Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 ISIERRA LEONE NEGUINEA

Ndayithanda ISierra Leone

UCindy McIntire

Ndayithanda ISierra Leone
  • WAZALWA Ngo-1960

  • WABHAPTIZWA Ngo-1974

  • INGXELO YOBOMI Umthunywa wevangeli ukususela ngo-1992. Wayekhonza eGuinea naseSenegal kwaye ngoku useSierra Leone.

ISIERRA LEONE ndayithanda ndineeveki nje ezimbini ndifikile kuyo. Yayindimangalisa into yokubona abantu bethwele imithwalo enzima entloko ngokulula nje. Kwakusoloko kuphithizela elumelwaneni. Abantwana babedlala, bejayiva ezitratweni, beqhwab’ izandla, bexhentsa kumnandi. Kwakukho imibala-bala emihle, imingqungqo nomculo omnandi.

Eyona nto ndiyithandayo kukushumayela. Yinto yabantu baseSierra Leone ukwamkela iindwendwe. Bayayihlonela iBhayibhile baze baphulaphule isigidimi sayo. Badla ngokundimemel’ emakhayeni abo. Xa ndihamba bayandikhapha. Obu bubele babo bundinceda ndinyamezele izinto ezifana nokuphelelwa ngamanzi nokumkelwa ngumbane.

Kuba ndingatshatanga, abantu badla ngokundibuza enoba andikhe ndizive ndinesithukuthezi kusini na. Ndiye ndithi ndinento eninzi yokwenza kangangokuba andinalo ixesha lokuba nesithukuthezi. Ndiphila ubomi obumnandi.