Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

“Kukholekile Kuwe Ukwenza Ngaloo Ndlela”

“Kukholekile Kuwe Ukwenza Ngaloo Ndlela”

“Uzifihle ngenyameko ezi zinto kwizilumko nakwabo baziingqondi, wazityhilela iintsana.”—LUKA 10:21.

1. Yintoni eyabangela ukuba uYesu avuye kakhulu ngenxa ‘yomoya oyingcwele’? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

KHAWUBE nombono kaYesu evuya kakhulu ngenxa ‘yomoya oyingcwele.’ Mhlawumbi wayencumile kwaye imincili ibhalwe ebusweni. Kwakwenzeke ntoni? Kaloku wayesandul’ ukuthuma abafundi bakhe abayi-70 ukuba baye kushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. Ekubeni kwakukho iintshaba ezinamandla ezazichase iindaba ezilungileyo, wayefuna ukubona ukuba baza kuqhuba njani. Phakathi kwezo ntshaba, singabala ababhali nabaFarisi, ababefunde bade bayityekeza kwaye bekrelekrele. Babefuna abantu bajonge uYesu njengomchweli nje, baze abafundi bakhe bajongwe ‘njengabantu abangenamfundo nabaqhelekileyo.’ (IZenzo 4:13; Marko 6:3) Sekunjalo, aba bafundi babuya bevuya kakhulu. Kaloku babekwazile ukushumayela bechaswa benjalo, nkqu needemon zibhokile! Yintoni eyabanceda baqhubeka bevuya kwaye benesibindi?—Funda uLuka 10:1, 17-21.

Abantu bakaThixo baye baphucula indlela abafundisa ngayo ngokubeka izinto ngendlela elula necacileyo

2. (a) Abafundi bakaYesu babefana njani neentsana? (b) Yintoni eyabanceda baqonda iimfundiso ezinzulu zeBhayibhile?

2 UYesu wathi kuYehova: “Ndiyakudumisa esidlangalaleni, Bawo, Nkosi yezulu nomhlaba, ngenxa yokuba uzifihlile ezi zinto kwizilumko nakwiingqondi, wazityhilela iintsana. Ewe, Bawo, kuba kwakholeka kuwe ukwenza ngaloo ndlela.” (Mateyu 11:25, 26) Kwakutheni ukuze uYesu athi abafundi bakhe ziintsana? Kungenxa yokuba babekulungele ukufundiswa njengabantwana, bengafani nezifundiswa ezingababhali nabaFarisi ezazicinga ukuba ziyazi. Babefunde ukuthobeka kunokuba babe nekratshi. (Mateyu 18:1-4) Ukuthobeka kwabo kwabangela ukuba uYehova asebenzise umoya oyingcwele wakhe ukubanceda baqonde iimfundiso ezinzulu zeBhayibhile. Kwelinye icala, iinkokeli zonqulo zamaYuda ezazifile likratshi zazivalwe amehlo nguSathana nalikratshi lazo.

3. Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

3 Wayefanele uYesu ukuvuya kangaka! Wayevuyiswa kukubona indlela uYehova afundisa ngayo izinto ezinzulu zeBhayibhile kubantu abathobekileyo, kungakhathaliseki ukuba banemfundo engakanani. UThixo akatshintshanga, le ndlela yokufundisa usayamkela nanamhlanje. Uyibonisa njani loo nto? Kweli nqaku, siza kubona indlela uYehova abafundisa ngayo izinto ezinzulu zeBhayibhile abantu abathobekileyo namhlanje.

UKUCACISA IIMFUNDISO EZINZULU KUBANTU BONKE

4. Ibe luncedo ngaziphi iindlela IMboniselo ebhalwe lula?

4 Kutshanje, intlangano kaThixo iye yabalaselisa indlela ekubaluleke ngayo ukubeka izinto ngendlela elula necacileyo. Makhe sithethe ngemizekelo emithathu onokuyibona kuyo le nto. Okokuqala, sinohlelo lweMboniselo ebhalwe ngendlela elula. * (Funda umbhalo osemazantsi.) Iluncedo kakhulu kubantu abaninzi, kuquka nabo banengxaki nokulufunda ulwimi okanye abangalwazi kakuhle. Iintsapho zifumanisa ukuba abantwana bayiva bhetele le Mboniselo. Abaninzi baye basibhalela bebulela. Omnye udade uthe ebedla ngokoyika ukuphendula kwiSifundo SeMboniselo. Kodwa ngoku akasoyiki! Emva kokusebenzisa uhlelo olubhalwe lula, ubhale wathi: “Ngoku ndigqabaza ndigqabazile, novalo andisenalo! Ndiyambulela uYehova nentlangano yakhe.”

