Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ileta Evela KwiQumrhu Elilawulayo

Ileta Evela KwiQumrhu Elilawulayo

Bakhonzi Abangamadlelane Kunye Nathi:

Siyakuvuyela ukunibhalela ekuqaleni kwalo nyaka ubalulekileyo! Ekupheleni kuka-2014, kuza kube kudlule iminyaka eyi-100 uKumkani wethu othandekayo uYesu Kristu elawula phakathi kweentshaba zakhe.—INdu. 110:1, 2.

Ekuqaleni kwalo nyaka wenkonzo, kwintlanganiso yonyaka yeWatch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania, iKomiti yeBhayibhile yeNguqulelo Yehlabathi Elitsha yakhulula iBhayibhile yesiNgesi ehlaziyiweyo neyona iguqulelwe kakuhle kwiiBhayibhile ezikhoyo. UYehova wasebenzisa oonyana bakhe abathanjisiweyo ukuze benze iNguqulelo Yehlabathi Elitsha yokuqala. (Roma 8:15, 16) Loo nto nje iyodwa yenza le nguqulelo ikhetheke, ngaba awuvumelani noko?

 Kangangeminyaka emininzi, ukuguqulelwa kweBhayibhile ibiyeyona nto iphambili kwiKomiti Yokubhala yeQumrhu Elilawulayo. Sithethanje, iNguqulelo Yehlabathi Elitsha epheleleyo okanye iinxalenye zayo ifumaneka ngeelwimi eziyi-121. Siyanibongoza ukuba nibonise uYehova indlela eniyixabise ngayo le Bhayibhile. Yifundeni yonke imihla nize nicamngce ngayo. Ngaloo ndlela niza kusondela ngakumbi kuMbhali wayo, uYehova uThixo.—Yak. 4:8.

Siyachukumiseka xa sisiva ngendlela abaye bajamelana ngayo neemvavanyo abazalwana noodade wethu esibathandayo. Maxa wambi basenokungakwazi ukuba kunye nabazalwana babo. Ngokomzekelo, kwenye intsapho yaseAsia, ubomi basuka batshintsha xa umama welo khaya waf’ umzimba. Noogqirha babedidekile ibe bengakwazi ukumnceda. Yayibuhlungu nyhani ke le! Ngoku umyeni wakhe uchith’ imini nobusuku enyamekele inkosikazi yakhe. Unyana neentombi zabo ezimbini bangumzekelo omhle njengamaKristu ngokuxhasa abazali babo. Le ntsapho kunye nani nonke bamelana ngokuphumelelayo nezilingo ezahlukahlukeneyo ninokulufumana uvuyo olufumaneka ngokunyamezela izilingo ezivavanya ukholo. (Yak. 1:2-4) UYehova uqinisekisa abathanjiswa nezinye izimvu ukuba ziya konwaba xa ziqhubeka zinyamezela izilingo, kuba ziya kusikelelwa ngesipho sobomi obungunaphakade!—Yak. 1:12.

Abebeze eSikhumbuzweni kulo nyaka uphelileyo babeyi-19 241 252. Kuyakhuthaza ukubona abantu abaninzi bezukisa uYehova noYesu Kristu ngokuza kweyona ntlanganiso ibalulekileyo yonyaka yabantu bakaThixo!  Ebudeni bexesha leSikhumbuzo, abantu abazizigidi bamzukise ngokuba ngoovulindlela abangabancedani ngoMatshi nangoAprili. Ikhuthaza ngokwenene loo nto! Siye sakuvuyela nokuva ukuba abo bangoovulindlela abangabancedani ebudeni benyanga yotyelelo banokuhlala de iyophela intlanganiso yoovulindlela, enoba utyelelo alukho ngoMatshi nangoAprili. Abantu abaphaphileyo ngokomoya bayayibona imfuneko yokuhlala bexakekile zizinto ezenziwa libandla nangomsebenzi wokushumayela. Ukuxakeka kusinceda sihlale somelele ukuze uMtyholi angalwenzi buthathaka ukholo lwethu aze asiwise.—1 Kor. 15:58.

Kuyakhuthaza ukuphawula ukuba ebudeni bonyaka wenkonzo odlulileyo abantu abayi-277 344 baye bafuzisela uzahlulelo lwabo ngokubhaptizwa emanzini ibe sithethanje basendleleni yobomi kunye nabazalwana babo abasehlabathini lonke! (Mat. 7:13, 14) Kufuneka sibaxhase aba basebatsha ukuze ‘bazinze elukholweni.’ (Kol. 2:7) Qhubekani nikhuthazana ukuze ninyamezele de kube sekupheleni. (Mat. 24:13) “Yithuthuzeleni imiphefumlo edandathekileyo, baxhaseni ababuthathaka, nizeke kade umsindo kubo bonke.” (1 Tes. 5:14) Ngamana ngamnye kuthi ‘angathandaza ngokungapheziyo’ esithi: “Mabufike ubukumkani bakho.”—1 Tes. 5:17; Mat. 6:10.

Ncedani niyinandiphe le Ncwadi Yonyaka nize nazi ukuba sithanda ngamnye kuni bathandi bakaYehova!

Abazalwana benu,

IQumrhu Elilawulayo LamaNgqina KaYehova