Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Umboniso Obangel’ Umdla

Umboniso Obangel’ Umdla

Umboniso Obangel’ Umdla

Ngo-Oktobha 2012, eBrooklyn, eNew York, kuye kwaqaliswa umboniso omtsha wokufundisa nokubonisa abantu imbali yamaNgqina kaYehova. Lo mboniso ubalaselisa ubunzima neengozi abatyhubela kuzo abo babefuna ukuxelisa uKristu.

Kwiveki nje yokuqala yalo mboniso, kweza iindwendwe namalungu entsapho yaseBheteli angaphezu kwayi-4 200. UNaomi, iNgqina elihlala kufutshane neBheteli, waya kuzibonela lo mboniso emva nje kokuba ugqityiwe. Wathi: “Indlela le miboniso elandelelaniswe ngayo ngeminyaka yandinceda ndazi amaxesha kunye nesizathu sokuba izinto zenzeke ngendlela ezenzeka ngayo. Ndifunde lukhulu ngentlangano yethu nangembali yayo.”

Ukhenketho luqala kwimbali yamaKristu esusela ngo-33 C.E. ukuza kuthi ga ngoku. Le mbali yahlulahlulwe  yangamacandelo amane. Candelo ngalinye lisekelwe kwiSibhalo esithile, ibe litshayelelwa yividiyo emfutshane yesiNgesi enamagama angezantsi ngeelwimi ezisixhenxe.

Icandelo lokuqala elinomxholo othi, “Abantu Bathande Ubumnyama,” licatshulwe kumazwi kaYesu akuYohane 3:19. IBhayibhile yayithe emva kokuba abapostile befile “kuya kusuka amadoda aze athethe izinto ezijijekileyo.” (IZenzo 20:30) Abo babenobuganga bokuphikisana nala madoda ajijekileyo babesohlwaywa kanobomi.

Icandelo elilandelayo elahluke mpela, elinomxholo othi, “Ukukhanya Makukhanye,” licatshulwe kumazwi akweyesi-2 kwabaseKorinte 4:6. Eli candelo libonisa izinto ezenzeka kwiminyaka engasekupheleni kwee-1800 xa abafundi beBhayibhile abanyanisekileyo baqalisa ukuzifunda kakuhle iZibhalo. Bazishiya iinkolelo ababenazo ezingekho seBhayibhileni baza bashumayela ngesibindi ngeenyaniso  ezikhanyayo. Eli candelo likwathetha nangezinto ezininzi abazifundayo nangokwanda kwabo ngaphambi nje kweMfazwe Yehlabathi Yokuqala.

Igumbi elilandelayo libalaselisa enye into eye yaphunyezwa ngamaNgqina kaYehova, ekusathethwa ngayo nanamhlanje. Ngo-1914 Abafundi BeBhayibhile (igama awayebizwa ngalo amaNgqina kaYehova ngelo xesha) baqalisa ukubonisa abantu i-“Photo-Drama of Creation.” Le vidiyo idibanisa imifanekiso kunye namazwi arekhodiweyo, yabukelwa zizigidi ngezigidi zabantu. Kuqukwe nemifanekiso ethatyathwe kwi-“Photo-Drama of Creation,” ividiyo emfutshane ebonisa ingabula zigcawu yayo kunye nemifanekiso emibala-bala engaphezu kwe-500.

Icandelo lesithathu elibonisa indlela uSathana awayewatshutshisa ngayo amaKristu, linomxholo othi, ‘Inamba Yaqumba,’ ibe licatshulwe kwiSityhilelo 12:17. Apha  kuthethwa ngendlela amaKristu awayengathathi cala ngayo ngexesha lemfazwe. Ngaphandle kwemifanekiso nezinto zakudala, kukho neziqwenga zeevidiyo ezibonisa amalinge okunyanzela abantu abafana noRemigio Cuminetti waseItali, ongazange avume ukunxiba iyunifomu yomkhosi nokulwa kwiMfazwe Yehlabathi Yokuqala ngenxa yesazela sakhe. Enye ibalisa ngoAlois Moser waseAustria, ongazange avume ukuthi “Heil Hitler!” waza ngenxa yaloo nto wagxothwa emsebenzini, wabanjwa waza wavalelwa kwinkampu yoxinaniso yaseDachau. Kukho nesisele esimnyama esinemifanekiso ebonisa iindawo awayevalelwe kuzo amaNgqina kaYehova ngenxa yokholo lwawo eGrisi, eJapan, ePoland, ilizwe elalikade liyiYugoslavia nakwezinye iindawo.

Icandelo lokugqibela elinomxholo othi “Iindaba Ezilungileyo Zeentlanga Zonke,” lona lisekelwe kwiSityhilelo 14:6 kwaye libonisa imisebenzi eyenziwa ngamaNgqina kaYehova kutshanje. Kukho imifanekiso emininzi exhonywe eludongeni, ebonisa indlela abazalwana abaqhubeka beshumayela ngayo, kunye nendlela abalubonisa ngayo uthando. Ngaphambi ngokuba iindwendwe zihambe, kukho iindawo ezigqitha kuyo ukuze zibuke imifanekiso yezakhiwo ezazisetyenziswa ngamaNgqina kaYehova kwiminyaka engaphezu kweyi-100 eyadlulayo, njengeBible House neBrooklyn Tabernacle.

Lo mboniso wembali use-25 Columbia Heights, eBrooklyn, eNew York. Umntu ofuna ukuwubona uvumelekile ukuza ngoMvulo ukusa ngoLwesihlanu, ngo-8:00 a.m. ukusa ngo-5:00 p.m. Akungenwa ngamali. Yiza uze kuzibonela lo mboniso wembali ubangel’ umdla eNew York City.