Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Le Yindawo Esinqulela Kuyo

Le Yindawo Esinqulela Kuyo

“Ukuzondelela indlu yakho kuya kundidla.”—YOHANE 2:17.

IINGOMA: 127, 118

1, 2. (a) Abakhonzi bakaYehova bamandulo babemnqulela phi? (b) Wayevakalelwa njani uYesu ngetempile kaYehova eyayiseYerusalem? (c) Yintoni esiza kuthetha ngayo kweli nqaku?

ABAKHONZI bakaThixo bamandulo nabale mihla yethu, bebesoloko benayo indawo yokunqula uThixo. Ngokomzekelo, xa uAbheli wayesenza umnikelo kuYehova, kusenokwenzeka ukuba wakha isibingelelo. (Genesis 4:3, 4) UNowa, uAbraham, uIsake, uYakobi kunye noMoses bonke bakha izibingelelo. (Genesis 8:20; 12:7; 26:25; 35:1; Eksodus 17:15) UYehova waxelela amaSirayeli ukuba akhe umnquba. (Eksodus 25:8) Kamva, wathi mawakhe itempile. (1 Kumkani 8:27, 29) Ukubuya kwabantu bakaThixo ekuthinjweni eBhabhiloni, babedla ngokuhlanganisana kwizindlu zesikhungu. (Marko 6:2; Yohane 18:20; IZenzo 15:21) AmaKristu okuqala wona ayedibana emakhayeni abantu. (IZenzo 12:12; 1 Korinte 16:19) Namhlanje, abantu bakaYehova ehlabathini lonke bahlanganisana kumashumi amawaka eeHolo ZoBukumkani, apho bafunda ngoYehova baze bamnqule.

2 UYesu wayeyihlonela kakhulu itempile kaYehova eyayiseYerusalem. Indlela awayeyithanda ngayo yayikhumbuza abafundi bakhe amazwi omdumisi athi: “Ukuzondelela indlu yakho ngokupheleleyo kundidlile.” (INdumiso 69:9; Yohane 2:17) IHolo YoBukumkani ayifani netempile yaseYerusalem, kuba yona ayinakubizwa ngokupheleleyo ngokuba ‘yindlu kaYehova.’ (2 Kronike 5:13; 33:4) Kodwa simele sizihlonele kakhulu iindawo esinqulela kuzo. Kweli nqaku, siza kuthetha ngemigaqo yeBhayibhile esifundisa indlela esimele siziphathe ngayo xa sikwiHolo YoBukumkani, indlela esimele siyinyamekele ngayo nesinokuncedisa ngayo kwiindleko zayo. *—Funda umbhalo osemazantsi.

SIYAZIHLONELA IINTLANGANISO ZETHU

3-5. Yintoni iHolo YoBukumkani, ibe simele sivakalelwe njani ngeentlanganiso zethu?

3 IHolo YoBukumkani yeyona ndawo badibanela kuyo abantu ukuze banqule uYehova. Iintlanganiso sisipho esivela kuThixo, ibe zisinceda someleze ubuhlobo bethu naye. Kwezi ntlanganiso, intlangano yakhe iyasikhuthaza ize isinike ulwalathiso olufunekayo. Liwonga ukumenywa nguYehova noNyana wakhe ukuba sitye “etafileni kaYehova” veki nganye. (1 Korinte 10:21) Singaze siyilibale indlela esikhetheke ngayo eso simemo.

4 UYehova usixelela ngokucacileyo ukuba ufuna siye kwiintlanganiso ukuze simnqule size sikhuthazane. (Funda amaHebhere 10:24, 25) Ekubeni simhlonela uYehova, asiyi kuphoswa ziintlanganiso, ngaphandle kwaxa kunyanzelekile. Sibonisa ukuba siyazixabisa iintlanganiso xa sizilungiselela size sikhangele phambili ekubeni nenxaxheba kuzo.—INdumiso 22:22.