5. Ziziphi ezinye zezinto esinceda ngazo INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele ehlaziyiweyo?

5 Okwesibini, sineNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele ehlaziyiweyo, ekhululwe ngesiNgesi kwintlanganiso yonyaka kaOktobha 5, 2013. * (Funda umbhalo osemazantsi.) Kolu hlelo izibhalo ezininzi zisebenzisa amagama ambalwa, kodwa intsingiselo ayitshintshanga kwaye kulula ukuyiqonda. Ngokomzekelo, uYobhi 10:1 ebenamagama ayi-27, kodwa ngoku ayi-19, kanti iMizekeliso 8:6 ibinamagama ayi-20, ngoku ayi-13. Zombini ezi vesi zicace nangakumbi kolu hlelo lutsha. Omnye umthanjiswa obekhonza uYehova kangangeminyaka uthe, “Ndisandul’ ukufunda incwadi kaYobhi kuhlelo olutsha, kwaye ndisuke ndangathi ndiyaqala ukuyiva!” Baninzi abaye bathetha into efanayo.

6. Uvakalelwa njani ngengcaciso entsha kaMateyu 24:45-47?

6 Okwesithathu, kutshanje siye saphucula indlela esiziqonda ngayo izibhalo ezithile. Ngokomzekelo, “ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi” liye lacaciswa nangakumbi kwiMboniselo kaJulayi 15, 2013. (Mateyu 24:45-47) Eli nqaku lithe ikhoboka elithembekileyo liQumrhu Elilawulayo. Kwaye ‘impahla yendlu’ ngabathanjiswa kunye “nezinye izimvu,” maqela lawo ondliwa likhoboka elithembekileyo. (Yohane 10:16) Siyakuthanda ukufunda ezi mfundiso kwaye siyakuvuyela ukufundisa abanye abantu ngazo! Ziziphi ezinye iindlela uYehova abonisa ngazo ukuba uyayamkela into yokuba abantu bafundiswe ngendlela elula necacileyo?

INGCACISO ELULA YEENGXELO ZEBHAYIBHILE

7, 8. Yiyiphi eminye imizekelo yeengxelo zeBhayibhile ebezimela into enkulu yexesha elizayo?

7 Ukuba sele uneminyaka ukhonza uYehova, kusenokwenzeka ukuba uluphawule utshintsho kwindlela esizicacisa ngayo ezinye iingxelo zeBhayibhile. Bekukade kuqhelekile ukuba ezinye iingxelo zichazwe njengezimela into enkulu yexesha elizayo. Ingxelo ibiye ichazwe ngokuthi ingumfuziselo, ize loo nto iyifuziselayo ibizwe ngokuba yeyokoqobo. Ngaba zikho izizathu ezivakalayo zokuba kucaciswe iingxelo zeBhayibhile ngale ndlela? Ewe zikho. Ngokomzekelo, uYesu wathetha ‘ngomqondiso kaYona umprofeti.’ (Funda uMateyu 12:39, 40.) Wacacisa ukuba ixesha elalichithwe nguYona esiswini sentlanzi lalimela ixesha uYesu awayeza kulichitha engcwabeni.

Ukholo lwethu luyomelela xa sifunda ezi ngxelo zeBhayibhile kunye noko zikufuziselayo

8 Zikho nezinye iingxelo zeBhayibhile ebezimela into enkulu yexesha elizayo. Umpostile uPawulos wazichaza zaliqela. Ngokomzekelo, ulwalamano olwaluphakathi kuka-Abraham kunye noHagare noSara lwalumela ulwalamano olwaluphakathi koYehova kunye namaSirayeli okoqobo nenxalenye esezulwini yentlangano kaThixo. (Galati 4:22-26) Ngendlela efanayo, umnquba, itempile, uMhla Wocamagusho, umbingeleli omkhulu nezinye izinto ekuthethwa ngazo kuMthetho ‘zazisisithunzi sezinto ezilungileyo eziza kuza.’ (Hebhere 9:23-25; 10:1) Ukholo lwethu luyomelela xa sifunda ezi ngxelo zeBhayibhile kunye noko zikufuziselayo. Kodwa ngaba loo nto ithetha ukuba bonke abantu, iziganeko, nezinto ekuthethwa ngazo eBhayibhileni zingumfuziselo wenye into?

