Yiya kwinkcazelo

Ngaba Isayensi Iyavumelana NeBhayibhile?

Ngaba Isayensi Iyavumelana NeBhayibhile?

Impendulo esuka eBhayibhileni

Ewe. Nangona iBhayibhile ingeyoncwadi yesayensi kodwa isoloko ichanile xa ithetha ngayo. Makhe sibone imizekelo ebonisa ukuba isayensi neBhayibhile ziyavumelana, nebonisa indlela izibakala eziseBhayibhileni ezithetha ngesayensi ezahluke ngayo kubantu bexesha lokubhalwa kwayo.

  • Indalo yonke inesiqalo. (Genesis 1:1) Ngokwahlukileyo koko, amabali akudala athi indalo ayizange yadalwa kunoko yasuka yazivelela kwizinto ezazikho kakade. Abantu baseBhabhiloni babenenkolo yokuba abantu abadala indalo basuka kwiilwandlekazi ezimbini. Amanye amabali athi indalo ivela kwiqanda elikhulu.

  • Indalo yonke ilawulwa yimithetho yendalo, ayilawulwa ngoothixo okanye ngezinto ezisuka nje zizenzekele. (Yobhi 38:33; Yeremiya 33:25) Amabali asuka kumazwe ngamazwe athi akukho nto inokwenziwa ngabantu xa besehlelwa ziimeko ezilusizi nabangakhange bazilindele ezibangelwa zizithixo.

  • Umhlaba ujinga emoyeni. (Yobhi 26:7) Abantu bakudala babekade besithi umhlaba usicaba, yaye uxhaswe zizilwanyana ezikhulu njengenyathi okanye ufudo.

  • Imithombo nemilambo ifumana amanzi asuka elwandle namanye aye anyuka njengomphunga aza anetha eyimvula, ikhephu okanye isichotho. (Yobhi 36:27, 28; INtshumayeli 1:7; Isaya 55:10; Amosi 9:6) AmaGrike akudala ayecinga ukuba amadama afumana amanzi asuka kwimithombo yamanzi ephantsi komhlaba, le ndlela yabo yokucinga yaduma kwada kwayiminyaka yee-1700.

  • Iintaba ziyenyuka zize zehle, yaye ezi zikhoyo namhlanje zakhe zagutyungelwa ngamanzi olwandle. (INdumiso 104:6, 8) Amanye amabali adla ngokuthi iintaba ezikhoyo ngoku zenziwa zalolu hlobo zilulo zizithixo.

  • Xa sicocekile siba sempilweni. UMthetho owawunikwe uhlanga lukaSirayeli wawuquka izinto ezifana nokuhlamba emva kokuchukumisa isidumbu, ukubahlalisa bodwa abantu abanezifo ezosulelayo nokulahla ilindle ngendlela ekhuselekileyo. (Levitikus 11:28; 13:1-5; Duteronomi 23:13) Ngokwahlukileyo koku, ngexesha ekuphuma ngalo lo mthetho amaYiputa ayeneyeza elenziwe ngomxube oquka ilindle elaligalelwa kwinxeba elivulekileyo.

Ngaba iBhayibhile ineendawo engqubana ngazo nesayensi?

Uhlolisiso oluye lwenziwa eBhayibhileni lubonisa ukuba akukho zinto zibhalwe kuyo ezingqubanayo nesayensi. Apha ngezantsi kukho izibakala ezibonisa ubuxoki nenyaniso mayela nokuchana kweBhayibhile kwizinto zesayensi:

Ubuxoki: IBhayibhile ithi indalo yadalwa ngeentsuku ezintandathu yaye suku ngalunye luziiyure eziyi-24.

Inyaniso: IBhayibhile ayitsho ukuba uThixo waqala nini ukudala. (Genesis 1:1) Ayisichazeli nokuba zaziingakanani iintsuku ekuthethwa ngazo kwiGenesis isahluko 1. Lonke ixesha uThixo awalisebenzisa ekudaleni umhlaba nezulu libizwa ngokuba ‘lusuku.’—Genesis 2:4.

Ubuxoki: IBhayibhile ithi uhlaza lwadalwa ngaphambi kokuba kwenziwe ilanga ukuze lukwazi ukufunxa ukukhanya kwalo luze luzondle.—Genesis 1:11, 16.

Inyaniso: IBhayibhile ibonisa ukuba enye yeenkwenkwezi ‘ezisemazulwini’ okanye ilanga, ladalwa ngaphambi kokuba kwenziwe uhlaza. (Genesis 1:1) Ngosuku lokuqala lokudala, kwakusele kukho ukukhanya okuncinane okufikayo emhlabeni. Njengokuba isibhakabhaka sisithi qwenge, ngosuku lwesithathu, ukukhanya kwelanga kwatsho kwanceda lonke uhlaza londleka. (Genesis 1:3-5, 12, 13) Ukukhanya kwelanga kwaqalisa ukuqaqamba kamva emhlabeni.—Genesis 1:16.

Ubuxoki: IBhayibhile ithi ilanga lijikeleza umhlaba.

Inyaniso: INtshumayeli 1:5 ithi: “Ilanga liyakhazimla, yaye ilanga libuya litshone.” Kodwa ke la mazwi abonisa nje indlela ilanga elikhangeleka ngayo xa ulijonga usemhlabeni. Nanamhlanje, umntu usenokulisebenzisa igama elithi ukuphuma nelithi ‘ukutshona’ kwelanga, kodwa abe esazi ukuba ngumhlaba ojikeleza ilanga.

Ubuxoki: IBhayibhile ithi umhlaba usicaba.

Inyaniso: IBhayibhile ikhe ithi, “nakwezona nxalenye zikude zomhlaba.” La mazwi awathethi kuthi umhlaba usicaba okanye unekona. (IZenzo 1:8) Ngokufanayo, amazwi athi, “kwiziphelo ezine zomhlaba” asisafobe esibhekisela kumhlaba wonke; namhlanje umntu unokusebenzisa iziphelo ezine zekhampasi njengesafobe esiyeleleneyo kwesi.—Isaya 11:12; Luka 13:29.

Ubuxoki: Ukuba ubunokulinganisa ubukhulu besangqa, iBhayibhile ithi bebuya kulingana nobukhulu bomgca oqala kwesinye isiphelo sawo uze uye kwesinye, ophindwe kade kakathathu; kodwa obona bukhulu buchanileyo ngu-pi (π), okanye inani elimalunga no-3,1416.

Inyaniso: IBhayibhile ibonisa ukuba “ulwandle olutyhidiweyo,” ekubhalwe ngalo kweyoku-1 yooKumkani 7:23; nakweyesi-2 yeziKronike 4:2 lwalunobude obuziikubhite eziyi-10 “yaye kwakuthabatha ulutya oluziikubhite ezingamashumi amathathu ukulujikeleza macala onke.” Kusenokwenzeka ukuba la manani ayengawona asondele kwishumi. Kwakhona kunokwenzeka ukuba la manani achazwe apha amela umphakathi wolwandle olutyhidiweyo.