Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Fundisa Umntwana Wakho Ukukhonza UYehova

Fundisa Umntwana Wakho Ukukhonza UYehova

‘Lo mntu kaThixo oyinyaniso makasiyalele oko simele sikwenze emntwaneni oya kuzalwa.’—ABAGWEBI 13:8.

IINGOMA: 88, 120

1. Yintoni awayenzayo uManowa esakuva ukuba uza kuba nonyana?

UMANOWA nomkakhe babeqinisekile ukuba abanakuba nabo abantwana. Kodwa ngenye imini, ingelosi kaYehova yaxelela umfazi kaManowa ukuba wayeza kuzala unyana. Zamothusa nyhani ezi ndaba zimnandi kangaka! Wathi esakuxelela uManowa, naye wavuya kakhulu. Kodwa wacingisisa nangezinto uYehova azilindeleyo kuye njengomntu owayeza kuba ngutata. Yena nomkakhe babeza kukwazi njani ukufundisa unyana wabo ukuba athande uYehova aze amkhonze ngoxa abantu abaninzi kwaSirayeli babesenza izinto ezimbi? UManowa wabongoza uYehova ukuba aphinde athumele ingelosi yakhe, wathi: “Lo mntu kaThixo oyinyaniso osandul’ ukumthumela, nceda, umzise kuthi kwakhona aze asiyalele oko simele sikwenze emntwaneni oya kuzalwa.”—ABagwebi 13:1-8.

2. Yintoni ekufuneka ubafundise yona abantwana bakho, ibe ungayenza njani loo nto? (Jonga ibhokisi ethi “ Ezona Zifundo Zakho ZeBhayibhile Zibalulekileyo.”)

2 Ukuba ungumzali, kusenokwenzeka ukuba uyayiqonda indlela awayevakalelwa ngayo uManowa. Nawe unembopheleleko yokunceda abantwana bakho bamazi baze bamthande uYehova. (IMizekeliso 1:8) Xa uqhuba unqulo lwentsapho, unokubanceda baqhubeke befunda ngoYehova nangeBhayibhile. Kakade ke, awufanele uphelele nje ekufundeni iBhayibhile veki nganye nabantwana bakho. (Funda iDuteronomi 6:6-9.) Yintoni enye enokukunceda ubafundise ukuthanda nokukhonza uYehova? Kweli nqaku, siza kuthetha ngomzekelo kaYesu. Nangona wayengenamntwana, zininzi izinto onokuzifunda kwindlela awayebafundisa nawayebaqeqesha ngayo abafundi bakhe. UYesu wayebathanda yaye wayethobekile. Wayebaqonda, ngamany’ amazwi wayeyazi indlela ababevakalelwa ngayo, eyazi nendlela anokubanceda ngayo. Makhe sibone ke ukuba singamxelisa njani uYesu.

BATHANDE ABANTWANA BAKHO

3. Abafundi bakaYesu babesazi njani ukuba uyabathanda?

3 UYesu wayemane ebaxelela abafundi bakhe ukuba uyabathanda. (Funda uYohane 15:9.) Wayechitha nexesha elininzi nabo. (Marko 6:31, 32; Yohane 2:2; 21:12, 13) UYesu wayengengomfundisi wabo kuphela, kodwa wayekwangumhlobo. Ngenxa yaloo nto, babengayithandabuzi into yokuba uyabathanda. Ungafunda ntoni kuYesu?

4. Ungababonisa njani abantwana bakho ukuba uyabathanda? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

4 Baxelele abantwana bakho ukuba uyabathanda, uze ubabonise indlela ababaluleke ngayo kuwe. (IMizekeliso 4:3; Tito 2:4) USamuel, ohlala eOstreliya uthi: “Ndisemncinci, utata wayedla ngokundifundela Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile qho ngokuhlwa. Wayeyiphendula yonke imibuzo yam, andange aze andiphuze xa ndiza kulala. Ndakukhula, kwandothusa nyhani ukwazi ukuba intsapho yakulotata yayingayenzi le nto! Sekunjalo, wazama kangangoko anako ukundibonisa ukuba uyandithanda. Ngenxa yoko, savana nyhani, yaye ndandiziva ndikhuselekile xa ndikunye naye.” Nawe yenza abantwana bakho bavakalelwe ngaloo ndlela, ngokutsho qho kubo ukuba “Ndiyakuthanda.” Bange uze ubaphuze. Ziphe ixesha lokuncokola nabo, utye nabo uze udlale nabo.

