Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

EDOMINICAN REPUBLIC

Waba Ngowokuqala Kwabangevayo Owafumana Inyaniso

UJosé Pérez

Waba Ngowokuqala Kwabangevayo Owafumana Inyaniso
  • WAZALWA Ngo-1960

  • WABHAPTIZWA Ngo-1982

  • IBALI LOBOMI Ngenxa yothando lwabazalwana uJosé wayithanda inyaniso esengumfana, nangona kwakungekho mntu wazi intetho yezandla ebandleni.

NDABA sisithulu ndisemncinane ndaza ndafunda kwisikolo sabazizithulu. Ndadibana nenyaniso xa ndandineminyaka eyi-11. Enye intsapho yamaNgqina eyayihlala kufuphi nasekhaya yandimemela kwiintlanganiso. Nangona ndandingayiva into ethethwayo, ndamkelwa ngobubele ndaza ndazixelela ukuba ndiza kusoloko ndisiza kwezi ntlanganiso. Abaninzi ebandleni babendimemela kwizidlo nakwezinye izinto.

Ngo-1982 ndaba ngumvakalisi, ndaza ndabhaptizwa ekupheleni kwaloo nyaka. Ngo-1984 ndatshata noEva, naye owayengeva. Nangona sasingayazi ngokupheleleyo iBhayibhile, uthando esasilubona lwasenza saqonda ukuba le yintlangano kaYehova yaye sasikuvuyela ukuba sebandleni.—Yoh. 13:35.

Ngo-1992 kwenziwa amalungiselelo okufundisa abanye abazalwana noodade iNtetho Yezandla YaseMerika. Kungekudala aba bavakalisi baqalisa ukushumayela kubantu abazizithulu. Ngo-1994, intsimi yentetho yezandla yafumana umfutho xa isebe lamema isibini sasePuerto Rico ukuba siye kufundisa intetho yezandla kubazalwana noodade abayi-25.

Ekupheleni kwaloo nyaka, mna noEva saqalisa ukuya kwiqela elalisandul’ ukusekwa lentetho yezandla. Saqalisa ngelo xesha ke ukuzazi ngokupheleleyo iimfundiso eziseBhayibhileni ezifana nocelomngeni lukaSathana kulongamo lukaYehova kunye nendima yoKumkani onguMesiya kwinjongo kaThixo.

NgoDisemba 1, 1995, kwasekwa amabandla eNtetho Yezandla eSanto Domingo naseSantiago. NgoAgasti 2014, kwakusele kukho amabandla entetho yezandla ayi-26 kunye namaqela ayi-18.

Mna noEva safundisa abantwana bethu intetho yezandla. Unyana wethu omdala, uÉber, ungumguquleli wentetho yezandla kwisebe laseUnited States. Ndisisicaka solungiselelo ebandleni, yena uEva nguvulindlela othe ngxi.