Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Kutheni Ukususa Kubudlelane Kulilungiselelo Lothando?

Kutheni Ukususa Kubudlelane Kulilungiselelo Lothando?

UJULIAN ukhumbula indlela awavakalelwa ngayo xa kwakusenziwa isaziso sokuba unyana wakhe wayengaselilo iNgqina likaYehova. Uthi: “Landitshonel’ emini. Wayeyinkulu yam, sivana kakhulu; izinto ezininzi sasisoloko sizenza kunye.” UJulian uthi unyana wakhe wayesoloko eziphethe kakuhle, kodwa ke watshintsha waza waqalisa imikhwa emibi. Inkosikazi kaJulian yayisoloko ilila ibe engayazi indlela yokuyithuthuzela. UJulian uthi, “Sasisoloko sizibuza ukuba yintoni le singayenzanga kakuhle njengabazali.”

Ziziphi izizathu eziseBhayibhileni zokususa umntu kubudlelane? Ekubeni kuba buhlungu kangaka, kutheni kusithiwa ukususa kubudlelane kulilungiselelo lothando?

YINTONI ENOKWENZA UMNTU ASUSWE KUBUDLELANE?

Ukuba iNgqina likaYehova elibhaptiziweyo lenza isono esinzulu lize lingaguquki, liya kususwa kubudlelane.

UYehova akalindelanga ukuba sifezeke, kodwa ulindele ukuba abakhonzi bakhe bathobele imithetho yakhe baze babe ngcwele. Ngokomzekelo, uYehova uyalela abakhonzi bakhe ukuba bangazenzi izono ezinzulu, ezifana nohenyuzo, unqulo-zithixo, ubusela, ukuphanga, ukubulala nokusebenzelana nemimoya.—1 Korinte 6:9, 10; ISityhilelo 21:8.

UYehova akafuni okungaphaya kwamandla ethu yaye imithetho yakhe iyasikhusela. Ngokomzekelo, sonke siyafuna ukuphila nabantu abaseluxolweni, abanesidima nabathembekileyo, ibe banjalo kanye abazalwana noodadewethu. Kutheni benjalo? Kaloku bazahlulela kuYehova baza bathembisa ukuphila ngeendlela zakhe eziseBhayibhileni.

Kodwa ke kuthekani ukuba umKristu obhaptiziweyo wenza isono esinzulu ngenxa yobuthathaka anabo? Oku kwakha kwenzeka kubakhonzi bakaYehova kwixesha elidlulileyo, kodwa uYehova akazange abagatye ngokupheleleyo. Ngokomzekelo, xa uKumkani uDavide wakrexeza waza wabulala, umprofeti uNatan wamxelela ukuba uYehova usixolele isono asenzileyo.—2 Samuweli 12:13.

Kwakutheni ukuze uYehova amxolele uDavide? Kungenxa yokuba uYehova wabona ukuba uDavide uguquke ngokunyanisekileyo. (INdumiso 32:1-5) Nanamhlanje, umntu owonileyo uya kuxolelwa ukuba uguquka ngokunyanisekileyo aze ayeke ukwenza okubi. (IZenzo 3:19; 26:20) Ukuba abadala abakwikomiti egwebayo ababoni kuguquka okunyanisekileyo kuloo mntu, umele asuswe kubudlelane.

Ukuba isizalwana okanye umhlobo wakho uyasuswa kubudlelane, kunokuba nzima ukusamkela eso sigqibo mhlawumbi uvakalelwa kukuba siqatha. Noko ke, uYehova eLizwini lakhe uyenze yacaca into yokuba ukususa kubudlelane sisenzo sothando.

KUNCEDA NGANTONI UKUSUSA KUBUDLELANE?

UYesu wathi “ubulumko bungqineka bububulungisa ngemisebenzi yabo.” (Mateyu 11:19) Makhe sithethe ngezizathu ezintathu zokuba ibubulumko ukususa umntu kubudlelane ukuba akaguquki.