5, 6. (a) Ekubeni uYesu wayebathanda abafundi bakhe, wenza ntoni? (b) Ufanele ubaqeqeshe njani abantwana bakho?

5 UYesu wathi: “Bonke abo ndinomsa ngabo ndiyabohlwaya ndize ndibaqeqeshe.” * (Funda umbhalo osemazantsi.) (ISityhilelo 3:19) Ngokomzekelo, abafundi bakhe babephikisana kaninzi ngokuba nguwuphi oyena mkhulu kubo. UYesu akazange ayibethe ngoyaba le ngxaki. Kunoko, wayemane ebalungisa ngomonde. Wayesoloko enobubele, ibe wayelinda ixesha elifanelekileyo xa eza kubalungisa.—Marko 9:33-37.

Khetha ixesha nendawo onokubaqeqeshela kuyo, ukwenze oko ngobubele

6 Kuba ubathanda abantwana bakho, uyazi ukuba kufuneka ubaqeqeshe. Ngamany’ amaxesha kwanele ukubaxelela isizathu sokuba into ilungile okanye iphosakele. Kodwa ke uza kuthini ukuba abamameli? (IMizekeliso 22:15) Funda kuYesu. Qhubeka ubakhokela, ubaqeqesha yaye ubalungisa ngomonde. Khetha ixesha nendawo onokubaqeqeshela kuyo, ukwenze oko ngobubele. Udade waseMzantsi Afrika uElaine ukhumbula indlela abazali bakhe ababemqeqesha ngayo. Babesoloko bemcacisela indlela amele azenze ngayo izinto. Ukuba babemxelele ukuba uza kohlwaywa xa engamameli, babekwenza oko. Kodwa uthi: “Abazange bandohlwaye benomsindo okanye bengakhange bandixelele isizathu.” Ngenxa yoku, wayesoloko esazi ukuba abazali bakhe bayamthanda.

THOBEKA

7, 8. (a) Bafunda ntoni abafundi bakaYesu kwimithandazo yakhe? (b) Imithandazo yakho ingabafundisa njani abantwana bakho ukuba bathembele kuThixo?

7 Xa uYesu wayeza kubanjwa aze abulawe, wabongoza uYise esithi: “Abha, Bawo, zonke izinto zinokwenzeka kuwe; yishenxise le ndebe kum. Noko ke makungabi kokuthandwa ndim, makube kukuthanda kwakho.” * (Funda umbhalo osemazantsi.) (Marko 14:36) Khawucinge nje indlela ababevakalelwa ngayo abafundi bakaYesu bakuva ngokuthandaza kwakhe. Babona ukuba nangona wayefezekile, wayesalucela uncedo kuYise. Ngoko bafunda ukuba nabo bamele bathobeke baze baxhomekeke kuYehova.

Xa abantwana bakho bekuva ucela uYehova ukuba akuncede, nabo bafunda ukuthembela ngoYehova

8 Ininzi into enokufundwa ngabantwana bakho kwindlela othandaza ngayo. Kakade, awuthandazeli nje ukufundisa abantwana bakho. Kodwa xa bekuva uthandaza, banokufunda ukuthembela ngoYehova. Kwimithandazo yakho sukucela nje ukuba uYehova ancede abantwana bakho, kodwa mcele ukuba akuncede nawe. UAna, ohlala eBrazil, uthi: “Xa kwabakho iingxaki njengokugula kukamakhulu notamkhulu, abazali bam babemcela uYehova ukuba abanike amandla okunyamezela nobulumko bokwenza izigqibo ezizizo. Naxa sele kukubi, babeziphosela kuYehova iingxaki zabo. Ngenxa yoko, ndafunda ukuthembela ngoYehova.” Xa abantwana bakho bekuva ucela uYehova ukuba akunike isibindi sokushumayela kummelwane wakho okanye sokucela umqeshi wakho ukuba akuphe iintsuku zokuya endibanweni, batsho baqonde ukuba uthembele ngoYehova, yaye nabo bafunda okufanayo.

