Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIERRA LEONE NEGUINEA

1948-1990 ‘Bakhokelele Abaninzi Ebulungiseni’—Dan.12:3. (Inxalenye 2)

1948-1990 ‘Bakhokelele Abaninzi Ebulungiseni’—Dan.12:3. (Inxalenye 2)

Ukuhlonela Umtshato Isipho SikaThixo

UWilliam Nushy waphawula ukuba abanye abavakalisi abaphili ngokwemilinganiselo kaYehova xa kufikwa kumba womtshato. Amanye amadoda namabhinqa ayehlalisana, engawubhalisanga umtshato wawo. Abanye babelandela isithethe sasekuhlaleni sokungatshati de ibhinqa likhulelwe, nto leyo eqinisekisa ukuba xa betshatile baza kuba nabantwana.

Ngenxa yoko, ngoMeyi 1953, iofisi yesebe yabhalela bandla ngalinye ilichazela ngemilinganiselo yeBhayibhile ngomtshato. (Gen. 2:24; Roma 13:1; Heb. 13:4) Izibini zanikwa ithuba lokubhalisa imitshato yazo. Ukuba zazingayenzi loo nto, kwakuza kufuneka zigxothwe ebandleni.—1 Kor. 5:11, 13.

Uninzi lwabavakalisi lwalivuyela eli lungiselelo. Kodwa abanye babesithi akuyomfuneko ukuba kubekwe imiqathango ngalo mba. Kumabandla amabini, abavakalisi abangaphezu kwesiqingatha bayeka ukunxulumana nentlangano kaYehova. Noko ke, abo bahlala benyanisekile bawandisa umsebenzi wabo wokushumayela, nto leyo ebonisa ngokucacileyo ukuba uYehova wayebasikelela.

Emva komgudu omhle owenziwa ngabazalwana, iHolo yoBukumkani yaseFreetown yaduma njengendawo ekuqhutyelwa  kuyo imitshato esemthethweni. NgoSeptemba 3, 1954, abazalwana baqhuba umtshato wokuqala osemthethweni. Kamva, urhulumente wamisela abazalwana abafanelekayo njengabatshatisi kwizithili ezisixhenxe zelo lizwe. Oku kuye kwavulela abantu abangakumbi abanomdla ukuba babhalise imitshato yabo ibe baye bafaneleka njengabavakalisi beendaba ezilungileyo.

Umtshato kwiHolo yoBukumkani

 Kwanabantu abaninzi abatshate isithembu baye benza okuthile, ngaloo ndlela bethobela imilinganiselo kaThixo. USamuel Cooper ngoku ohlala eBonthe uthi: “Ngo-1957, ndaqalisa ukuya kwiintlanganiso nabafazi bam ababini, ibe kungekudala ndabhalisa kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo. Ngenye imini, ndanikwa intetho enomxholo othetha ngomtshato wamaKristu. Njengoko ndandiphanda loo ntetho, ndaphawula ukuba kufuneka ndimgoduse umfazi wam wesibini. Xa ndachazela izalamane, zange zifune nokuva. Ndandinomntwana kumfazi wam wesibini, ngoxa lo wokuqala wayengazali. Kodwa ndandizimisele ukuthobela imigaqo yeZibhalo. Okothusayo kukuba, xa umfazi wam wesibini wabuyela kowabo, umfazi wam wokuqala watsho wazala. Ngoku ndinabantwana abahlanu kumfazi wam owayengazali.”

Xa uHonoré Kamano owayenomdla enyanisweni nohlala ngaphaya komda weGuinea, wagodusa umfazi wesibini nowesithathu, umfazi wakhe wokuqala wakuxabisa oku kangangokuba wenza inkqubela enyanisweni. Nangona wayekhathazekile, omnye waba bafazi wabagodusayo wamhlonela ngenxa yokuba ethobela imigaqo eseBhayibhileni. Wacela ukufundelwa iBhayibhile ibe kamva wanikela ubomi bakhe kuYehova.

AmaNgqina kaYehova adume ngokuwuhlonela umtshato

Namhlanje, amaNgqina kaYehova eSierra Leone naseGuinea adume ngokuwuhlonela umtshato. Ukunyaniseka kwawo emtshatweni kuzukisa uThixo njengoMsunguli womtshato.—Mat. 19:4-6; Tito 2:10.

Ukwahluka Kwezimvo EFreetown

Ngo-1956, uCharles noReva Chappell abaphumelele eGiliyadi, bagaleleka eFreetown. Njengoko babesendleleni  eya ekhayeni labathunywa bevangeli, bothuswa kukubona ibhodi eyayibizela abantu kwintshumayelo yeBhayibhile eyayiseWilberforce Memorial Hall. UCharles uthi: “Isithethi sale ntshumayelo yayinguC.N.D. Jones, ummeli wenkonzo ebizwa ngokuba ‘yiEcclesia of Jehovah’s Witnesses.’”

