Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IIMBALASANE ZONYAKA ODLULILEYO

Ingxelo Yezomthetho

Ingxelo Yezomthetho

IARMENIA Inelungiselelo Lemisebenzi Enokwenziwa Ngabo Bangafuniyo Ukuya Emkhosini, Elihlonipha Ukungathathi Cala KwamaKristu

EArmenia: Urhulumente wanika abanye babazalwana imisebenzi abamele bayenze endaweni yokuya emkhosini kwimimandla esemagqagaleni. Ngoxa belapho, baqhubeka beshumayela iindaba ezilungileyo ngenzondelelo

Ngo-2013, urhulumente waseArmenia wamisela ukuba kubekho imisebenzi enokwenziwa ngabo bangafuniyo ukuya emkhosini, evumela amaNgqina kaYehova ukuba angakhetha ukwenza loo misebenzi kunokuya ejele kuba isazela sawo singavumi ukuba abe semkhosini. NgoJanuwari 2014 isebe lakhupha ingxelo yokuba bayi-71 abazalwana abaye benza le misebenzi. Ngokomzekelo, abanye babo basebenza kwigumbi lokupheka okanye bancedise abongikazi esibhedlele. Abaphathi baye bathetha kakuhle kakhulu ngendlela abasebenza ngayo nabazimisele ngayo aba bazalwana ekwenzeni imisebenzi enzima. Abazalwana bavuya kakhulu ngokwenza le misebenzi kuba ibangela izazela zabo zihlale zicocekile. * Omnye umzalwana uthi, “Simbulela ngokwenene uYehova ngeli lungiselelo lokwenza eminye imisebenzi endaweni yokuya emkhosini. Lisinceda singathathi cala size kwangaxeshanye simnqule ngokukhululekileyo.”

IDOMINICAN REPUBLIC Okwesihlandlo Sokuqala Ivumela Ukuba AmaNgqina Atshatise

Ngo-1954, iDominican Republic yenza isivumelwano neVatican, sokuba ibe ngamaRoma Katolika kuphela anelungelo lokutshatisa. Ukuba abo baza kutshata abatshatiswa ngamaRoma Katolika, babenokutshatiswa ligosa likaRhulumente. Noko ke, ngo-2010, urhulumente weza nomgaqo-siseko omtsha onika abameli bezinye iinkonzo ilungelo lokutshatisa. Urhulumente walungiselela uqeqesho lwabo bafuna amaphepha-mvume okwenjenjalo. Iofisi yesebe yaseDominican Republic yakhetha abadala abayi-30 ukuba baye kolo qeqesho. Bangaphezu kwe-2 000 abantu abafaka izicelo zokuba namaphepha-mvume okutshatisa, kodwa bayi-32 kuphela abawafumanayo, abayi-30 kubo ngabadala ababethunyelwe lisebe.

EINDIYA Ndizimisele Ukushumayela Ngesibindi

USundeep noDeepalakshmi Muniswamy

NgoJanuwari 27, 2014, iKomishoni Ejongene Namalungelo Abantu Yelizwe LaseKarnataka yawisa isigwebo sokuba uMphathi weSikhululo Samapolisa iOld Hubli uye wanyhasha amalungelo kaMzalwan’ uSundeep Muniswamy kuba akazange amkhusele xa wayehlaselwa lihlokondiba ngoJuni 28, 2011. Le Komishoni yamfumanisa enetyala lokunyhasha amalungelo abantu lo Mphathiswa, yaza yayalela urhulumente waseKarnataka ukuba amohlwaye. Ayizange iphelele apho, yayalela nokuba kuhlawulwe uMzalwan’ uMuniswamy iirupee eziyi-20 000 (R3 600). Yathi le mali mayitsalwe kumrholo walo Mphathi.

UMzalwan’ uMuniswamy uthi yena nentsapho yakhe bayambulela uYehova ngesigqibo esinje yaye bazimisele ukuqhubeka beshumayela iindaba ezilungileyo ngesibindi. Esi sigqibo salomeleza ukholo lwaba bazalwana saza saqinisa ithemba abanalo lokuba uYehova uyabakhusela abantu bakhe. Sabangela nokuba abasemagunyeni bakhusele amalungelo amaNgqina kaYehova eKarnataka. Ityala lolwaphulo-mthetho elisondele kweli ababebekwa lona uMzalwan’ uMuniswamy nomnye umzalwana lisalindele ukuxoxwa enkundleni.