9. (a) UYesu wabafundisa njani abafundi bakhe ukuba bathobeke yaye bangazicingeli bodwa? (b) Ukuba uthobekile yaye awuzicingeli wedwa, baza kufunda ntoni abantwana bakho?

9 UYesu waxelela abafundi bakhe ukuba bathobeke yaye bangazicingeli bodwa, ibe waba ngumzekelo woko. (Funda uLuka 22:27.) Abafundi bakhe babona ukuba wancama izinto ezininzi ukuze akhonze uYehova nokuze ancede abanye, ibe nabo bafunda ukwenza loo nto. Nawe unokubafundisa abantwana bakho ngomzekelo owumiselayo. UDebbie, onabantwana ababini, uthi: “Zange khe ndibe nomona ngexesha umyeni wam alichitha nabanye kuba engumdala. Bendisazi ukuba xa simdinga njengentsapho, siza kumfumana.” (1 Timoti 3:4, 5) Umzekelo kaDebbie nomyeni wakhe uPranas, wayichaphazela njani intsapho yabo? Umyeni uthi abantwana babo babesoloko bekuthanda ukunceda ezindibanweni. Babonwabile, baba nabahlobo abahle ibe babesoloko bekufuna ukuba kunye nabazalwana. Bonke ngoku entsatsheni bakwinkonzo yexesha elizeleyo. Ukuba uthobekile yaye awuzicingeli wedwa, ufundisa abantwana bakho ukuba bakuthande ukunceda abanye.

YIBA NOKUQONDA

10. UYesu wakubonisa njani ukuqonda xa amaGalili eza kumkhangela?

10 UYesu wayeziqonda kakuhle izinto. Wayengajongi nje izinto abantu abazenzayo kodwa wayekhangela oyena nobangela. Wayekwazi ukufunda iintliziyo. Ngokomzekelo, ngesinye isihlandlo abantu baseGalili beza kumkhangela. (Yohane 6:22-24) Waqaphela ukuba eyona nto bayizeleyo kukutya kunokumamela yena. (Yohane 2:25) UYesu wayeyazi kakuhle indlela abavakalelwa ngayo, waza wabalungisa enomonde, yaye wababonisa izinto ekwakufuneka bazitshintshe ebomini babo.—Funda uYohane 6:25-27.

Nceda abantwana bakho bayinandiphe intsimi (Jonga isiqendu 11)

11. (a) Ungazama njani ukuqonda ukuba abantwana bakho bayayithanda na intsimi? (b) Ungabanceda njani abantwana bakho bayithande intsimi?

11 Nangona ungakwazi ukufunda iintliziyo, ungakwazi ukubaqonda abantwana bakho. Ngokomzekelo, ungazam’ ukuqonda ukuba bayayithanda na intsimi. Mhlawumbi ungazibuza ukuba, ‘Akungebi mhlawumbi eyona nto bayithandayo entsimini lelaa xesha kuphumlwa ngalo ukuze sifumane into yokusela okanye etyiwayo?’ Ukuba uyaqaphela ukuba abantwana bakho abayithandi ncam intsimi, zama ukuyenza ibe mnandi. Banike izinto abanokuzenza entsimini ukuze bazive benegalelo.

12. (a) UYesu wabalumkisa ngantoni abafundi bakhe? (b) Kwakutheni ukuze abafundi bakaYesu kufuneke balunyukiswe?

