Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Comstock Images/Stockbyte via Getty Images

HLALANI NITHE QWA!

Uza Kukhetha Eyiphi INkokheli Wena?—Ithini IBhayibhile?

Uza Kukhetha Eyiphi INkokheli Wena?—Ithini IBhayibhile?

 Kwezi veki zimbalwa zizayo, kumazwe amaninzi emhlabeni kuza kuvotwa. Abantu benza isigqibo esibalulekileyo sokuba baza kukhokelwa ngubani.

 Ithini yona iBhayibhile?

Iinkokheli ezingabantu zinezinto ezingakwaziyo ukuzenza

 IBhayibhile ichaza into ezingakwaziyo ukuyenza iinkokheli ezingabantu.

  •    “Sanukuthembela kwiinkosana, nakunyana womntu, ongenakukwazi ukunisindisa. Buyaphela ubomi bakhe, aze abuyele emhlabeni; ngaloo mini ziyatshabalala iingcinga zakhe.”—INdumiso 146:3, 4, umbhalo osemazantsi.

 Nezona nkokheli zenza izinto ezintle ziza kusweleka ekuhambeni kwexesha. Enye into, nokuba zenza izinto ezintle, azinakukwazi ukuqinisekisa abantu ukuba ezo ziza kulawula emva kwazo, ziza kwenza izinto ezintle nazo.—INtshumayeli 2:18, 19.

 Inyani esingenakuyiphika kukuba, iBhayibhile yachaza ukuba abantu babengenakuze bakwazi ukuzilawula.

  •    “Umntu ohambayo akanalo kwaigunya lokwalathisa inyathelo lakhe.”—Yeremiya 10:23.

 Ngaba ukhona umntu onokulawula kakuhle kule mihla yethu?

Inkokheli ekhethwe nguThixo

 IBhayibhile isichazela ukuba uThixo ukhethe eyona nkokheli inokukwazi ukwenza izinto ezintle nesinokuyithemba: uYesu Kristu. (INdumiso 2:6) UYesu nguKumkani woBukumkani bukaThixo obungurhulemente osezulwini.—Mateyu 6:10.

 Ngaba uza kukhetha ukukhokelwa nguYesu? IBhayibhile ibonisa ukuba utheni ubalulekile lo mbuzo:

  •    “Mhlonipheni unyana [uYesu Kristu], okanye uThixo uza kucaphuka nize nitshabalale, kuba umsindo wakhe uyakhawuleza. Bonwabile bonke ababalekela kuye.”—INdumiso 2:12.

 Ngoku lixesha lokuba uzikhethele ngokwakho. Izinto ezithethwa yiBhayibhile zibonisa ukuba uYesu waqalisa ukulawula ngo-1914 nokuba sele eza kubasusa bonke oorhulumente babantu.—Daniyeli 2:44.

 Ukuze ufunde ngokuba unokubonisa njani ukuba ufuna ukukhokelwa nguYesu, funda inqaku elithi “Khetha Ukuxhasa UBukumkani BukaThixo Kwangoku!