Lo kaJones, owayesithi ungumthanjiswa wayekhokela iqela elaqhekeka ebandleni laseFreetown kwiminyaka eliqela ngaphambilana. Iqela lakhe lalisithi lona lingamangqina kaYehova “okwenyaniso” ibe lalisithi abathunywa bevangeli nabo bathembekileyo kubameli bentlangano “bangabahananisi” “namaqhitala aseGiliyadi.”

Iimeko zaba mbi ngakumbi xa lo kaJones nabanye kubaxhasi bakhe bakhutshelwa ngaphandle. Lo kaChappell uthi: “Eso saziso sabothusa abanye abazalwana ababenyamezele imvukelo. Abanye bade bathi abaxolanga. Abo bazalwana nabanye baqhubeka beqhogene naba bavukeli, ibe baphazamisa iintlanganiso nenkonzo yasentsimini. Aba bangaxolanga babehlala kunye ezintlanganisweni. Ekugqibeni uninzi lwabo lwayishiya inyaniso. Kodwa abanye baphinda babuya baza bangabavakalisi abakhutheleyo.”

Ukunyaniseka kwabaninzi kwenza umoya kaThixo wasebenza kakuhle. Xa umveleli otyelela amasebe uHarry Arnott waya eFreetown kunyaka olandelayo, wanikela le ngxelo: “Zange lwabakho ulwando olungaka eSierra Leone. Oku kubonisa inkqubela eza kubakho kwikamva.”

Ukufundisa AmaKisi

Emva nje kotyelelo lukaMzalwan’ uArnott, uCharles Chappell wafumana ileta evela kumzalwana oselumelwaneni eLiberia. Lo mzalwana wayefuna ukuqalisa ukushumayela kumaKisi ayeseSierra Leone. WayengumKisi, kwaye olu hlanga luhlala kwiinduli ezinamahlathi nakumathafa  aguguthe iSierra Leone, iLiberia neGuinea. Kuyabonakala ukuba abantu abaninzi abathetha isiKisi babefuna ukwazi iBhayibhile.

Ekubeni uninzi lwamaKisi lwalungakwazi ukufunda nokubhala, kwalungiselelwa iiklasi eKoindu ukuze bafundiswe iinyaniso ezisisiseko zeBhayibhile. Kwezi klasi kweza abafundi abaninzi. UCharles uthi: “Kungekudala iqela laba nabavakalisi abayi-5, baza bayi-10, bayi-15 de bayi-20. Abantu bakhawuleza bayamkela inyaniso kangangokuba ndade ndathandabuza ukuba babenyanisekile. Kodwa ndandizibhudile izingqi. Uninzi lwabo lwalunyanisekile ibe lwalukhuthele!”

Ngenxa yokukhuthala kwabavakalisi, iindaba ezilungileyo zaya kufikelela kwidolophu yaseKoindu ibe ekugqibeleni naselumelwaneni eGuinea. Bashumayela ezifama nasezilalini. UEleazar Onwudiwe owayengumveleli wesiphaluka ngelo xesha uthi: “Kwakugqith’ iiveki, ngamanye amaxesha iinyanga singakhange sive nemoto edumayo.”

Njengoko abazalwana noodade abangamaKisi besanda ibe benkcenkceshela imbewu yoBukumkani, uThixo wakhulisa. (1 Kor. 3:7) Xa elinye intyendyana eliyimfama leva inyaniso, lankqaya incwadana enamaphepha ayi-32 enomxholo othi, “This Good News of the Kingdom.” Kamva xa wayeshumayela okanye eqhuba isifundo seBhayibhile wayezikhumbula zonke iziqendu zale ncwadana, ibe babemangala abantu ababukeleyo. Elinye ibhinqa eliyimfama elamkela inyaniso, latshintsha indlela elaliphila ngayo kangangokuba umolokazana wakowalo waqalisa ukuya kwiintlanganiso, ehamba iikhilomitha ezingaphezu kwezilishumi ukuze aye kufika.

Umsebenzi wokushumayela wawusanda okomlilo wedobo kumaKisi. Kwamiselwa ibandla, ibe emva koko kwabakho nelinye. Abavakalisi abayi-30 baba ngoovulindlela. Usibonda wedolophu yaseKoindu waba nomdla enyanisweni  ibe wanikela ngomhlaba ukuze kwakhiwe iHolo yoBukumkani. Xa abantu abangaphezu kwe-500 baya kwindibano yesiphaluka eKailahun, kwamiselwa ibandla nalapho. Kungekudala isiqingatha samaNgqina aseSierra Leone yaba ngamaKisi, nangona wona engaphantsi kweepesenti ezimbini kubemi balapho.

Abefundisi beecawa zamaKisi abazange bayithande into yokuba kubekho ulwando olungaka. Ngenxa yomona, bazimisela ukuyiphelisa yonke le nto besebenzisa amagunya asekuhlaleni. Umbuzo ophakamayo ngulo, babeza kuyenza njani yaye nini loo nto?