Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ingxelo Ngezomthetho

Ingxelo Ngezomthetho

Ingxelo Ngezomthetho

Umpostile uPawulos wabongoza amaKristu esithi: “Bakhumbuleni abo bakwimixokelelwane yentolongo ngokungathi benibotshwe kunye nabo.” (Heb. 13:3) Njengabakhonzi bakaYehova, asilulibali ukholo oluboniswa ngabazalwana noodade wethu ibe sithandazela “bonke abo bakwizikhundla eziphakamileyo; ukuze siqhubeke siphila ubomi bokuzola noboxolo ngozinikelo lobuthixo nokundileka okupheleleyo.”—1 Tim. 2:1, 2; Efe. 6:18.

Apha ngezantsi kubaliswa ngemiba yezomthetho amaNgqina kaYehova aye abandakanyeka kuyo ebudeni balo nyaka uphelileyo:

Nangona iCawa YobuOthodoki yaseRashiya nabameli bakarhulumente bezama ukuwuvala umsebenzi wabazalwana bethu eRashiya, abazalwana “baqhubeka  ngaphandle kokuyekelela befundisa kwaye bevakalisa iindaba ezilungileyo.” (IZenzo 5:42) Abasemagunyeni baseRashiya basebenzisa imithetho ngendlela engeyiyo, nxamnye neencwadi zethu nakubazalwana, ngezityholo zokuba bandisa ubugrogrisi. Umphumo wezi zityholo kukuba iinkundla zaseRashiya ziye zaziyekisa iincwadi zethu ezimalunga neziyi-70 kuba zisithi iimbono neengcamango ezikuzo ziyingozi. Kuba kusitshiwo, abanye abasemagunyeni baye bagqogqa iiHolo zoBukumkani namakhaya abazalwana ukuze bafumane ezi ncwadi. Amapolisa aye avalela aza afota amaNgqina awafumene eshumayela, ngamanye amaxesha ade awatyityimbisele umnwe.

Ukusela ngoMeyi 2013 abazalwana noodade abayi-16 besixeko saseTaganrog barhuqelw’ enkundleni ngenxa  yokuba besiya baze babe nenxaxheba kwiintlanganiso zamaKristu nasekushumayeleni. Esi sisihlandlo sokuqala amaNgqina ebanjwa ngenxa yokholo lwawo ukususela kwixesha eyayeka ngalo ukulawula iSoviet Union. Abanye eRashiya baya ezinkundleni befuna ukuba iincwadi zethu ziyekwe ukusasazwa ngezityholo zokuba zineembono neengcamango eziyingozi, okunye abakufunayo kukuba abazalwana bavalelwe entolongweni ngezityholo zentiyo yonqulo.

Iimeko abakuzo abazalwana bethu e-Eritrea azikatshintshi. Ukususela ngoJulayi 2013, kwakukho amaNgqina ayi-52 abanjiweyo, kuquka abazalwana abasibhozo abaneminyaka eyi-70 noodade abathandathu. UPaulos Eyassu, uIsaac Mogos noNegede Teklemariam babanjwa ngoSeptemba 24, 1994, kuba bengavumi ukuya emkhosini ngenxa yezazela zabo.

AmaNgqina angaphezu kwesiqingatha sababanjiweyo akwintolongo yaseMeiter, ekumntla wesixeko iAsmara. Ukususela ngo-Oktobha 2011 ukuya kutsho ngoAgasti 2012, amagunya ase-Eritrea afaka abazalwana abayi-25 kwisisele esenziwe ngecangci, enye inxalenye yaso ingaphantsi komhlaba. Ehlotyeni, unogada wesi sisele uye awavumele amabanjwa aphume ebudeni bemini ukuze abaleke ubushushu obugqatsayo. Kodwa ke abazalwana abafumani kutya namanzi oneleyo, loo nto ibabetha empilweni. Okubuhlungu kukuba uYohannes Haile umzalwana ona-68 wafa ngoAgasti 2012 ngenxa yale mpatho-mbi, kwenzeka okufanayo nakuMzalwan’ uMisghina Gebretinsae ngo-2011.