Yiya kwinkcazelo

Ngaba AmaNgqina KaYehova Ayakholelwa KuYesu?

Ngaba AmaNgqina KaYehova Ayakholelwa KuYesu?

Ewe. Siyakholelwa kuYesu owathi: “Ndim indlela nenyaniso nobomi. Akukho bani uzayo kuBawo ngaphandle kokuza ngam.” (Yohane 14:6) Sikholelwa ukuba uYesu weza emhlabeni esuka ezulwini waza wasifela njengomntu ongenasono. (Mateyu 20:28) Ukufa nokuvuka kwakhe kwabangela ukuba abo banokholo kuye bakwazi ukufumana ubomi obungunaphakade. (Yohane 3:16) Okunye esikukholelwayo kukuba ngoku uYesu nguKumkani wasemazulwini kwaye kungekudala uza kudala uxolo emhlabeni wonke. (ISityhilelo 11:15) Kodwa ke, siyamkholelwa uYesu xa esithi: “UBawo mkhulu kunam.” (Yohane 14:28) Ngeso sizathu asimnquli uYesu, kuba akanguye uThixo uSomandla.