9. Ingxelo yeBhayibhile ethetha ngoNabhoti ibikade ichazwa njani ngaphambili?

9 Ngaphambili, iincwadi zethu bezikade zisithi umntu, isiganeko okanye into nganye echazwe kwezinye iZibhalo zingumfuziselo. Ngokomzekelo, uKumkanikazi uIzebhele ongendawo wayalela ukuba kubulawe uNabhoti ukuze umyeni wakhe, uAhabhi, azifumanele isidiliya sikaNabhoti. (1 Kumkani 21:1-16) Ngo-1932, IMboniselo yesiNgesi yathi uAhabhi noIzebhele babefuzisela uSathana nentlangano yakhe, uNabhoti efuzisela uYesu, kwaye ukufa kukaNabhoti kona kufuzisela ukubulawa kukaYesu. Kodwa ke, ngo-1961, incwadi ethi “Let Your Name Be Sanctified,” yathi uNabhoti wayefuzisela abathanjiswa kwaye uIzebhele efuzisela iNgqobhoko. Kwaye ukutshutshiswa kukaNabhoti nguIzebhele kwakufuzisela ukutshutshiswa kwabathanjiswa ngemihla yokugqibela. Ezi ngcaciso zaluqinisa ukholo lwabantu bakaThixo kangangeminyaka emininzi. Kutheni ke ngoku sizichaza ngendlela eyahlukileyo izinto?

10. (a) Ikhoboka elithembekileyo lilumka njani xa licacisa iingxelo zeBhayibhile ezithile? (b) Yintoni ezigxininisa kuyo iincwadi zethu kule mihla?

10 Kule minyaka idluleyo, uYehova uye walinceda “ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi” ukuba lilumke. Njani? Ngoku ikhoboka elithembekileyo liyakuphepha ukuchaza ingxelo yeBhayibhile njengefuzisela enye into, ngaphandle kwaxa kukho isizathu esicacileyo esikwiZibhalo sokwenjenjalo. Ezinye iingcaciso zangaphambili zezinto ezifuziselayo nezokoqobo bekunzima ukuziqonda, ukuzikhumbula nokuzisebenzisa. Okubaluleke nangakumbi kukuba, xa bekugxininiswa kakhulu kwintsingiselo efuziselayo yeengxelo zeBhayibhile, ibiye ingacaci eyona nto siyifundayo kuzo. Ngenxa yoko, kule mihla iincwadi zethu zigxininisa kwizifundo ezilula eziphathelele ukholo, ukunyamezela, ukuzinikela kuThixo nezinye iimpawu esinokuzifunda kwiingxelo zeBhayibhile. *—Funda umbhalo osemazantsi.

Umzekelo kaNabhoti usifundisa lukhulu (Jonga isiqendu 11)

11. (a) Siyiqonda njani ngoku ingxelo ethetha ngoNabhoti, kwaye umzekelo wakhe usinceda njani? (b) Kutheni kunqabile kutshanje ukuba iincwadi zethu zithethe ngezinto ezifuziselayo? (Jonga “Imibuzo Evela Kubafundi” ekule Mboniselo.)

11 Ngoku itsho yacaca kwaye yalula indlela esiyiqonda ngayo ingxelo ethetha ngoNabhoti. UNabhoti akazange abulawe ngenxa yokuba efuzisela uYesu okanye abathanjiswa. Kunoko, wafa ngenxa yokuba wayezimisele ukuhlala ethembekile kuThixo. Waqhubeka ewuthobela uMthetho kaYehova nangona wayetshutshiswa kabuhlungu ngumlawuli onamandla. (Numeri 36:7; 1 Kumkani 21:3) Ungumzekelo omhle nyhani kubo bonke abakhonzi bakaThixo bale mihla ekusenokwenzeka ukuba banyamezela intshutshiso efanayo. (Funda eyesi-2 kuTimoti 3:12.) Onke amaKristu ayakwazi ukusiqonda, ukusikhumbula nokusisebenzisa eso sifundo, lutsho lomelele ukholo lwawo.

12. (a) Ngaba iingxelo zeBhayibhile zinemfundiso eluncedo kuphela, azinayo enye intsingiselo? (b) Kutheni sikwazi ukuzibeka zicace izinto kwanaxa zinzima? (Jonga umbhalo osemazantsi.)

12 Ngaba loo nto ithetha ukuba iingxelo zeBhayibhile zinemfundiso eluncedo kuphela, azinayo enye intsingiselo? Akunjalo. Kodwa kunokuchaza iingxelo zeBhayibhile ezithile njengezifuzisela ezinye izinto, ngoku iincwadi zethu zithetha kakhulu ngendlela ingxelo yeBhayibhile edibana ngayo nenye. Ngokomzekelo, xa sisiva ukuba uNabhoti wathembeka kwanaxa wayetshutshiswa de wabulawa, sitsho sikhumbule ukuthembeka kukaKristu nabathanjiswa. Noko ke, sikhumbula ‘nabezinye izimvu’ abaninzi abaye bathembeka. Izicacele into yokuba uYehova usifundisa ngendlela elula. *—Funda umbhalo osemazantsi.