Ukususa kubudlelane kukhusela igama likaYehova lingangcoliswa. Izinto esizenzayo zinokulizukisa okanye zilingcolise igama likaYehova, kuba njengamaNgqina akhe sithwele igama lakhe. (Isaya 43:10) Njengokuba indlela umntwana aziphethe ngayo inokubenzela igama elihle okanye elibi abazali bakhe, nabakhonzi bakaYehova banokulizukisa okanye balingcolise igama lakhe. Ngexesha likaHezekile abantu beentlanga babenxulumanisa amaYuda negama likaYehova. (Hezekile 36:19-23) Nanamhlanje ke, abantu banxulumanisa amaNgqina kaYehova negama lakhe. Ngoko ke ukuba siyayithobela imithetho kaYehova, siya kulizukisa igama lakhe.

Umpostile uPetros wawaluleka amaKristu wathi: “Njengabantwana abathobelayo, musani ukumilisa ngokweminqweno enaninayo ngaphambili ekungazini kwenu, kodwa, ngokuvumelana naLowo Ungcwele wanibizayo, yibani ngcwele nani kuyo yonke ihambo yenu, ngenxa yokuba kubhaliwe kwathiwa: ‘Nimele nibe ngcwele, ngenxa yokuba ndingcwele mna.’” (1 Petros 1:14-16) Ngokomzekelo, ukuba siziphatha kakubi ngokwesini, siza kulingcolisa igama likaThixo. Kodwa xa siziphatha kakuhle siyamzukisa uYehova.

Ukuba umntu oliNgqina likaYehova wenza okubi, abantu abamaziyo banokuyazi loo nto. Ngoko xa besiva ukuba akaselilo iNgqina likaYehova, banokubona ukuba abantu bakaYehova bathobela iBhayibhile yaye bagcina ibandla licocekile. Ngokomzekelo, eSwitzerland, enye indoda yeza ezintlanganisweni isithi ifuna ukuba lilungu lebandla. Udadewayo wasuswa kubudlelane ngenxa yokuziphatha kakubi, ngoko yayifuna inkonzo “engabanyamezeliyo abantu abaziphethe kakubi.”

Ukususa kubudlelane kugcina ibandla lamaKristu licocekile. Umpostile uPawulos walumkisa ibandla laseKorinte ngengozi yokuvumela umoni ongaguqukiyo aqhubeke enxulumana nalo. Wafanisa impembelelo yaboni negwele elibilisa intlama. UPawulos wathi: “Igwele elincinane libilisa intlama iphela.” Ngoko waliyala wathi: “Mshenxiseni umntu ongendawo phakathi kwenu.”—1 Korinte 5:6, 11-13.

Lo “mntu ongendawo” wayeziphethe kakubi ngokwesini ephelelwe naziintloni. Abanye ebandleni babesele bewuthethelela lo mkhwa wakhe mbi. (1 Korinte 5:1, 2) Kwakuyingozi oku kuba amanye amaKristu kusenokwenzeka ukuba ayechatshazelwa kukuziphatha okubi okwakuxhaphakile eKorinte. Nanamhlanje, ukuba ibandla lizibetha ngoyaba izono ezinzulu, abanye bangaqalisa ukujonga imilinganiselo kaYehova njengengabalulekanga. (INtshumayeli 8:11) Kanye njengokuba ‘ulwalwa olufihlakele phantsi kwamanzi’ lunokuyizikisa inqanawa, aboni abangaguqukiyo banokulonakalisa ukholo lwabanye ebandleni.—Yude 4, 12.

Ukususa kubudlelane kunokunceda umoni asibone isono sakhe. UYesu wenza umzekeliso wonyana owashiya ikhaya waza wanqunqa ilifa lakhe lonke eziphethe kakubi. Ekugqibeleni lo mfana waye wabona ukuba ubomi abukho mnandi kude nekhaya. Ngoko waguquka waza wabuyela ekhaya. Uyise wavuya kakhulu xa wabona ukuba uguqukile, waza wamamkela. (Luka 15:11-24) Lo mzekeliso usinceda siqonde indlela uYehova avakalelwa ngayo xa umoni eguquka. Uthi: “Andiyoliswa kukufa kongendawo, kodwa kukuba ongendawo abuye endleleni yakhe aze okunene ahlale ephila.”—Hezekile 33:11.