12 UYesu waphinda wakubonisa njani ukuqonda? Wayesazi ukuba impazamo izal’ enye kude mhlawumbi oko kuphumele kwisono esinzulu, ngoko ke wabalumkisa abafundi bakhe ngako oku. Ngokomzekelo, abafundi bakaYesu babesazi ukuba ukuziphatha okubi kuphosakele. Kodwa uYesu wabalumkisa ngezinto ezinokubenza baziphathe kakubi. Wathi: “Kodwa mna ndithi kuni wonk’ ubani oqhubeka ekhangela umfazi ngokokude amkhanuke sele emkrexezile entliziyweni yakhe. Ukuba, ke, iliso lakho lasekunene liyakukhubekisa, linyothule ulilahle kude.” (Mateyu 5:27-29) Abafundi bakaYesu babephila namaRoma awayethanda ukubukela imidlalo enokuziphatha kakubi neyayinentetho engcolileyo. Ngobubele uYesu wabalumkisa abafundi bakhe ukuba baphephe nantoni na eyayinokwenza kube nzima ukuba benze okulungileyo.

13, 14. Ungabanceda njani abantwana bakho bangazonwabisi ngezinto ezingcolileyo?

13 Mzali, unokusebenzisa ukuqonda ukuze uncede abantwana bakho bangamoni uYehova. Okubuhlungu kule mihla, kukuba, nabantwana abancinane basesichengeni sokubona iphonografi nezinye izinto ezingcolileyo. Kakade ke, kufuneka ubaxelele abantwana bakho ukuba akufanelekanga ukuba bajonge izinto ezingcolileyo. Kodwa kukho into engakumbi onokuyenza ukuze ubakhusele. Zibuze: ‘Ngaba abantwana bam bayazi ukuba kutheni iphonografi iyingozi kangaka? Yintoni enokubenza bafune ukuyibukela? Ngaba ndenza kube lula ngabantwana bam ukuba bathethe nantoni na kum, ukuze bakwazi ukundixelela naxa behendeka ukuba babukele iphonografi?’ Enoba abantwana bakho bancinane kakhulu, usenokuthi kubo: “Mhla wabona into kwi-intanethi ekwenza ubawele ukubukela izinto ezingcolileyo, uboz’ undixelele. Ungabi neentloni okanye undoyike, ngoba ndifuna ukukunceda.”

14 Xa ukhetha izinto oza kuzonwabisa ngazo, cingisisa nangendlela onokubamisela umzekelo ngayo abantwana bakho. UPranas, ebesikhe sathetha ngaye uthi: “Ungathetha uthethile, kodwa abantwana bakho baza kukujonga baze benze le nto uyenzayo.” Ukuba usoloko uwukhetha ngobuchule umculo, iincwadi neemuvi ezifanelekileyo, unokubanceda abantwana bakho benze okufanayo.—Roma 2:21-24.

UYEHOVA UZA KUKUNCEDA

15, 16. (a) Kutheni unokuqiniseka ukuba uYehova uza kukunceda uqeqeshe abantwana bakho? (b) Siza kufunda ntoni kwinqaku elilandelayo?

15 Kwenzeka ntoni xa uManowa wacela uYehova ukuba amncede abe ngumzali okwaziyo ukukhulisa abantwana? “UThixo oyinyaniso waliphulaphula ilizwi likaManowa.” (ABagwebi 13:9) Bazali, uYehova uza kuyiphulaphula neyenu imithandazo. Uza kuninceda nibakhulise kakuhle abantwana benu. Yaye uya kuninceda nibabonise indlela enibathanda ngayo, nithobeke yaye nibe nokuqonda.

16 Njengokuba uYehova eza kukunceda uqeqeshe abantwana besebancinci, unokukunceda ubaqeqeshe naxa befikisa. Kwinqaku elilandelayo, siza kuthetha ngendlela onokukunceda ngayo umzekelo kaYesu wothando, ukuthobeka nokuqonda ukuze ukhulise abantwana baze bakhonze uYehova.

^ isiqe. 5 IBhayibhile ifundisa ukuba ingqeqesho ithetha ukhokelo, uqeqesho, ukulungisa yaye ngamanye amaxesha nesohlwayo. Abazali bamele babaqeqeshe ngobubele abantwana, kungekhona xa benomsindo.

^ isiqe. 7 Ngemihla kaYesu, abantwana babesithi Abha xa bebiza ooyise. Eli gama libonisa uthando nentlonelo.—The International Standard Bible Encyclopedia.