5 Indlela esiziphatha ngayo ezintlanganisweni nendlela esiyinyamekela ngayo iHolo YoBukumkani yethu ibonisa ukuba simhlonela kangakanani uYehova. Sifuna ukuziphatha ngendlela eza kwenza abanye badumise igama lakhe, elidla ngokubhalwa ngaphandle kwiHolo YoBukumkani.—Thelekisa neyoku-1 yooKumkani 8:17.

6. Baye bathini abantu ngeeHolo ZoBukumkani zethu nangabazalwana abeze eholweni? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

6 Xa siyihlonela iHolo YoBukumkani yethu, loo nto iyabonwa ngabanye abantu. Ngokomzekelo, enye indoda yaseTurkey yathi: “Ndayithanda indlela ecoceke nenocwangco ngayo iHolo yoBukumkani. Abantu babenxibe kakuhle, bencumile yaye bandibulisa ngobubele. Ndayithanda gqitha loo nto.” Le ndoda yaqalisa ukuya kuzo zonke iintlanganiso yaye kungekudala yabhaptizwa. Kwesinye isixeko saseIndonesia, abazalwana bamema abamelwane, usodolophu namanye amagosa ukuba baze kubona iHolo YoBukumkani yabo entsha. Usodolophu wayengawuval’ umlomo ngumgangatho eyayikuwo le holo kunye negadi yayo ebukekayo. Wathi: “Ukucoceka kwale holo kuyahambelana nonqulo lwenu.”

Indlela esiziphatha ngayo inokubonisa ukumdelela uThixo (Jonga isiqendu 7, 8)

7, 8. Sibonisa njani ukuba siyamhlonela uYehova xa siseHolweni YoBukumkani?

7 NguYehova osimemela kwiintlanganiso, ibe inkangeleko yethu nendlela esiziphatha ngayo xa silapho ibalulekile kuye. Ngoko siyakuphepha ukubaxa izinto. Asibeki mithetho engqongqo ngendlela yokunxiba kwiintlanganiso kodwa ke kwangaxeshanye asinxibi nje ngathi sisekhaya okanye sizipholele. Ewe kona, uYehova ufuna thina nabantu esibamemileyo sikhululeke xa sikwiHolo YoBukumkani. Kodwa asifuni ukuzidelela iintlanganiso zethu nangayiphi na indlela. Yiyo loo nto singanxibi xazalala okanye sinxibe iimpahla esizinxiba xa sizipholele, yaye singathumeli miyalezo yefowuni, sincokole, okanye sitye size sisele iziselo kwiintlanganiso. Nabazali bamele bafundise abantwana babo ukuba bangabaleki okanye badlale eHolweni YoBukumkani.—INtshumayeli 3:1.

8 Xa uYesu wabona abantu bethengisa etempileni kaThixo, waba nomsindo waza wabagxotha. (Yohane 2:13-17) IHolo YoBukumkani yindawo yokunqulela uYehova nokufunda ngaye. Ngoko asimele sishishine xa silapho.—Thelekisa noNehemiya 13:7, 8.

SINCEDISA EKWAKHIWENI KWEEHOLO ZOBUKUMKANI

9, 10. (a) Abantu bakaYehova bazakha njani iiHolo ZoBukumkani, ibe uye wayintoni umphumo woko? (b) Intlangano kaYehova iwanceda njani amabandla angenakukwazi ukuzakhela iHolo YoBukumkani?

9 Abantu bakaYehova ehlabathini lonke basebenza nzima besakha iiHolo ZoBukumkani. Amatshantliziyo angabhatalwayo enza iiplani zazo, azakhe aze azilungise. Ngenxa yoko, kule minyaka iyi-15 idluleyo, siye sakha iiHolo ZoBukumkani ezingaphezu kwe-28 000 ehlabathini lonke, okanye ezimalunga neziyi-5 suku ngalunye.

10 Intlangano kaYehova ithumela amatshantliziyo ize isebenzise iminikelo ukuze kwakhiwe iiHolo ZoBukumkani naphi na apho zifuneka khona. Silandela umgaqo weBhayibhile othi abo banokuninzi banokunceda abasweleyo. (Funda eyesi-2 kwabaseKorinte 8:13-15) Ube yintoni umphumo? Amabandla amaninzi angathathi ntweni aye akhelwa iiHolo ZoBukumkani ezintle.

