Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 UKUSHUMAYELA NOKUFUNDISA EHLABATHINI LONKE

Amazwe AseOceania

Amazwe AseOceania
  • AMAZWE 29

  • ABEMI 39 508 267

  • ABAVAKALISI 96 088

  • IZIFUNDO ZEBHAYIBHILE 63 333

“Ndiyakuqonda Oko Kufundiswayo”

UFreda ongevayo wavuya kakhulu akuva ukuba yena nodade omfundisa iBhayibhile baza kuya kwibandla lokuqala lentetho yezandla ePapua New Guinea. Eli bandla lamiselwa ngoMatshi 1, 2013. Yaphucuka kakhulu indlela uFreda awayeziqonda ngayo izinto emva kokuba ezibeke ecaleni iincwadi zakhe waza wanikela ingqalelo kwintetho yezandla nasekujongeni  eqongeni. Ngenxa yoko, akazange ayikholelwe into yokuba wayengasenazintloni zokugqabaza, kangangokuba wayegqabaza kangangezihlandlo eziliqela ebudeni beentlanganiso. NgoAprili 2013, waba ngumvakalisi ongabhaptizwanga ibe uyaphumelela ekumemeni abanye abantu abangevayo ukuba baye naye kwiintlanganiso. Xa wabuzwa isizathu sokuba alile ebudeni beentlanganiso, waphendula wathi, “Ngenxa yokuba ngoku ndiyakuqonda oko kufundiswayo.”

Wangena Emotweni Engeyiyo

Njengoko wayesiya kwingxubusho yentsimi, uBarbara waseOstreliya wamisa imoto yakhe ecaleni ukuze ajonge ukuba uyiphethe na incwadi abhala kuyo amabuyelo. Kwasuka kwavuleka ucango lwemoto kwaza kwangena elinye ibhinqa.

UBarbara wathi: “Uxolo, kodwa ingathi ungene emotweni engeyiyo.”

Eli bhinqa lathi: “Ndiyaxolisa, bendicinga ukuba nguwe lo uze kundithatha.” Xa labona iiMboniselo nooVukani! bakaBarbara, eli bhinqa lathi, “Ndandiqhele ukufumana ezi ncwadi kwabanye oosisi ababini ababendifundisa iBhayibhile kwiminyaka eyadlulayo.” UBarbara wanika eli bhinqa ezi magazini waza kamva waqalisa isifundo seBhayibhile.

‘Iileta Ezisuka KuThixo’

ENew Zealand: UViolet ushumayela kubantu abaninzi ngokubabhalela iileta

UViolet ngudade osele ekhulile oneminyaka eyi-82 ohlala eChristchurch, eNew Zealand. Uhlala ethumela iileta ezineencwadi zeBhayibhile kumakhaya agcina  abantu abadala okanye abagulayo. Oomongikazi bathi xa besisa ezi leta, bafika abantu abadala bekulangazelela ukuzifunda kuba bathi zisuka kuThixo. Abanye baye bafunde baze batshintshiselane ngezi leta noncwadi olukuzo, abanye baye bancede abo bakhathazwa ngamehlo ngokubafundela. Aba mongikazi baphinde bathi abo bazifundayo ezi leta noncwadi olukuzo bazolile, babujonga kakuhle ubomi ibe baseluxolweni xa bethelekiswa nabangazifundiyo. Xa ethetha ngemizamo yakhe yokushumayela,  uViolet uthi: “UYehova usandisebenzisa nangoku ukuba ndincede abanye. Ukushumayela kwabanye kukhuthaza nam.”

Wafunda Ngeentyantyambo

“Sele ndiyifundile leyo.” Le yimpendulo yomnini-mzi eyothusa uBernie ngenye intsasa yangoMgqibelo xa wayehambisa iMboniselo kwisiqithi saseSaipan. Wayethe nqa ukuba uBernadette, ongumfundi wasekholejini, wayesele eyifunde nini le magazini. UBernie wavula ibhegi yakhe waza wakhupha enye imagazini. UBernadette wathi, “Sele ndiyifundile naleyo.” Ebhidekile, uBernie wabuza: “Uzifunde phi ezi magazini? UliNgqina elihambele apha?” UBernadette wathi akaloNgqina kodwa ezi magazini wazifunda kwi-intanethi. Ngenye imini xa uBernadette wayekhangela inkcazelo engakumbi ngeentyantyambo kwi-Intanethi, wabhala igama elithi “roses” ibe waba nomdla kwinqaku elithi: “Alluring Roses From Africa” (Ubuhle Beerozi ZaseAfrika) kuVukani! okwiWebhsayithi yamaNgqina kaYehova. UBernadette wathi kuBernie wakuvuyela ukulifunda eli nqaku kangangokuba wade wafuna ukufunda namanye amanqaku kwiWebhsayithi yethu. Ekuqaleni wayefunda kakhulu ngezityalo nangezilwanyana kodwa kamva wabona nezinye izinto ezibangel’ umdla zeBhayibhile. Ebona umdla kaBernadette, uBernie wacela ukumfundisa iBhayibhile ibe wabuya emphathele incwadi ethi, Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? Xa uBernie watyelela uBernadette kwisihlandlo sesithathu, baxubusha isahluko sokuqala sale ncwadi. Kwadlula nje unyaka, uBernadette wabhaptizwa ngoNovemba 2012. Wakhawuleza wenza inkqubela kangangokuba abahlobo bakhe bathi, uBernadette “wangena ebaleka” enyanisweni. Ngokuqinisekileyo iwebhsayithi yamnceda.