachacha.

Malunga no-1991, uGqr. Bashiru Koroma wesibhedlele saseKenema, wafunda incwadana ethi How Can Blood Save Your Life? Echukunyiswe koko kubhalwe apho, waqalisa ukufunda iBhayibhile nokuya kwiintlanganiso zamaKristu. Xa kwabakho inkwenkwe eliNgqina eneminyaka esithoba ubudala eyakrazukelwa sisihlunu esisezantsi kwentliziyo kwingozi, oogqirha bala ukutyanda le nkwenkwe. Baxelela abazali bayo oku, “Hambani nomntwana wenu aye kufela endlini!” Abazali baya kuGqr. Koroma, owalwenza olo tyando ngempumelelo.   

Kungekudala uGqr. Koroma waba nguMzalwana uKoroma—ummeli wonyango olungasebenzisi gazi. Abanye oogqirha babemgxeka ngenxa yale nto, kodwa abo wayebanyanga babechacha ngokukhawuleza. Kamva abanye abasebenza naye babecela uncedo lwakhe xa kufuneka benze utyando olunzima.

Ukususela ngo-1994, iHospital Information Desk yesebe laseFreetown iye yamisela iiKomiti Zokunxibelelana Nezibhedlele eSierra Leone naseGuinea. Ezi komiti ziye zanceda izigulana ezingamaNgqina zaza zeyisela noogqirha abaninzi ukuba basinyange ngaphandle kokusebenzisa igazi.