Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 UKUSHUMAYELA NOKUFUNDISA EHLABATHINI LONKE

Amazwe AseAsia NakuMbindi Mpuma

Amazwe AseAsia NakuMbindi Mpuma
  • AMAZWE 47

  • ABEMI 4 282 178 221

  • ABAVAKALISI 674 011

  • IZIFUNDO ZEBHAYIBHILE 672 318

Ukunceda Indoda Engaboniyo, Engevayo Nengakwaziyo Ukuthetha

Ngo-1999, ibandla lentetho yezandla laseKobe eJapan, leva ukuba kukho indoda engevayo egama linguHirofumi. Xa omnye umzalwana watyelela ekhayeni layo, unina wayengafuni ukuba ibonwe. Lo mzalwana waqhubeka esiya kweli khaya ecela ukubona uHirofumi kunina, ekuhambeni  kwexesha wamvumela waza wamzisa emnyango. Iinwele neentshebe zakhe zazidlakadlaka. Xa umjonga yayingathi ngumntu lo okhe wavaleleka kwisiqithi esikude esingenabantu yaye wayengathi akanazimvakalelo. UHirofumi wayengeva yaye engaboni nokubona. Lo mzalwana wayothuka le nto kodwa wambamba izandla waza wathetha naye esebenzisa intetho yezandla yabantu abangaboniyo nabangevayo. Zange afumane mpendulo. UHirofumi wagqibela ukuthetha kwiminyaka elishumi eyadlulayo, ngaphambi kokuba ayeke ukubona, ngoko wayeneminyaka eyi-31.

Lo mzalwana waphinda wamtyelela emva kweentsuku ezimbini. Unina kaHirofumi wayothuswe yinto yokuba lo mzalwana engade ancame nakuba eyibonile imeko yakhe. Lo mzalwana waphinda wacela ukubon’ uHirofumi, unina wamzisa emnyango. Emva kwenyanga lo mzalwana ehamba kweli khaya engaphendulwa nguHirofumi, unina wakhe wathi makangazikhathazi ngokuphinda eze. Sekunjalo, akazange aphele mandla. Weza necebo lokubabonisa ukuba ubakhathalele ngokubaphathela iicake. Emva kweenyanga ezimbini esiya uHirofumi engaphenduli, lo mzalwana wayesithi imizamo yakhe iphelela emoyeni.

Lo mzalwana wagqib’ ekubeni aye okokugqibela kweli khaya. Ngaphambi kokuba aye, wathandazela ukuba uYehova amncede abone enoba usafanele aqhubeke esiya kusini na kuHirofumi. Akufika kweli khaya, wathatha isandla sikaHirofumi, ibe ethetha ngentetho yezandla wathi, kukho uThixo onegama elinguYehova owayehlala  emjongile ngoxa esezulwini ibe uyiqonda kakuhle intlungu yakhe kunaye nawuphi na omnye umntu. UYehova umkhathalele ibe ufuna ukumhlangula kuxinezeleko. Yilo nto iNgqina lakhe lize apha. Ekuqaleni uHirofumi akazange aphendule; kodwa wamxhawula wamqinisa lo mzalwana ibe iinyembezi zazehlela. Echukunyiswe koku, lo mzalwana wantywizisa naye. Kwaqaliswa isifundo seBhayibhile.

Emva kokufundelwa iminyaka eyi-11, uHirofumi waqalisa ukuya kwibandla akufutshane nalo, kunokuba njengoko ebeqhele ukwenza ahambe indlel’ ende esiya kwibandla lentetho yezandla. Akukho nokuba abe mnye kwelo bandla owayeyazi intetho yezandla, kodwa kwiinyanga eziyi-18 ezalandelayo, abazalwana noodade  abayi-22 kwelo bandla bafunda intetho yezandla ngeenjongo zokunceda uHirofumi. NgoJanuwari ka-2012, uHirofumi wanikela intetho yakhe yokuqala kwiSikolo SoBulungiseleli Sobuthixo, ibe wayenayo netoliki. Ngo-Oktobha waloo nyaka, waba ngumvakalisi ongabhaptizwanga.