INGCACISO ELULA YEMIZEKELISO KAYESU

13. Yiyiphi imizekelo ebonisa ukuba indlela esiyichaza ngayo ngoku imizekeliso kaYesu ilula kwaye icacile?

13 Akakho umntu ofikayo kuYesu Kristu ngokufundisa. Wayekuthanda ukufundisa ngemizekeliso. (Mateyu 13:34) Imizekeliso iyasebenza kuba yenza izinto ekunzima ukuziqonda zibe lula kwaye zichukumise iintliziyo zethu. Kangangeminyaka, iincwadi zethu bezicacisa imizekeliso kaYesu ngendlela elula necacileyo. Ngokomzekelo, IMboniselo kaJulayi 15, 2008, isinceda siwuqonde kakuhle umzekeliso kaYesu wegwele, owokhozo lwemostade nowomnatha orhuqwayo. Ngoku sitsho sabona ukuba le mizekeliso ibhekisela kuBukumkani bukaThixo, obuye banceda abantu abaninzi balibhebhetha eli hlabathi lingendawo baza baba ngabafundi bakaKristu.

Imizekeliso iyasebenza kuba yenza izinto ekunzima ukuziqonda zibe lula kwaye zichukumise iintliziyo zethu

14. (a) Sasiwuchaza njani umzekeliso womSamariya olungileyo? (b) Siwuqonda njani lo mzekeliso kaYesu ngoku?

14 Sinokuwaqonda njani amabali aneenkcukacha awabaliswa nguYesu? Amanye awo afuzisela okuthile okanye asisiprofeto. Amanye asifundisa izinto ezinokusinceda. Kodwa sinokwazi njani xa ibali lifuzisela okuthile naxa lingafuziseli? Impendulo iye yacaca kule minyaka idluleyo. Ngokomzekelo, khawucinge ngendlela esasidla ngokucacisa ngayo umzekeliso kaYesu womSamariya olungileyo. (Luka 10:30-37) Ngo-1924, IMboniselo yathi umSamariya wayefuzisela uYesu kwaye indlela ehlayo isuka eYerusalem isiya eYeriko yayimela imeko yabantu eyaya isiba mbi ukususela kwimvukelo yase-Eden. Izihange ezikule ndlela zazifuzisela iinkampani ezinkulu kunye noosomashishini abangoohlohl’ esakhe, umbingeleli nomLevi befuzisela iNgqobhoko. Kodwa kule mihla, iincwadi zethu zisebenzisa lo mzekeliso ukukhumbuza onke amaKristu ukuba angabi namkhethe. Simele sincede bonke abasweleyo, ngokukodwa xa kufikwa kumba wokubafundisa inyaniso ngoThixo. Kuyasivuyisa ukubona indlela uYehova ayenza icace ngayo inyaniso.

15. Siza kuthetha ngantoni kwinqaku elilandelayo?

15 Kwinqaku elilandelayo, siza kuthetha ngomzekeliso kaYesu weentombi ezinyulu ezilishumi. (Mateyu 25:1-13) UYesu wayefuna abalandeli bakhe bemihla yokugqibela bawuqonde njani lo mzekeliso unamandla? Ngaba bonke abantu, izinto okanye iziganeko ekuthethwa ngazo kulo mzekeliso zifuzisela umntu okanye into enkulu yexesha elizayo? Okanye ngaba wayefuna ukusifundisa izinto eziza kusinceda kule mihla yokugqibela? Siza kubona.

^ isiqe. 4 Uhlelo olwenziwe lula lwesiNgesi luqale ukubakho ngoJulayi 2011. Ukususela ngoko, luye lwafumaneka nangezinye iilwimi ezimbalwa.

^ isiqe. 5 Uhlelo oluhlaziyiweyo luza kufumaneka nangezinye iilwimi.

^ isiqe. 10 Ngokomzekelo, incwadi ethi Xelisa Ukholo Lwabo ibalisa ngabantu abayi-14 ekuthethwa ngabo eBhayibhileni. Le ncwadi igxininisa kwizinto esinokuzifunda, kungekhona kwizinto ezifuziselayo.

^ isiqe. 12 ILizwi likaThixo linazo nezinye izinto ekunokubonakala “kunzima ukuziqonda,” njengezinye zeencwadi zikaPawulos. Sekunjalo, bonke ababhali beBhayibhile baphefumlelwa ngumoya oyingcwele. Umoya kaThixo uyawanceda amaKristu okwenene anamhlanje ukuba ayiqonde iBhayibhile, “kwanezinto ezinzulu zikaThixo.”—2 Petros 3:16, 17; 1 Korinte 2:10.