Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Kutheni Ndifanele Ndingayibukeli Iphonografi?

Kutheni Ndifanele Ndingayibukeli Iphonografi?

 Ngaba uza kukwazi ukungayibukeli?

Ukuba usebenzisa i-Intanethi yilindele into yokuba usenokubona iphonografi. UHayley ona-17 uthi: “Akuyomfuneko ukuba uyikhangele, yiyo ekukhangelayo.”

Iphonografi inokulinga nabo bazimisele ukungayibukeli. UGreg ona-18 uthi: “Ndazixelela ukuba andizi kuyibukela iphonografi kodwa ndoyisakala. Awunakubetha ngenqindi etafileni uthi loo nto ayinakwenzeka apha kum.”

Kulula kwezi mini ukuyifumana iphonografi kunokuba kwakunjalo ngaphambili. Ixhaphakile into yokuthumelelana imifanekiso nemiyalezo evuselela inkanuko ngeselfowuni, kangangokuba ulutsha oluninzi lwenza luze lusasaze eyalo iphonografi.

Isibakala kukuba: Ujamelene nengxaki enkulu kunaleyo babejamelene nayo abazali bakho okanye utatomkhulu nomakhulu wakho. Umbuzo ngulo, Ngaba uza kukwazi ukuyiphepha iphonografi?—INdumiso 97:10.

Impendulo ngu-ewe ukuba ukhetha ngolo hlobo. Kodwa kufuneka uqale weyiseke ukuba iphonografi ayifanelekanga. Makhe sihlole ngokufutshane inyaniso nobuxoki ngalo mba.

 Ubuxoki nenyaniso

Ubuxoki: Iphonografi ayinakundenzakalisa mna.

Inyaniso: Iphonografi ingcolisa ingqondo njengokuba necuba lingcolisa imiphunga. Ithoba isidima oko uThixo akudale ngenjongo yokuba kwenze abantu ababini bamanyane ngonaphakade. (Genesis 2:24) Ekuhambeni kwexesha inokwenza kube nzima ukubona umahluko phakathi kwento efanelekileyo nengafanelekanga. Ngokomzekelo, ezinye iingcali zibonisa ukuba amadoda ayibukela rhoqo iphonografi asenokungabi nangxaki xa amabhinqa ephathwa ngogonyamelo.

IBhayibhile ithetha ngabantu abangasazivayo “konke konke ngokokuziphatha.” (Efese 4:19) Izazela zabo azisasebenzi kangangokuba abanangxaki yokwenza izinto ezimbi.

Ubuxoki: Iphonografi inokukufundisa ngesini.

Inyaniso: Iphonografi ikufundisa ukubawa. Ikwenza ubathathe lula abantu, babe zizinto nje onokuzanelisa kuzo. Olunye uhlolisiso lwathi, abantu abasoloko bebukela iphonografi mancinane amathuba okuba baneliseke sisini emva kokuba betshatile.

IBhayibhile ithi kumaKristu makaluphephe “uhenyuzo, ukungahlambuluki, inkanuko yesini, umnqweno owenzakalisayo, nokubawa”—zonke izinto ezikhuthazwa yiphonografi.—Kolose 3:5.

Ubuxoki: Bonke abantu abangayibukeliyo iphonografi abafuni nokuva ngesini.

Inyaniso: Abantu abangayibukeliyo iphonografi bawujonga kakuhle umba wesini. Basijonga njengesipho esadalwa nguThixo esiqinisa umanyano oluphakathi kwendoda nomfazi abazinikeleyo emtshatweni wabo. Abantu abanjalo bayaneliseka sisini emva kokuba betshatile.

IBhayibhile ayigwegwelezi xa ithetha ngesini. Ngokomzekelo, xa ithetha nendoda ithi: “Ube nemihlali ngumfazi wobutsha bakho . . . Uthabatheke rhoqo luthando lwakhe.”—IMizekeliso 5:18, 19.

 Indlela yokuphepha iphonografi

Kuthekani ukuba uvakalelwa kukuba isilingo sokubukela iphonografi singaphaya kwamandla akho? Iphepha onokubhala kulo elinomxholo othi, “Indlela Yokuphepha Iphonografi” linokukunceda.

Qiniseka ukuba unokukwazi ukusiphepha isilingo sokubukela iphonografi. Kwakhona unako ukuyeka ukubukela iphonografi ukuba sele uyibukela. Unokuzuza lukhulu ukuba wenjenjalo.

Makhe sithethe ngoCalvin, ovumayo ukuba waqala umkhwa wokubukela iphonografi ngoxa wayeneminyaka emalunga neyi-13. UCalvin uthi: “Ndiyazi ukuba yayiphosakele lento ndandiyenza, kodwa ndandisoyisakala ukulwa nesilingo sokufuna ukuyibukela. Emva kokuba ndiyibukele ndandingaziva kakuhle. Ekugqibeleni uTata wandibhaqa—ibe xa nditheth’ inyani, ndayivuyela loo nto. Ndade ndalufumana uncedo endandiludinga.”

UCalvin uye wafunda ukungayibukeli iphonografi. Uthi: “Ukubukela iphonografi yimpazamo enkulu endisavunayo ngenxa yayo kuba imifanekiso isadlala nangoku engqondweni yam. Maxa wambi ndikhe ndilingeke ekubukeleni izinto endingafanelanga ndizibukele. Kodwa ndiye ndicinge ngendlela endonwabe ngayo kuba ndicocekile, nangekamva eliqaqambileyo endijonge kulo xa ndisenza izinto ngendlela kaYehova.”