Yiya kwinkcazelo

Ukukhusela Izilwanyana Zasendle Nendalo EWarwick

Ukukhusela Izilwanyana Zasendle Nendalo EWarwick

AmaNgqina kaYehova sele eqalisile ukwakha ikomkhulu lawo elitsha kufutshane neSterling Forest Lake (okanye iBlue Lake) kumaphandle ephondo laseNew York. Yintoni ayenzayo ukuze akhusele izilwanyana zasendle kunye nendalo?

AmaNgqina aye asibiyela isiza sawo ukuze iinyoka namafudo angangeni aze onzakale. Olu cingo luhlolwa rhoqo ukuze kuqinisekwe ukuba akukho zilwanyana zithubelezayo zize zivaleleke esizeni. Emva kokuba kugqityiwe ukwakhiwa nocingo lwasuswa, naziphi na iinyoka ezifumaneke kulo mmandla ziza kufuduselwa kwenye indawo.

Intaka

Ukuze iintaka zingaphazanyiswa, imithi yagawulwa ebudeni bobusika. Emva kokuba kugqityiwe ukwakhiwa, amaNgqina aza kulungiselela iintaka zikwazi ukubuya.

Oogandaganda baza kulungisa umhlaba ebudeni bukaOktobha noMatshi ukuze iimbewu zentyatyambo yehisope zikwazi ukunwenwa zize zintshule. Lo msebenzi uyalandelelelwa nakubeni ezi ntyatyambo zingazange zibonwe eWarwick ukususela ngo-2007.

KwiSterling Forest Lake, ekwimida yesiza, kukho amadada neentlanzi ezahlukahlukeneyo. Ukuze abakhi bakhusele eli chibi, bakhethe ukusebenzisa iindlela zokwakha ezingayonakalisiyo indalo. Ezi ndlela ziquka ukutyala uhlaza eluphahleni lwezakhiwo oluza kunceda ekususeni ubumdaka bamanzi emvula nasekwehliseni amanzi aya echibini. Ukongezelela, uhlaza olukhoyo olungqonge eli chibi luyakhuselwa.

Elinye iNgqina elijongene nendalo kwesi siza lithi: “Kufuna ixesha elininzi ukuqiniseka ukuba uhlaza nezilwanyana zikhuselekile, sekunjalo kwesi siza saseWarwick siza kuhlala sisenza loo nto kanye.”