EKYRGYZSTAN ISigqeba Somgaqo-siseko SeNkundla Ephakamileyo Sikhusela Ilungelo Lomntu Lokungayi Emkhosini Ngenxa Yesazela Sakhe

Usuku lwangoNovemba 19, 2013 yaba lolona suku kubantu abanezazela ezingavumiyo ukuba baye emkhosini. ISigqeba Somgaqo-siseko seNkundla Ephakamileyo sawisa isigwebo kumatyala ayi-11 amaNgqina kaYehova saza sathi ilungiselelo laseKyrgyzstan lokwenza eminye imisebenzi endaweni yokuya emkhosini alikho kumgaqo-siseko. Umthetho wawufuna ukuba abo benza le misebenzi bahlawule umkhosi imali. Wawukwafuna nokuba babhalise ukuze xa begqiba loo misebenzi bancedise emkhosini xa kuyimfuneko. Sona iSigqeba Somgaqo-siseko sagqiba kwelokuba kukunyhasha ilungelo lomntu lokunqula ngokukhululekileyo ukumnyanzela ukuba enze oku. Ekugqibeleni, kwiinyanga ezimbalwa zokuqala konyaka ka-2014, iNkundla Ephakamileyo yaseKyrgyzstan yasebenzisa isigqibo seSigqeba Somgaqo-siseko yaza yakhulula amaNgqina kaYehova ayi-14 awayecinezelwe ngumthetho wangaphambili. Ezi zigqibo zaphelisa umlo weminyaka esixhenxe wokufumana ilungelo lokukhonza ngokukhululekileyo njengabantu abangayiyo emkhosini ngenxa yezazela. Ukuzimisela kwala matyendyana azolileyo kuphakamisa igama likaYehova yaye kusenza simnqule ngokukhululekileyo kwiRiphabliki yaseKyrgyz.

EKyrgyzstan: Abazalwana abayi-11 abaye bakhululwa entolongweni

ENIGERIA “UYehova Undivuzile”

EAbia, eNigeria, amaNgqina kaYehova asoloko egrogriswa yaye ekwaywa kuba engafuni ukungenelela imibutho yelali *—eyenza izinto ezinogonyamelo, namasiko anento yokwenza nokunqula imimoya. Ngenye intsasa, ngoNovemba 2005, amalungu ombutho welali yaseAsaga Ohafia ahlasela umzi kaMzalwan’ uEmmanuel Ogwo nomkakhe aza aphanga zonke izinto zabo esithi yintlawulo yokuba lilungu. Bashiyeka nje nempahla ababezinxibile. Ngo-2006, abahlali bamgxotha uMzalwan’ uOgwo emzini wakhe naselalini. Ngoko yena nomkakhe babalekela kumzi womzalwana okwenye ilali. Kunyaka olandelayo uMzalwan’ uOgwo wabuyela emzini wakhe, kodwa nangoko yayingayekanga ingcinezelo yokuba angenelele umbutho welali. Xa wayecela ukuba kubuyiselwe izinto zakhe, wayeba ngathi utheth’ emoyeni.

Ekugqibeleni, ngoAprili 15, 2014, iNkundla Ephakamileyo yaseAbia yathethelela uMzalwan’ uOgwo, isithi unelungelo lokuzikhethela iqela labantu afuna ukuba kunye nabo nonqulo. Izinto zikaMzalwan’ uOgwo zabuyiselwa kuye yaye amaNgqina akasakwaywa njengakuqala ngabahlali, ibe sithetha nje abazalwana baseAsaga Ohafia bashumayela ngokukhululekileyo.

UMzalwan’ uOgwo uthi, Xa kwakuchazwa isigqibo efikelele kuso inkundla, “Ndanditakataka yimincili. Ndandingakwazi ukuzibamba. Ndandivakalelwa kukuba uYehova uphumelele yaye iingelosi zandixhasa. UYehova undivuzile.”

ERASHIYA Bayavuma Ukuba Kusetyenziswe IWebhsayithi Yethu I-jw.org

Iingxaki ebezikho zomthetho kubazalwana bethu baseRashiya “ziye zaphumela ekuhanjiselweni phambili kweendaba ezilungileyo” kweli lizwe. (Fil. 1:12) Nangona amagosa karhulumente kunye neenkokheli zonqulo ziluchasa ngokukrakra unqulo lwethu, abazalwana baseRashiya abayilahli ingqibelelo yabo ibe uYehova uyayisikelela imigudu abayenzayo.

Enye into ebonisa oku, luloyiso lwasemthethweni olwenzeka kwisixeko saseTver’. Ngo-2013, iofisi yomtshutshisi eTver’ yafaka isimangalo kwinkundla yasekuhlaleni sokuba kungabikho mntu usebenzisa i-jw.org kulo lonke elaseRashiya. Loo nkundla yema nalo mtshutshisi ingakhange ibachazele abameli bamaNgqina kaYehova ngeli tyala. Abazalwana bethu bathi bakuva ngesigqibo saloo nkundla babhena. NgoJanuwari 22, 2014, iNkundla Yenqila yaseTver’ yasirhoxisa isigqibo senkundla engaphantsi yaza yamela amaNgqina kaYehova. Ngoncedo lukaYehova kunye nemithandazo yabazalwana bethu abasehlabathini, ngoku inkoliso yabazalwana bethu baseRashiya iyayisebenzisa iWebhsayithi yethu i-jw.org.

