Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Umxholo Wonyaka Ka-2014

“Mabufike UBukumkani Bakho.”—Mateyu 6:10

Umxholo Wonyaka Ka-2014

Malunga neminyaka elikhulu eyadlulayo, uYehova wamisela uYesu njengoKumkani emazulwini. Ukusukela ngoko, abakhonzi bakaThixo baye bashumayela ngenkuthalo ngeentsikelelo eziza kuziswa buBukumkani bukaKristu. Khawufan’ ucinge! Xa kulawula uYesu, umhlaba uza kuba yiparadesi, uzaliswe ngabantu abanothando. Akuzi kubakho bantu baphula umthetho, abalwayo, abagulayo, abasezintlungwini okanye abafayo.

Kungekudala, siza kuzifumana ezi zithembiso. UBukumkani bukaThixo buyinto yokwenene, ibe buza kuzifezekisa zonke iinjongo zikaYehova. Buthandazele ukuba bufike, xelela abanye ngabo uze ucingisise ngazo zonke izinto obuya kukwenzela zona.