Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 IMBALASANE ZONYAKA ODLULEYO

Iividiyo Zoopopayi Zichukumisa Iintliziyo Ezinyanisekileyo

Iividiyo Zoopopayi Zichukumisa Iintliziyo Ezinyanisekileyo

USihle, inkwenkwana ekungcelele lweevidiyo ze-jw.org ezinomxholo othi, Yiba Ngumhlobo KaYehova, waziwa emhlabeni wonke. Ividiyo yokuqala yale nkwenkwana ithandekayo sele iguqulelwe ngeelwimi ezingaphezu kweziyi-130, ibe kuye kwafika iileta ezininzi ezithetha ngolu ngcelele lweevidiyo.

Intombazana eneminyaka eyi-11 kunye nodade wayo oneminyaka eyi-8 baye bathumela le leta ithi: “Sifuna ukunikela kumsebenzi wokushumayela owenziwa ehlabathini lonke. Le mali siyifumene ngokukhulisa iinkomo ezimbini saza sazithengisa. Amagama azo yayinguBig Red noEarl. Sifuna ukuninika le mali kuba sifuna nenze ezinye iimuvi ezithi, Yiba Ngumhlobo KaYehova. Siye sacinga  ukuba kungaba mnandi xa uSihle enokufumana udade wabo omncinane kuze kufuneke amelane nokungasoloko kuhoywe yena yedwa. Imuvi kaSihle yeyona siyithandayo!”

Abantwana abaninzi baye bayinkqaya yonke le vidiyo, kuquka ingoma kunye namazwi ombalisi. Omnye udade wabhala wathi, kwibandla lakhe elinabavakalisi abayi-100 kukho abantwana abayi-40, uninzi lwabo lungaphantsi kweminyaka elishumi. Wayehleli ngaphambilana xa ingoma 120 yaculwayo kuza kuqukunjelwa iintlanganiso. Waba nyembezana xa weva bonke abantwana beyicula ngehlombe le ngoma yabo.

Omnye umakhulu wathi, emva kokuba umzukulwana wakhe ebukele le vidiyo kangangezihlandlo ezibini, wathi: “Kufuneka ndiqoqoshe igumbi lam ukuze abantu bangawiswa zizinto zam zokudlala baze bonzakale.” Kangangokuba ezimisele kwinto awayefuna ukuyenza wathi akazukutya engekaliqoqoshi igumbi lakhe.

Kwenye ilali yaseMzantsi Afrika, abantwana abaninzi babephuma bengena suku ngalunye kwelinye ikhaya lamaNgqina. Abanye abantu babecinga ukuba oku kungenxa yokuba kwelo khaya kwakukhe kwathengiswa iilekese. Kwathi kanti aba bantwana babebizwe ngabanye ukuze babukele ividiyo yoopopayi ethi, Phulaphula, Thobela Uze Usikelelwe ngolwimi lwabo—isiXhosa. Ngenye imini kwakukho abantwana abayi-11 ngexesha elinye, bonke bewazi ngentloko amazwi engoma.

E-Ecuador, amakhwenkwana amabini angengomaNgqina nathetha isiQuichua, uIsaac nomntakwabo oneminyaka emihlanu uSaul, ayedla ngokugcina imali yawo  yokuzithengela izinto ezimnandi ukuze athenge imipu namakrele okudlala kunye neethoyi ezingabantu abalwayo. Ngenye imini umama wala makhwenkwana wawacela ukuba aqoqoshe igumbi lawo aze afake izinto zawo zokudlala kwibhokisi ephantsi kwebhedi. Kamva, la makhwenkwana anikwa iDVD ethi, Yiba Ngumhlobo KaYehova njengesipho, aza ayibukela kunye. Emva kweveki, njengoko umama wawo wayecoca indlu, wafumanisa ukuba la bhokisi yezinto zokudlala, yayinemoto kuphela. Wawabuza wathi, “Ziphi izinto zokudlala?” Aphendula athi, “UYehova akazithandi eza zinto, sizilahle emgqomeni.” Ngoku xa abanye abantwana bedlala ngezinto ezikhuthaza ugonyamelo, uIsaac uthi kubo: “Sanukudlala ngezo zinto. UYehova akazithandi!”

ECroatia: Iingoma zoBukumkani zichukumisa iintliziyo zabantwana abancinane