Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 UKUSHUMAYELA NOKUFUNDISA EHLABATHINI LONKE

Amazwe AseYurophu

Amazwe AseYurophu
  • AMAZWE 47

  • ABEMI 741 892 871

  • ABAVAKALISI 1 601 915

  • IZIFUNDO ZEBHAYIBHILE 862 555

“Awulahlekanga?”

Ibhinqa laseSomalia elihlala eSweden lamenyelwa kwiintlanganiso eHolweni yoBukumkani ibe lagqiba ekubeni liye. Izinto azizange zihambe kakuhle. Akukho nokuba abe mnye umntu owalamkelayo; abantu abalapho basuka nje balijonga. Laliziva lingakhululekanga. Umntu othile owaphawulayo ukuba alikhululekanga walibuza, “Awulahlekanga?”

 Lathi: “Ewe, nam ndicinga njalo!” Emva koko lahamba. Xa eli bhinqa laphinda ladibana nala maNgqina ayelimemile, lacaphuka laza lawaxelela ukuba alizi kuphinda liy’ apho. Azibuza ukuba kwenzeke ntoni, kuba awakhumbuli elibona eHolweni yoBukumkani. Emva kokuba bencokole, abona ukuba laliye ecaweni.

La maNgqina alikhuthaza ukuba liphinde liye eHolweni yoBukumkani. Lavuma ukuba liza kuya, kodwa lathi alizi kuhlala ngaphezu kwemizuzu eyi-10 ukuba liziva lingakhululekanga. Noko ke, xa lalingena eHolweni yoBukumkani, lamkelwa ngumntu wonke. Lakuvuyela ukuba kwiintlanganiso kangangokuba laba ngumntu  wokugqibela ukuphuma eHolweni yoBukumkani. Ukususela ngoko, liya rhoqo kwiintlanganiso ibe ngoku libhaptiziwe.

Wachola Isimemo Esitratweni

EGrisi: Ngoku uStergios wabelana nabanye ngobuncwane awabufumanayo

UStergios, ngumfana ohlala eGrisi. Xa wayevela emsebenzini ngenye intseni, wakhetha ukuhamba ngesitrato esahlukileyo kuneso aqhele ukuhamba ngaso. UStergios wabona into eyatsala amehlo akhe esitratweni. Yayisisimemo seSikhumbuzo sokufa kukaKristu. Sasinombuzo othi: “Umjonga njani uYesu?” UStergios wonqena ukusichola esi simemo kuba kwakukho abantu. Ukufika kwakhe ekhaya wacinga ngombuzo okwisimemo ibe wayefuna ukwazi okungakumbi.

UStergios wayeza kudibana nabahlobo bakhe ngaloo mva-kwemini. Endleleni eya kubo, wahamba ngesitrato awayebone kuso isimemo, enethemba lokuba uza kufika sisekhona. Sasisekhona, kodwa waphinda wonqena ukusichola kuba kwakusekho abantu. Emva kokuba edibene nabahlobo bakhe, endleleni egodukayo uStergios waya ngqo kwesa sitrato sinesimemo ibe sasisekhona. Wasichola waza wasifunda. Wagqiba ekubeni aye eSikhumbuzweni.

Emva kweSikhumbuzo, uStergios wavuma ukufundiswa iBhayibhile ekhayeni lakhe. Waqalisa ukuya kwiintlanganiso ibe wenza inkqubela ebandleni. Wabhaptizwa kwindibano ekhethekileyo yosuku olunye ngoMatshi 2013.

