Yiya kwinkcazelo

IBHAYIBHILE IYABUTSHINTSHA UBOMI BABANTU

Bafumana ‘Iperile Exabiseke Kakhulu’

Bafumana ‘Iperile Exabiseke Kakhulu’

 UYesu wafundisa ukuba uBukumkani bukaThixo buzilungisa zonke iingxaki zabantu. (Mateyu 6:10) KuMateyu 13:44-46, xa wayebonisa indlela exabiseke ngayo inyani ngoBukumkani bukaThixo, wenza le mizekeliso mibini:

  •   Kukho indoda eyayisebenza entsimini, yaza yafumana ubutyebi obuhliweyo.

  •   Usomashishini ohambahambayo wayefuna iiperile ezintle, wafumana iperile enye exabiseke kakhulu.

 Bobabini aba bantu bathengisa zonke izinto ababenazo ukuze bafumane obu butyebi babubonileyo. Aba bantu bamela bonke abo babuxabisele uBukumkani kangangokuba bancama izinto zabo ukuze bafumane iintsikelelo zabo. (Luka 18:29, 30) Kule vidiyo, khawujonge indlela aba bantu babini abafana ngayo nabo uYesu wazekelisa ngabo.