11. Yintoni abazalwana abayithethayo ngeholo yabo entsha, yaye loo nto ikwenza uzive njani?

11 Abazalwana belinye ibandla laseCosta Rica babhala bathi: “Xa simi phambi kweHolo YoBukumkani yethu, iba ngathi siyaphupha! Asiyikholelwa tu le nto. Iholo yethu entle yagqitywa yonke ngeentsuku nje ezisibhozo! Loo nto ibangelwe yintsikelelo kaYehova, ngamalungiselelo enziwe yintlangano yakhe nenkxaso yabazalwana bethu. Le ndawo yokunqulela sisipho esixabisekileyo, ubuncwane esibunikwe nguYehova. Sonwabe kakhulu ngenxa yaso.” Kusonwabisa kakhulu ukuva abazalwana noodade bembulela uYehova ngeli lungiselelo. Nathi kuyasivuyisa ukuba abazalwana ehlabathini lonke beneeHolo ZoBukumkani zabo. Kucacile ukuba uYehova uyawusikelela umsebenzi wokwakhiwa kweeHolo ZoBukumkani, kuba ngokukhawuleza emva kokuba zakhiwe, abantu abaninzi baqalisa ukuza kwiintlanganiso ukuze bafunde ngoYehova.—INdumiso 127:1.

12. Ungancedisa njani wena ekwakhiweni kweeHolo ZoBukumkani?

12 Ungancedisa njani wena ekwakhiweni kweeHolo ZoBukumkani? Mhlawumbi ungafak’ isandla kulo msebenzi. Ibe sonke sinokunikela ngemali ukuze kuhlawulwe iindleko zokwakha iiHolo ZoBukumkani. Xa siwuxhasa ngako konke esinako lo msebenzi, siye sifumane uvuyo lokupha, ibe okubaluleke nangakumbi, sidumisa uYehova. Silandela umzekelo wabantu bakaThixo bemihla yokubhalwa kweBhayibhile ababekulangazelela ukunikela ekwakhiweni kweendawo zokunqulela.—Eksodus 25:2; 2 Korinte 9:7.

SIYIGCINA ICOCEKILE IHOLO YETHU YOBUKUMKANI

13, 14. Sifunda ntoni eBhayibhileni ebonisa ukuba simele sigcine iHolo YoBukumkani icocekile?

13 UYehova nguThixo ococekileyo nongcwele. NguThixo wocwangco. Yiyo loo nto sihlala sigcina iHolo YoBukumkani yethu icocekile. (Funda eyoku-1 Korinte 14:33, 40) Ukuze sihlale sicocekile yaye singcwele njengoYehova, asigcini kuphela unqulo, iingcinga nezenzo zethu zicocekile, kodwa sicoca nemizimba yethu.—ISityhilelo 19:8.

14 Xa sigcina iHolo YoBukumkani yethu icocekile, siyakuvuyela ukumemela abantu kwiintlanganiso zethu. Yaye abantu baya kubona ukuba oko sikushumayelayo ngehlabathi elitsha elicocekileyo siyakwenza. Baya kubona ukuba sinqula uThixo ongcwele nococekileyo oza kwenza lo mhlaba ube yiparadesi entle.—Isaya 6:1-3; ISityhilelo 11:18.

15, 16. (a) Kutheni kungasoloko kulula ukuyigcina icocekile iHolo YoBukumkani? Kutheni simele siyigcine icocekile? (b) Wenziwa njani umsebenzi wokucoca iHolo YoBukumkani yenu, ibe yiyiphi inyhweba esinayo sonke?