Ufunda Noonogada

UFloren onguvulindlela, ohlala kwiiPhilippines, uqhuba izifundo zeBhayibhile eziyi-25, ibe uninzi lwazo ngoonogada. Aba nogada badla ngokusebenza ebusuku. Ngenxa yoko, uFloren kufuneka abe bhetyebhetye. Ubayela emsebenzini aze afunde nabo xa besathathe ikhefu okanye ngelinye ixesha elingazi kubaphazamisa emsebenzini. Ezinye izifundo uziqhuba ukususela ngentsimbi yesixhenxe ukuya kutsho ngeyeshumi elinanye ebusuku, ukanti ezinye uziqhuba ukususela ngentsimbi yesihlanu ukuya kutsho ngentsimbi yesithoba kusasa. Maxa wambi ufika xa kanye beza kutshintshana. Ngenxa yoko, ufundela unogada oza kungena emsebenzini nosandul’ ukuphuma. UFloren uthi: “Ngenxa yokuba ndinezifundo ezininzi, ndonwabe kakhulu.” Sithethanje abanye kwaba nogada bayaya kwiintlanganiso eHolweni yoBukumkani. Omnye wabo sele ebhaptiziwe ibe unguvulindlela othe ngxi.

KwiiPhilippines: UFloren eqhuba isifundo seBhayibhile ekuseni

Babexolele Nantoni Na

Ngenye imini enethayo eArmenia, oodade ababini ababesentsimini babona umama nentombi yakhe besendleleni, baza babanika iphecana. Aba dade bothuka xa lo mama, onguMarusya, esithi yena nentombi yakhe, uYeva, babephandle kuloo mvula kuba befuna ukudibana namaNgqina kaYehova. Kwakutheni? Ubhuti kaMarusya wayifumana inyaniso esentolongweni kubazalwana  ababebanjelwe ukungathathi cala kwezopolitiko. UMarusya wayecinga ukuba ubhuti wakhe uza kuphuma entolongweni esendlongondlongo. Endaweni yoko, waphuma ezolile kunakuqala. Njengoko wayeqhubeka efunda namaNgqina, ubhuti kaMarusya watshintsha kakhulu. UMarusya nentombi yakhe babedidekile kuba babedla ngokubona izinto ezithetha kakubi ngamaNgqina kaYehova kwiibhodi ezixhonyiweyo nakwiinkqubo zikamabonwakude. UYeva wayezibuza esithi: ‘Utshintshe nyhani ngoku umalume. Kutheni ke kuthethwa kakubi ngamaNgqina kaYehova?’ Ezimisele ukufumana impendulo yalo mbuzo, wathi kumama wakhe: “Asinakuze sibazi aba bantu ngaphandle kokuba siziyele kubo. Masiye kukhangela amaNgqina kaYehova ngoku, size kuyeka ukudideka.” Benza oko kanye ngosuku abadibana ngalo naba dade. Kwiintsuku ezimbini kamva, kwaqaliswa isifundo seBhayibhile kunye nalo mama nentombi yakhe. Baqalisa ukuya ezintlanganisweni yaye sele benze inkqubela kangangokuba bangabavakalisi abangabhaptizwanga.

Iimagazini Ezeza Nabantwana

EIstanbul, eTurkey: Umzalwana osebenzisa incwadana ethi, Iindaba Ezilungileyo eshumayela ngayo esitratweni

Kwisixeko saseAdana eTurkey, ibhinqa elalineengxaki zobuqu nezentsapho nelalicinga ngokuzibulala, lafumana iimagazini ezimbini phambi komnyango walo. Kubonakala ukuba abantwana baselumelwaneni bazichola esitratweni ezi magazini baza bazishiya kwikhaya leli bhinqa becinga ukuba zezalo. Eli bhinqa lachukumiseka gqitha lakufunda amabali obomi akwezi magazini, laze nalo lanqwenela ukuba ubomi balo butshintshe ngendlela efanayo. Eli bhinqa lafowunela inombolo yefowuni ebhalwe kwenye yezi magazini, le nombolo yaphumela komnye udade onguvulindlela ohlala kufuphi nalo. Baqala ukufunda kunye iBhayibhile. Eli bhinqa lakuthanda oko lalikufunda kangangokuba lathi linomnqweno wokuya ezintlanganisweni.  Kwathi kanti lihlala kufuphi neHolo yoBukumkani. Laqala kwangoko ukuya kwiintlanganiso ibe alibuyi mva.

Ukuvalelwa Entolongweni Iintsuku Ezilishumi Akuzange Kumtshintshe

UBam waseNepal, owayelipolisa nowayehamb’ icawa, wadibana nesibini esingoovulindlela abakhethekileyo endleleni ngoxa wayesemsebenzini. Wachukunyiswa yinto yokuba baphendula yonke imibuzo yakhe besebenzisa iBhayibhile. UBam wavuma ukufundelwa iBhayibhile, ibe wakhawuleza waqalisa ukuya kwiintlanganiso. Njengoko wayeqhubeka efunda, waqalisa ukukhathazwa sisazela ngenxa yomsebenzi awayewenza kangangokuba wacela kubaphathi bakhe ukwenza umsebenzi waseofisini, owawungazokufuna ukuba aphathe umpu. Abaphathi bakhe bavuma. Noko ke, emva kokuba eye kwindibano yesithili, uBam waphinda wakhathazwa sisazela ibe wagqiba ekubeni ayeke kwaphela ukuba lipolisa.

