Yiya kwinkcazelo

Ngaba UThixo Ukho?

Ngaba UThixo Ukho?

Impendulo esuka eBhayibhileni

Ewe. IBhayibhile inobungqina obubangel’ umdla bokuba uThixo ukho. Isikhuthaza ukuba sakhe ukholo kuThixo sisebenzise ‘amandla engqiqo’ kungekhona iinkolelo zonqulo. (Roma 12:1; 1 Yohane 5:20) Makhe sihlole ezi ndlela zisekelwe eBhayibhile.

  • Izinto ezidaliweyo zibonisa ukuba ukho uMdali. IBhayibhile ithi: “Kambe ke, ndlu nganye inomakhi wayo, kodwa lowo wazakhayo zonke izinto nguThixo.” (Hebhere 3:4) Nangona esi isisibakala esicacileyo, siyabamangalisa abantu abaninzi abafundileyo. a

  • Njengabantu sinomnqweno ongaphakathi wokuqonda injongo yobomi, lo mnqweno uhlala ukho kuthi enoba ezinye iinkalo zobomi zanelisiwe. Xa iBhayibhile ithetha ngawo ithi, ‘yintswelo yokomoya,’ yona ngumnqweno wokwazi nokukhonza uThixo. (Mateyu 5:3; ISityhilelo 4:11) Lo mnqweno awaneli nje ukunikela ubungqina bokuba uThixo ukho kodwa ukwabonisa ukuba nguMdali onothando ofuna siwanelise.—Mateyu 4:4.

  • EBhayibhileni kwabhalwa iziprofeto ngokweenkcukacha kwakude kudala ngaphambi kokuba zenzeke, ibe zazaliseka kanye njengokuba kwakuxeliwe. Ukuchana kwezi ziprofeto ngokweenkcukacha kubonisa ukuba azisuki mntwini.—2 Petros 1:21.

  • Ababhali beBhayibhile babenenkcazelo yesayensi eyayingaqondwa ngabantu ababephila kunye nabo. Ngokomzekelo, kude kudala, abantu abaninzi babesithi umhlaba uxhaswe zizilwanyana ezifana nendlovu, ihagu yasendle okanye inkomo. Ngokwahlukileyo koko, iBhayibhile ithi uThixo ‘uwuxhome kokungento’ umhlaba.’ (Yobhi 26:7) Ngokufanayo iBhayibhile iwuchaza ngendlela echanileyo indlela omile ngayo umhlaba xa isithi ‘sisazinge.’ (Isaya 40:22) Abantu abaninzi bathi eyona ndlela yokwazi ukuba ababhali beBhayibhile babeyifumana phi inkcazelo echane ngolu hlobo ngexesha labo kukuba bancedwa nguThixo.

  • IBhayibhile iphendula imibuzo emininzi, uhlobo lwemibuzo ethi xa ingaphendulekanga kakuhle, abantu baphele besithi akukho Thixo. Ngokomzekelo: ukuba uThixo unothando namandla, kutheni kukho ubungendawo obungaka ehlabathini? Kutheni unqulo lungunobangela wezinto ezimbi kunezo zilungileyo?—Tito 1:16.

a Umfi uAllan Sandage, owayesisazi ngeenkwenkwezi wathi: “Ndikufumanisa kungenakwenzeka ukuba ucwangco olungaka [kwindalo iphela] lwabangelwa sisidubedube. Kumele ukuba kubekho umntu owayilungelelanisayo. Mna andimazi uThixo, kodwa nguye owabangela ukuba kubekho indalo, nguye owabangela ukuba kubekho zonke ezi zinto.”