15 Abantu bakujonga ngeendlela ezahlukahlukeneyo ukucoca. Ngoba? Loo nto isenokubangelwa yindlela abakhuliswe ngayo. Abanye abantu bahlala kwiindawo ezinothuli okanye ezineendlela zomhlaba nodaka. Kanti abanye abanamanzi okanye izinto zokucoca ezaneleyo. Kodwa enoba sihlala phi, yaye bavakalelwa njani abantu abasingqongileyo ngokucoca, simele siyigcine icocekile iHolo YoBukumkani yethu. Kaloku le yindawo esinqulela uYehova kuyo.—Duteronomi 23:14.

16 Ukuba sifuna ihlale icocekile iHolo YoBukumkani, kufuneka silungelelane. Abadala benzela ibandla ucwangciso baze baqinisekise ukuba zihlala zikhona izixhobo nezinto zokucoca. Abadala bawuceba kakuhle lo msebenzi ukuze wenziwe. Zikho izinto ezifuna ukucocwa qho emva kweentlanganiso. Sonke sinenyhweba yokuncedisa ekucoceni iHolo YoBukumkani yethu.

SIYAYINYAMEKELA IHOLO YOBUKUMKANI YETHU

17, 18. (a) Sifunda ntoni kwindlela abantu bakaYehova bamandulo ababeyinyamekela ngayo itempile? (b) Kutheni simele sinyamekele iHolo YoBukumkani yethu?

17 Enye indlela yokugcina iHolo YoBukumkani yethu ikumgangatho omhle kukulungisa nantoni na eyonakeleyo. Nabakhonzi bakaYehova bamandulo babeyenza le nto. Ngokomzekelo, xa kwakulawula uKumkani uYehowashe wakwaYuda, abantu babenikela ngemali etempileni. Lo kumkani wayalela ababingeleli ukuba le mali bayisebenzisele ukulungisa nantoni na eyonakeleyo etempileni. (2 Kumkani 12:4, 5) Kwiminyaka engaphezu kwe-200 kamva, noKumkani uYosiya wasebenzisa imali eyayinikelwe etempileni ukuze ayilungise.—Funda eyesi-2 yeziKronike 34:9-11.

18 Ezinye iiKomiti ZamaSebe ziye zaphawula ukuba abantu bamazwe azo abakuqhelanga ukugcina izakhiwo okanye izixhobo zikumgangatho omhle. Kusenokwenzeka ukuba bambalwa abantu kuloo mazwe abakwaziyo ukuwenza lo msebenzi. Okanye mhlawumbi abanamali yaneleyo yokuzilungisa iiholo zabo. Kodwa xa singayilungisi iHolo YoBukumkani yethu xa kuyimfuneko, iza kuba mdaka yaye abantu baza kuyibona loo nto. Ayizi kulidumisa igama likaThixo. Xa sisenza konke esinako ukuze sinyamekele iHolo YoBukumkani yethu, sidumisa uYehova yaye asiyisebenzisi kakubi iminikelo yabazalwana.

Simele sigcine iHolo YoBukumkani yethu icocekile yaye ikumgangatho ophezulu (Jonga isiqendu 16, 18)

19. Uza kwenza ntoni ukuze ubonise ukuba uyayihlonela indawo omnqulela kuyo uYehova?

19 IHolo YoBukumkani sisakhiwo esinikezelwe kuYehova. Ayoyamntu okanye bandla lithile. Njengoko siye saxubusha kweli nqaku, imigaqo yeBhayibhile iya kusinceda siyijonge ngendlela efanelekileyo indawo esimnqulela kuyo uThixo. Kuba simhlonela uYehova, siyazihlonela iintlanganiso neHolo YoBukumkani. Sinikela ngomzimba okhululekileyo ekwakhiweni kweeHolo ZoBukumkani, yaye siyazimisela ekuzinyamekeleni nasekuzigcineni zicocekile. NjengoYesu, siyayikhuthalela yaye siyayihlonela indawo esimnqulela kuyo uYehova.—Yohane 2:17.

^ isiqe. 2 Eli nqaku lithetha ngeeHolo ZoBukumkani. Kodwa izinto esiza kuthetha ngazo ziyasebenza nakwiiHolo ZeeNdibano nezinye iindawo ezisetyenziselwa ukunqula uYehova.