ITURKEY Ayiyeki Ukunyhasha Ilungelo Lomntu Lokungayi Emkhosini Ngenxa Yesazela

UBariş Görmez, oliNgqina likaYehova eTurkey, wavalelwa iminyaka emine kuba wayengafunanga ukuya emkhosini. Ngoxa wayevalelwe, waphathwa kabuhlungu ngamapolisa kuba ayemkhaba embetha nokumbetha. Nasesiseleni iimeko zazingekho ntle. Ekubeni uMzalwan’ uGörmez emde kakhulu, wayengakwazi ukulala kuloo bhedi yasentolongweni. Ngoko wanikwa enye yesibini kodwa wayesalala exwesile yaye egogekile. Kamva, abaphathi bentolongo bavuma ukuba alale kumatrasi omkhulu awayewunikwe libandla.

Ngo-2008, uMzalwan’ uGörmez namanye amaNgqina amathathu bafaka isimangalo kwiNkundla yaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu, besithi iTurkey inyhasha inkululeko yabo yokunqula ngokungalijongeli ntweni ilungelo labo lokungayi emkhosini ngenxa yezazela zabo. NgoJuni 3, 2014, iNkundla yathethelela amaNgqina amane * yaza yayalela urhulumente waseTurkey ukuba ahlawule umonakalo neendleko zabazalwana. Esi sisihlandlo sesithathu iNkundla yaseYurophu ithethelela amaNgqina kaYehova nxamnye neTurkey kulo mba. Ngoxa engekho amaNgqina kaYehova avalelweyo eTurkey ngoku, le ngxaki ayisoze icombululeke ngokupheleleyo de iTurkey iyamkele into yokuba banelungelo lokungayi ukuya emkhosini ngenxa yezazela zabo.

Iindaba Ezintsha Ngeengxelo Zangaphambili

EAzerbaijan: Abazalwana basagqogqwa ngamapolisa ezintlanganisweni, iincwadi zabo ezithetha ngeBhayibhile zisahlolwa, bayabanjwa xa beshumayela yaye kwenziwa nezinye izinto ezinyhasha amalungelo abo. Urhulumente yena usaqhubeka engafuni ukubhalisa amaNgqina kaYehova njengenkonzo esemthethweni. Kwafakwa izimangalo eziyi-19 kwiNkundla yaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu ezimangalela iAzerbaijan ngezi zinto. Phezu kwawo nje loo mahlandinyuke, intsikelelo kaYehova iyabonakala kulwando lwabavakalisi. Ukukhululwa kweNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele ngesiAzerbaijan kwabachwayitisa nangakumbi abazalwana.

E-Eritrea: Abazalwana bethu kwela lizwe basaqhubeka bemkhonza ngokuthembeka uYehova ngoxa benyamezele intshutshiso eqatha. Ukususela ngoSeptemba 24, 1994, sele ingunyaka we-20 lo abazalwana abathathu, uPaulos Eyassu, uIsaac Mogos, noNegede Teklemariam bethothoza ejele. Abasemagunyeni e-Eritrea babamba amaNgqina amalunga nayi-150 kunye nabantu abanomdla ababeseSikhumbuzweni sokufa kukaKristu ngoAprili 14, 2014. Babamba abantu abaphakathi kweenyanga eziyi-16 neminyaka engaphezu kweyi-85. Baphinda babamba amanye amaNgqina angaphezu kwamalunga nayi-30 awayekwintetho ekhethekileyo ngoAprili 27, 2014. Amanye akhululwa.

EKazakhstan: UMbutho Wezonqulo uye awazamkela iintlobo eziyi-14 zeencwadi zethu ukuba zingene kule Riphabliki yaseKazakhstan okanye zisasazwe kule ntsimi. Kwakhona, abazalwana bethu abakakwazi ukuthetha ngokukhululekileyo ngeenkolelo zabo kweminye imimandla ngaphandle kweendawo abanqulela kuzo, yaye bamalunga ne-50 abazalwana ababanjwe kuba kusithiwa bayashumayela. Ukuze kukhuselwe inkululeko yokuthetha yomntu ngamnye, kwafakwa izimangalo eziyi-26 kwiKomiti Elwela Amalungelo Abantu Yezizwe Ezimanyeneyo.

^ isiqe. 1 Ukwenza eminye imisebenzi endaweni yokuya emkhosini nokungayenzi kuxhomekeke esazeleni somKristu ngamnye.

^ isiqe. 1 Umbutho welali unabantu, ngokuqhelekileyo amadoda akhule kunye nahlala kwilali enye.

^ isiqe. 2 Ityala 14017/08 LikaBuldu Nabanye nxamnye neTurkey, NgoJuni 3, 2014