 Inkqubo Kanomathotholo Yakhulisa Umdla

NgoJanuwari 2010, omnye umzalwana waseCopenhagen, eDenmark, ogama linguFinn wathatha iimagazini zakhe waza waphuma ukuze nje olule imilenze. Njengoko wayehamba kwesinye isitrato, wabona enye indoda esele ikhulile isiza ngakuye. Lo mzalwana wayihambisela iimagazini zikaDisemba 2009, ezazinamanqaku aliqela athetha ngeKrismesi. Yathi nje isakuvul’ umlomo, uFinn weva ilizwi layo waza wayiqonda ngoko nangoko ukuba ingubani. Yayingumsasazi kanomathotholo ofunde wayityekeza. Ngosuku olulandelayo, uFinn waphulaphula inkqubo yale ndoda waza wothuswa kukuyiva isithi iye yamkela iimagazini. Emva koko yafunda iinxalenye ezithile zala manqaku kunomathotholo. Phakathi kwezinye zezinto eyazifundayo, yayingumba wenkwenkwezi engaqondakaliyo eyavela ngexesha uYesu awazalwa ngalo. Yavuma ukuba le nkwenkwezi yayithunyelwe nguSathana uqobo.

Evuyiswa yindlela ezi magazini ezamkelwa ngayo, uFinn wagqiba ekubeni atyelele lo msasazi. Kwincoko ababa nayo, uFinn wabuza ukuba ayinakwenzeka na into yokuba kubekho inkqubo kanomathotholo ethetha ngemixholo yeBhayibhile. Wafumana impendulo encumisayo kwiiveki ezimbini emva koko. Kwabakho iinkqubo ezingaphezu kweziyi-30 zeeyure ezimbini ezazithetha ngamaNgqina kaYehova neBhayibhile. Lo msasazi kunye noFinn babekhetha umxholo bawuxubushe baze baphendule imibuzo emininzi yabantu ababefowuna kule nkqubo.

Omnye umphulaphuli wafowunela umntu osemaqosheni kwesi sitishi sikanomathotholo waza wamnika inombolo yakhe. Wayefuna abazalwana bamfowunele. Kwenzeka njalo ke. Kwakusele kudlule iminyaka emininzi lo mphulaphuli esiva abahlobo nentsapho yakhe ithetha kakubi ngamaNgqina kaYehova, kodwa ngoku wayeka ukungawathandi amaNgqina ngenxa yezi nkqubo zikanomathotholo. Wafundiswa iBhayibhile  ibe ngo-2013 waya kwiSikhumbuzo nakwintetho ekhethekileyo. Uya kuzo zonke iintlanganiso zangeCawa ibe ugqabaza kamnandi kwiSifundo seMboniselo. Kukho nabanye abantu abakule ngingqi abaye banomdla enyanisweni ngenxa nje yezi nkqubo zikanomathotholo.

Isimemo Wasifaka Phantsi Komnyango

Yayilusuku lokugqibela lwendibano yesithili eItaly. Njengoko uLucio wayevalelisa kubahlobo bakhe, esinye isibini sasondela ngakubo. ULucio wabuza esi sibini ukuba sikweliphi ibandla. Sathi: “Akukho bandla sisuka kulo.”

ULucio wabuza: “Nimenywe ngubani?”

Sathi: “Sizizele.”

Ngoku uLucio waba nomdla, ibe wabuza, “Ukuba anikhathazeki ndicela ukubuza ukuba yintoni enenze neza?”

Sathi, “Safumana isimemo phantsi komnyango ibe sagqiba ekubeni size.”

Xa bachazela uLucio apho bahlala khona, uEster unkosikazi wakhe wathi: “Sashiywa ndim eso simemo! Yayilusuku lokugqibela lwephulo lokuhambisa izimemo, ibe ndacinga ukuba kunokuba ndizilahle izimemo ezingasebenzanga mandizifake ngaphantsi kweminyango yamakhaya angenabantu.” Emva kokuba sifumene isimemo, esi sibini sagqib’ ekubeni sithathe uhambo oluya kwiHolo leNdibano siphulaphule ucwangciso ngeCawa elandelayo. Emva kokuba bencokole ixeshana, uLucio noEster bamema esi sibini kwisidlo ekhayeni labo ibe baqhubeka nencoko. Esi sibini savuma ukufundiswa iBhayibhile. Sisilungiselela kakuhle isifundo, ibe ngoku siyaya size sigqabaze kwiintlanganiso.