Yiya kwinkcazelo

Yiminyaka Eyi-50 Kuvunwa KwiiWatchtower Farms

Yiminyaka Eyi-50 Kuvunwa KwiiWatchtower Farms

Kwiikhilomitha ezimalunga ne-145 ukusuka kumntla kwiSixeko saseNew York, kufuphi neendawo ezisemaphandleni zaseWallkill, eNew York, kukho iqela leefama eliye ladlala indima ebalulekileyo kumsebenzi wamaNgqina kaYehova wokufundisa abantu iBhayibhile ehlabathini lonke. Ifama yokuqala yathengwa ngoJanuwari 2, 1963, kwiminyaka eyi-50 eyadlulayo.

UDavid Walker, iNgqina likaYehova elalisebenza eWallkill ukususela oko zathengwa ezi fama, uchaza isizathu sokuba zithengwe: “Abasebénzi abangamaNgqina abakwikomkhulu eliseBrooklyn, eNew York, babesanda, kwaye kwakufuneka sibondle singakhange singene kakhulu epokothweni. Iifama ezazisetyenziswa ngamaNgqina zazikumntla weNew York, ibe kuthatha iiyure ezintandathu ukuya kwezisibhozo ukufika eBrooklyn. Kanti ukuya eWallkill ziiyure nje ezimbini. Loo nto yabangela ibe yeyona ndawo inokusilungela.” Ekuhambeni kwexesha, amaNgqina kaYehova asebenzisa le fama ukukhulisa iziqhamo, imifuno, ukufuya iinkuku, iihagu, iinkomo nokwenza ezinye izinto zobisi. Ekuhambeni kwexesha, kongezwa ezinye iifama.

Kwisithuba seminyaka elishumi, ulwando lwamaNgqina kaYehova lwakhokelela ekubeni abe neemfuno ezikhethekileyo. Ukongezelela kwimifuno neziqhamo ezivunwa kwezi fama, kwenziwa neencwadi zeBhayibhile ezaziza kunceda kumsebenzi wokuvuna uYesu awathetha ngawo. (Mateyu 9:37; Luka 10:2; Yohane 4:35, 36) Makhe sithethe ngeminye yemisebenzi eyenziwa eWallkill.

Ukuprinta: Phakathi kwinkulungwane ye-20, umsebenzi omninzi wokuprinta uncwadi lweBhayibhile wawusenziwa eBrooklyn, eNew York. Kodwa njengoko imfuneko yeencwadi zethu isanda, iBrooklyn yayingasakwazi ukuthwala lo msebenzi mkhulu. Ngoko ngo-1973, amaNgqina kaYehova agqiba ukwakha esinye isakhiwo sokuprinta eWallkill. Ukususela ngoko, izakhiwo zokuprinta bezimana zisandiswa, ibe ngo-2004 bekusandul’ ukwandiswa esinye.

Iteknoloji Neekhompyutha: Ngo-1979, iqela lamaNgqina kaYehova lenza inkqubo yekhompyutha ebizwa ngokuba yiMultilanguage Electronic Publishing System (MEPS). Le nkqubo, ibangela kupapashwe uncwadi lweBhayibhile ngeelwimi ezingaphezu kwe-600.

Imfundo: Ngo-1988, iSikolo SeBhayibhile SeWatchtower saseGiliyadi safudukela eWallkill sisuka eBrooklyn. Iiklasi zaqala ngo-Oktobha 17 waloo nyaka. Sahlala silapho esi sikolo de safuduselwa kwiZiko Lemfundo LeWatchtower elisePatterson, eNew York, ngoAprili 1995.

Kule minyaka ingamashumi amahlanu, iye yatshintshatshintsha indlela ezisebenza ngayo iiWatchtower Farms. Nangoku kusenziwa imigudu ukuze amaNgqina kaYehova afumane ukutya okusempilweni kwiBheteli yaseMerika, eNew York.

Sithethanje, amaNgqina kaYehova akha iiofisi, iindawo zokuhlala kunye nezinye eWallkill. Alungisa nezakhiwo ezikhoyo. Wonke lo msebenzi uza kunceda iiWatchtower Farms ziqhubeke zisondla amaNgqina kaYehova emhlabeni wonke.

UDavid Walker, ekuthethwe ngaye ngaphambilana uthi: “Kule minyaka ingaphezu kweyi-50 idluleyo, kuye kwandivuyisa kakhulu ukubona sikhula, izakhiwo eziseWallkill zandisiwe ngoku kwaye zinegalelo kumsebenzi wokufundisa iBhayibhile esiwenzayo ehlabathini lonke!”