Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ithemba Lokuba Izinto Ziseza Kuba Bhetele

Ithemba Lokuba Izinto Ziseza Kuba Bhetele

 Ucinga ukuba izinto ziseza kuba bhetele kwixesha elizayo? Abantu abaninzi bazama ukuhlala benethemba nangona kukho iingxaki ezininzi namhlanje. Kodwa ngaba asiziqhathi xa silindela ukuba izinto ziseza kuba bhetele? Asiziqhathi! IBhayibhile iyasithembisa ukuba nyhani izinto ziseza kuba ngcono.

 Isithembisa ntoni iBhayibhile?

 IBhayibhile nayo iyavuma ukuba abantu baneengxaki ezininzi kule mihla. Kodwa ke, isithembisa ukuba akuzusoloko kunjalo. Khawujonge nje le mizekelo imbalwa.

  •   Ingxaki: Ukungabi Nandawo Yokuhlala

     Into ethethwa yiBhayibhile: “Baza kwakha izindlu, bahlale kuzo.”—Isaya 65:21.

     Le nto ithetha ukuba kwixesha elizayo: Abantu baza kuba namakhaya abo.

  •   Ingxaki: Ukungafumani Msebenzi Nokusokola

     Into ethethwa yiBhayibhile: “Abantu bam abakhethiweyo baxhamle ngokupheleleyo kwimisebenzi abayenze ngezandla zabo.”—Isaya 65:22.

     Le nto ithetha ukuba kwixesha elizayo: Bonke abantu baza kuba nomsebenzi obanelisayo, abawuthandayo nobavuyisayo.

  •   Ingxaki: Ukungenziwa Kakuhle Kwezinto

     Into ethethwa yiBhayibhile: ‘Neenkosana ziza kulawula ngokusesikweni.’—Isaya 32:1.

     Le nto ithetha ukuba kwixesha elizayo: Abantu abasoze baphinde baphathwe kakubi ngenxa yohlanga lwabo, indlela abaphila ngayo ibe akukho mntu uza kusokola. Wonke umntu uza kuphathwa kakuhle.

  •   Ingxaki: Indlala Nokutya Ukutya Okungekho Sempilweni

     Into ethethwa yiBhayibhile: “Kuza kubakho intabalala yokutya okuziinkozo emhlabeni; kuphuphume ezincochoyini zeentaba.”—INdumiso 72:16.

     Le nto ithetha ukuba kwixesha elizayo: Wonke umntu uza kukwazi ukufumana ukutya okuninzi okusempilweni. Akukho mntu uza kulala elambile okanye aguliswe kukungafumani ukutya okusempilweni.

  •   Ingxaki: Ukwaphulwa Komthetho Nobundlobongela

     Into ethethwa yiBhayibhile: “Umntu ngamnye uza kuhlala phantsi komthi wakhe weediliya naphantsi komthi wakhe wamafiya, kungabikho mntu uboyikisayo.”—Mika 4:4.

     Le nto ithetha ukuba kwixesha elizayo: Wonke umntu uza kuziva ekhuselekile kuba baza kube bengekho abantu abenza izinto ezimbi. “Umhlaba uza kuba ngowamalungisa.”—INdumiso 37:10, 29.

  •   Ingxaki: Imfazwe

     Into ethethwa yiBhayibhile: “Uhlanga aluzukuphakamisela uhlanga ikrele, zingaphindi zifunde ukulwa imfazwe.”—Isaya 2:4.

     Le nto ithetha ukuba kwixesha elizayo: Kuza kubakho uxolo emhlabeni wonke. (INdumiso 72:7) Akukho mntu uza kuphinde abe buhlungu kuba eswelekelwe ngumntu amthandayo emfazweni. Ibe akukho mntu uza kuphinde adinge ukubaleka kwindawo ahlala kuyo kuba kukho imfazwe.

  •   Ingxaki: Ukugula nezifo

     Into ethethwa yiBhayibhile: “Akakho umhlali wakhona oza kuthi: ‘Ndiyagula.’”—Isaya 33:24.

     Le nto ithetha ukuba kwixesha elizayo: Akukho mntu uzophinda akhathazwe kukuba nesiphene nokugula. (Isaya 35:5, 6) IBhayibhile isithembisa ukuba ‘ukufa akuzubakho.’—ISityhilelo 21:4.

