Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

HLALANI NITHE QWA!

Ingxaki Yokubalekela Kwelinye Ilizwe—Abantu Abaninzi Bayemka E-Ukraine

Ingxaki Yokubalekela Kwelinye Ilizwe—Abantu Abaninzi Bayemka E-Ukraine

 IRashiya yaqalisa ukuhlasela i-Ukraine ngoFebruwari 24, 2022. Le nto yenze kwakho iingxaki ezininzi kuba abantu abaninzi basengozini ibe bazama ukubaleka bemke kwela lizwe ngokukhawuleza. a

 “Bekukho iibhombu ezidubulayo. Bekukubi kangangokuba andikwazi ukuyichaza ngamazwi indlela ebendisoyika ngayo. Sithe sakuva ukuba kukho iitreyini eziphuma nabantu kweli lizwe, sagqiba ekubeni simke. Yonke into kuye kwafuneka siyishiye kuba umntu ebenokwazi ukuphatha nje ubhaka ongenazinto zininzi. Into esiye sakwazi ukuyithatha ngamaphepha aneenkcukacha zethu, amayeza, amanzi, nezinto zokutya ezincinci. Yonke enye into siye sayishiya saya kwisitishi setreyini, sabe sisiva iibhombu zisitsho ngapha nangapha.”—UNataliia, waseKharkiv, e-Ukraine.

 “Is’qubule imfazwe, khange sicinge ukuba iza kubakhona. Ndive kuqhushumba ibhombu kwezinye iindawo kwalapha edolophini, ibe kuye kwashukuma iifestile. Ndiye ndagqiba ekubeni ndihambe, ndiphethe nje izinto ebendiza kuzidinga. Ndimke ekhaya ngo-8:00 ekuseni, ndikhwele itreyini eya eLviv, ndiza kufika apho ndikhwele ibhasi eya ePoland.”—UNadija, waseKharkiv, e-Ukraine.

Kweli nqaku

 Yintoni eyenza abantu babaleke kweli lizwe labo?

 Le ngxaki ibangelwe yiRashiya eye yahlasela iUkraine. Kodwa iBhayibhile ichaza esona sizathu sokuba abantu bebaleka emazweni abo:

  •   Oorhulumente abaphetheyo abakwazanga ukubenzela izinto abazidingayo abantu. Kuba bephethe, balawula baze bacinezele abantu.—INtshumayeli 4:1; 8:9.

  •   USathana uMtyholi, ‘ongumlawuli wehlabathi,’ ubangela abantu benze izinto ezimbi. Kangangokuba iBhayibhile ithi: “Lonke ihlabathi lilawulwa nguSathana.”—Yohane 14:30; 1 Yohane 5:19.

  •   Ukongeza kwiingxaki abantu abaye banazo kangangeminyaka, ngoku siphila kwixesha iBhayibhile eyathetha ngalo isithi: “Ngemihla yokugqibela kuza kufika amaxesha ekunzima ukuwanyamezela.” (2 Timoti 3:1) Enye into, le mihla siza kuyibona ngokubakho kweemfazwe, iintlekele zemvelo, ukunqaba kokutya, izifo ezibulalayo. Ezi zinto ke zenze abantu bemka kumazwe abo.—Luka 21:10, 11.

 Abantu ababalekileyo kumazwe abo banokulifumana phi ithemba?

 IBhayibhile ithi uYehova b uMdali nguThixo onothando nobavelayo abantu ababaleke kumazwe abo nabashiye amakhaya abo. (Duteronomi 10:18) Uthembisa ukuba uza kuzilungisa iingxaki zabantu ababaleke kumazwe abo esebenzisa urhulumente obizwa ngokuba buBukumkani bukaThixo, oza kungena endaweni yoorhulumente abangabantu. (Daniyeli 2:44; Mateyu 6:10) UYehova uza kususa uSathana uMtyholi esebenzisa uBukumkani bakhe. (Roma 16:20) Obu Bukumkani buza kuba ngurhulumente olawula emhlabeni wonke. Buza kuphelisa iingxaki ezenze amazwe ohlukana. Bonke abantu emhlabeni baza kuba yintsapho emanyeneyo. Akho kwamntu ekuza kufuneka aphinde abaleke eshiya ikhaya lakhe kuba iBhayibhile ithi: “Umntu ngamnye uza kuhlala phantsi komthi wakhe weediliya naphantsi komthi wakhe wamafiya, kungabikho mntu uboyikisayo, kuba umlomo kaYehova wemikhosi uthethile.”—Mika 4:4.