Ibandla lamaKristu yintsapho yethu yokomoya. Xa umntu esusiwe kubudlelane akaseyonxalenye yale ntsapho. Emva kwemiphumo ebuhlungu yendlela ebeziphethe ngayo, usenokucingisisa ngeempazamo zakhe aze akhumbule indlela awayonwabe ngayo xa wayesondele kuYehova nasebandleni. Oku kunokumbangela abuyele kwintsapho yakhe yokomoya.

Ukuze sincede umntu osusiweyo kubudlelane abuyele ebandleni, kufuneka sibonise ukuba siyamthanda ngokungalalanisi. Ngokomzekelo, masithi kukho abantu ababini abavingcelwe likhephu ebusika belinde ukuhlangulwa. Ngenxa yengqele omnye ugodola ade ozele. Kodwa ukuba uyalala kweli khephu, uza kufa. Ukuze amncede angalali, umhlobo wakhe umqhwaba ngempama. Nakuba oku kubuhlungu, kunokumnceda. UDavide wathetha into efana nale xa wathi: “Ukuba ilungisa lingandibetha, bekuya kuba bububele bothando obo.” (INdumiso 141:5) UDavide wayeyiqonda into yokuba nangona ingqeqesho ibuhlungu, yayinokumnceda.

Njengalaa mpama, ukususa kubudlelane kudla ngokumnceda umntu abuyele kuYehova. Unyana kaJulian esithethe ngaye ekuqaleni, waguquka waza wabuyela ebandleni emva kweminyaka elishumi wasuswayo. Ngoku ungumdala. Uthi: “Ukususwa kwam kubudlelane kwandenza ndavuna imiphumo yemikhwa yam. Yayindifanele ingqeqesho enjalo.”—Hebhere 12:7-11.

SINGABABONISA NJANI UKUBA SIYABATHANDA ABO BASUSIWEYO KUBUDLELANE?

Kuyinto ebuhlungu ukususwa komntu kubudlelane. Kodwa loo nto ayithethi ukuba akasoze aphinde akwazi ukubuyela kuYehova. Kubalulekile ukuba sonke siyivumele ingqeqesho isebenze. Singakwenza njani oko?

Imizamo iyenziwa ukuze kuncedwe abaguqukayo babuyele kuYehova

Abadala basoloko bezama ukuxelisa uthando lukaYehova, ingakumbi xa kufuneka bechazele umntu ukuba akaselilo iNgqina likaYehova. Ngobubele bamcacisela ngezinto ekufuneka azenze xa efuna ukubuyela kuYehova nakwibandla. Ukuba umntu osusiweyo kubudlelane ubonisa ukuba ufuna ukubuyela ebandleni, abadala banokumane bemtyelela ukuze bamkhumbuze ngezinto anokuzenza ukuze abuyele kuYehova. *—Funda umbhalo osemazantsi.

Intsapho ibonisa ukuba iyalithanda ibandla nalo mntu ususiweyo kubudlelane xa isixhasa isigqibo sabadala. UJulian uthi, “Wayesengunyana wam, qha yindlela awayephila ngayo eyayisenza singavani.”

Bonke ebandleni babonisa ukuba bayamthanda lo mntu ususiweyo kubudlelane ngokuthi baxhase ingqeqesho kaYehova ayidlulisele ngabadala. Oku kuthetha ukuba abafanele bachithe ixesha naye, bangathethi kwaukuthetha naye. (1 Korinte 5:11; 2 Yohane 10, 11) Kwakhona, ibandla lifanele liyithande lize liyixhase ngakumbi intsapho yomntu osusiweyo kubudlelane. Eli lelona xesha linzima kule ntsapho. Singaze siyenze izive isusiwe kubudlelane nayo.—Roma 12:13, 15.

UJulian uqukumbela ngala mazwi: “Ukususa kubudlelane kulilungiselelo esilidingayo, elisinceda siphile ngemilinganiselo kaYehova. Nangona kubuhlungu, ekugqibeleni kuzisa imiphumo emihle. Ukuba ndandimfekethisile unyana wam ngengazange abuyele ezingqondweni.”

^ isiqe. 24 Jonga IMboniselo ka-Aprili 15, 1991, iphepha 21-23.