  •   Ingxaki: Ukonakaliswa komhlaba

     Into ethethwa yiBhayibhile: “Iza kuvuya intlango nommandla owomileyo, intlango iza konwaba ize ityatyambe.”—Isaya 35:1.

     Le nto ithetha ukuba kwixesha elizayo: Injongo kaThixo yokuba umhlaba ubeyiparadesi uze uhlale abantu iza kuzaliseka.—Genesis 2:15; Isaya 45:18.

 Ngaba nyhani izinto ezithenjiswa yiBhayibhile ziza kwenzeka?

 Mhlawumbi awuqondi ukuba ziza kwenzeka nyhani. Kodwa sikukhuthaza ukuba ufunde into ethethwa yiBhayibhile ngekamva. Kutheni sisitsho? Ngoba izithembiso eziseBhayibhileni azifani nezithembiso zabantu kunye nezinto abazicingayo. Kaloku zona izithembiso eziseBhayibhileni zisuka kuThixo. Nazi izinto uThixo ohluke ngazo ebantwini:

  •   UThixo uthembekile. IBhayibhile ithi xa ithetha ngaye, nguThixo “ongenakuxoka.” (Tito 1:2) Iphinda ithi, nguThixo kuphela onokusixelela into eza kwenzeka kwixesha elizayo. (Isaya 46:10) IBhayibhile inemizekelo emininzi ebonisa ukuba izinto ezithethwe nguThixo zihlala zisenzeka. Ukuze ufunde nezinye izinto, bukela ividiyo ethi Sinokuqiniseka Njani Ukuba IBhayibhile Ithetha Inyani?

  •   UThixo unamandla okulungisa iingxaki zethu. IBhayibhile ithi uThixo unamandla okwenza “yonke into athanda ukuyenza.” (INdumiso 135:5, 6) Ngamanye amazwi, ayikho into enokumenza angazenzi izinto asithembise zona. Ibe uThixo ufuna ukusinceda kuba uyasithanda.—Yohane 3:16.

 Abantu abaninzi bayazibuza ukuba, ‘ukuba uThixo ufuna ukusinceda ibe unamandla okusinceda, kutheni ke sineengxaki ezininzi kangaka?’ Ukuze ufumane impendulo yalo mbuzo, bukela ividiyo ethi Kutheni UThixo Evumela Ukubandezeleka?

 Ziza kwenzeka njani izinto esizithenjiswa yiBhayibhile?

 UThixo uzosebenzisa uBukumkani bakhe, urhulumente wasezulwini, ukuze enze izinto asithembise zona. Ukhethe uYesu Kristu ukuba abe nguKumkani woBukumkani Bakhe, ibe umnike ilungelo lokulawula umhlaba nabantu. Xa uYesu wayesemhlabeni, waphilisa abagulayo, wanika abantu abalambileyo ukutya, walawula nokutshintsha kwemozulu, waza wavusa nabantu abaswelekileyo. (Marko 4:39; 6:41-44; Luka 4:40; Yohane 11:43, 44) Ngokwenza ezi zinto wayebonisa indlela azokwenza ngayo njengokumkani woBukumkani bukaThixo.

 Bukela ividiyo ethi Yintoni UBukumkani BukaThixo? ukuze ufunde indlela obunokukunceda ngayo obu Bukumkani.

 Ziza kwenzeka nini ezi zinto zithenjiswayo?

 Sele ziza kwenzeka! Yintoni esenza siqiniseke? IBhayibhile yasichazela izinto esasiza kubona ngazo xa kuza kuqalisa ukulawula uBukumkani bukaThixo emhlabeni. (Luka 21:10, 11) Ezi zinto siyazibona zisenzeka kule mihla.

 Ukuze ufunde nezinye izinto, funda inqaku elithi “Buza Kulawula Nini Emhlabeni UBukumkani BukaThixo?

 Amathemba aseBhayibhileni angakunceda njani namhlanje?

 Omnye umbhali weBhayibhile wafanisa ithemba esilifumana kwiLizwi likaThixo “neankile yomphefumlo.” (Hebhere 6:19) Njengokuba iankile inceda inqanawa izinze xa kukho isaqhwithi, namathemba aseBhayibhileni asinceda sinyamezele iingxaki esinazo kule mihla. Kaloku eli themba sinalo linokusinceda sizole, sivuye, sikwazi ukucinga kakuhle size sihlale sisempilweni.—1 Tesalonika 5:8.