 BuBukumkani bukaThixo bodwa obunokulungisa ingxaki yabantu abashiya amazwe abo namhlanje. UYehova uza kususa zonke iingxaki ezenza abantu babe ziimbacu esebenzisa uBukumkani. Ngokomzekelo:

  •   Imfazwe. “[UYehova] uphelisa iimfazwe emhlabeni wonke.” (INdumiso 46:9) Ukuze wazi ukuba uThixo uza kuyiphelisa njani le ngxaki, funda inqaku elithi “Uxolo Emhlabeni—Luya Kubakho Njani?

  •   Ukucinezelwa nokubethwa. “[UYehova] uza kubakhulula kwingcinezelo nobundlobongela.” (INdumiso 72:14) Ukuze uyazi indlela abantu abanokutshintsha ngayo kwizinto ezimbi ekudala zisezingqondweni zabo, funda amanqaku athi “Ukuphelisa Inzondo Eqhubekayo.

  •   Ukusokola. “[UYehova] uza kuwasindisa amahlwempu nabo bakhalela uncedo.” (INdumiso 72:12) Ukuze ubone eyona ndlela uYehova aza kuyilungisa ngayo ingxaki ebangele indlala, funda inqaku elithi “Ngaba Umahluko Okhoyo Phakathi Kwabantu Abasokolayo Nezityebi Ungaphela?

  •   Ukunqaba kokutya. “Kuza kubakho intabalala yokutya okuziinkozo emhlabeni.” (INdumiso 72:16) Ukuze ubone indlela uYehova aza kwenza ngayo ukuze kungabikho mntu ulambayo, funda inqaku elithi “Ngaba Indlala Iya Kuze Iphele?

 Ngaba iBhayibhile ingabanceda abantu ababalekayo kumazwe abo?

 Ewe. Ngaphandle kokubanika ithemba lento eza kwenzeka kwixesha elizayo abantu ababalekela kwamanye amazwe, iBhayibhile ingabanceda bamelane neengxaki abanazo ngoku.

 Umgaqo weBhayibhile: “Umntu ongalumkanga ukholelwa yonke into, kodwa olumkileyo uyacinga ngaphambi kokuba enze.”—IMizekeliso 14:15.

 Into oyithethayo: Cinga ngeengxaki ezinokwenzeka nento oza kuyenza ukuze uzikhusele. Balumkele ootsotsi abazama ukukutsotsa futhi bakoyikise. Kaloku bayazi ukuba uzakoyika futhi akho nto uyaziyo ngale ndawo.

 Umgaqo weBhayibhile: “Ukuba sinokutya nento yokunxiba, masaneliswe zezo zinto.”—1 Timoti 6:8.

 Into oyithethayo: Sukuzithanda kakhulu izinto onazo. Xa usanela zizinto ozidingayo uza konwaba.

 Umgaqo weBhayibhile: “Ngoko ke, baphatheni abanye abantu ngendlela nani enifuna ukuphathwa ngayo.”—Mateyu 7:12.

 Into oyithethayo: Yiba nomonde nobubele. Ukuba unezi mpawu, abantu bendawo ohlala kuyo baza kwamkela baze bakuhloniphe lula.

 Umgaqo weBhayibhile: “Sanukuphindisa ububi ngobubi nakubani na.”—Roma 12:17.

 Into oyithethayo: Sukuvumela umsindo ukwenze uphindise xa uye waphathwa kakubi. Loo nto iza kwenza zingalungiseki iingxaki.

 Umgaqo weBhayibhile: “Ezintweni zonke ndinamandla ngenxa yalowo undinika amandla.”—Filipi 4:13.

 Into oyithethayo: UThixo makabaluleke ebomini bakho futhi uthandaze kuye. Unokukunika amandla owadingayo ukuze unyamezele.

 Umgaqo weBhayibhile: “Sanukuba naxhala lanto, kodwa zonke izinto zixeleleni uThixo, nithandaza kuye, nimcenga yaye nimbulela, yaye uxolo lukaThixo oluyodlulayo indlela yabantu yokucinga, luza kuzikhusela iintliziyo neengqondo zenu ngoKristu Yesu.”—Filipi 4:6, 7.

 Into oyithethayo: Cela uThixo akwenze ube noxolo noba kwenzeka ntoni ebomini bakho. Funda inqaku elithi “Filipi 4:6, 7—‘Sanukuba Naxhala Lanto.’”

a Emva kokuba iRashiya ihlasele, iUnited Nations High Commissioner for Refugees (i-UNHCR) yathi le ngxaki yabantu ababaleke e-Ukraine yeyona ingxamisekileyo. Kwiintsuku nje eziyi-12, bangaphezu kwe-2 miliyoni abantu ababaleke eUkraine besiya kumazwe akufutshane. Kanti bona abayi-1 miliyoni, kuye kwafuneka bawashiye amakhaya abo babalekele kwezinye iindawo kwase-Ukraine.

b UYehova ligama likaThixo. (INdumiso 83:18) Funda inqaku elithi, “Ngubani UYehova?