Inkosikazi kaBam yayingasithandi isigqibo esenziwa ngumyeni wakhe, kuba ukuba lipolisa kwakunganeli nje ukumenza ahlonelwe ekuhlaleni kodwa wayefumana nomvuzo oncumisayo, iingenelo ezithile nemali yomhlala phantsi eninzi. Ukuze ameyisele ekubeni atshintshe isigqibo sakhe wathi, “Ukuba uqhubeka ulipolisa, ndiyakuthembisa myen’ wam ndiza kufunda iBhayibhile namaNgqina.” Lakungasebenzi eli qhinga, wacenga umphathi wamapolisa ukuba abambe umyeni wakhe, ngethemba lokuba uza kutshintsha. Emva kokuba evalelwe iintsuku ezilishumi, uBam wakhululwa kodwa wayesazimisele ukukhangela omnye umsebenzi. Wasebenza njengorickshaw okutheth’ ukuthi wayesebenza iiyure ezininzi ebethwa lilanga. Phezu kwako nje oko, uBam wayonwabile. Waqhubeka esenza inkqubela wade wangumvakalisi.  Ekuhambeni kwexesha, inkcaso yenkosikazi yathomalala. Ngenxa yokuba abazalwana noodade ebandleni babebonisa ububele kuye, waqalisa ukufunda iBhayibhile. UBam waqhubeka eyinyamekela intsapho yakhe, efumana imali engaphezu kwale wayeyifumana eselipolisa. Wabhaptizwa kwindibano eyayingoFebruwari 2013, ibe ngoku inkosikazi kunye nonyana wakhe baya kunye naye kwiintlanganiso.

ENepal: Xa uBam watshintsha umsebenzi wakhe, yena nentsapho yakhe benza inkqubela

Wayefuna Ukuba Nguvulindlela Ongumncedani

UMyeong-hee, udade ohlala eKorea unengxaki komnye umlenze wakhe ngenxa yokuba waba nesiphene eneminyaka emibini. Ukhawuleza adinwe yaye ngamanye amaxesha uyawa. Ngaphezu koko, unengxaki yokothuka ibe namayeza awasebenzisayo ayamgulisa. UMyeong-hee uphefumla nzima ibe uxinezeleko alufumanayo lumenza aqaqanjelwe. Nangona enezi ngxaki, uMyeong-hee wayefuna ukuba nguvulindlela ongumcedani yaye ukwenzile oko phantse nyanga nganye kule minyaka mibini idlulileyo. Uyambulela uYehova ngokumnika amandla okukwazi ukushumayela.

“Kudlule Iminyaka Eyi-30 Oko Ndiyikhangela!”

UAgnes ongumthunywa wevangeli eIndonesia, wayedla ngokushumayela komnye umama owayekhulelwe. Lo mama wayethengisa imifuno kwimarike yasekuhlaleni. Wayekuthanda ukuba neencoko zeBhayibhile nokufunda iimagazini zethu xa engaxakekanga. Ngenye imini xa uAgnes waya kumkroba emarikeni, wafika engekho. Umyeni walo mama wamchazela uAgnes ukuba inkosikazi yakhe isandul’ ukuba nosana. UAgnes waya kumbona.  Wamphathela incwadi ethi Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile njengesipho. Lo mama wothuka xa uAgnes eze kubona yena nosana lwakhe. Kodwa eyona nto yamothusayo sisipho awayesiphathelwe. Wasiqhaqha, wathi akusibona, wathi: “Uyifumana phi le ncwadi? Kudlule iminyaka eyi-30 oko ndiyikhangela! Akukho venkile ndingayihambanga ibe ndibuze abant’ abaninzi ngayo. Ayaziwa, akukho nomntu onayo, akukho nenye incwadi esondelayo kule.” Kubonakala ukuba xa wayesemncinane, umalume walo mama wayenayo Incwadi Yamabali EBhayibhile yaye wayekuthanda ukuyifunda. Ngoku, lo mama uyaphinda ukuyifunda le ncwadi ibe intombi yakhe enkulu iyayithanda nayo. Bobabini baqhutyelwa isifundo seBhayibhile.

EIndonesia: UAgnes nencwadi eyayisisipho