Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Ngaba Ubufanasini Abulunganga?

Ngaba Ubufanasini Abulunganga?

“Ekukhuleni kwam, eyona ngxaki yam inzima yayikukutsaleleka kubantu besini esifana nesam. Ndandicinga ukuba yinto edlulayo, kodwa ndisavakalelwa ngendlela efanayo nangoku.”​—UDavid, ona-23.

UDavid ngumKristu ofuna ukukholisa uThixo. Angakwenza njani oko ngoxa etsaleleke kwamanye amadoda? Uthini uThixo ngobufanasini?

 Ithini iBhayibhile?

Indlela obujongwa ngayo ubufanasini iyohluka ngokwendawo okanye ngokwamaxesha. AmaKristu akalandeli oko kuthethwa ngabantu okanye ‘aphetshethwe yiyo yonke imimoya yeemfundiso.’ (Efese 4:14) Endaweni yoko, imbono yawo isekelwe eBhayibhileni.

IBhayibhile ithetha ngokucacileyo ngobufanasini. ILizwi likaThixo lithi:

  • “Uze ungayilali indoda njengokuba kulalwa umfazi.”—Levitikus 18:22.

  • “UThixo ngokuvumelana neminqweno yeentliziyo zabo, . . . wabanikela kwinkanuko yesini elihlazo, kuba amabhinqa abo akutshintsha ukusebenza kwawo kwemvelo kwaba kokwahlukileyo kwimvelo.”​—Roma 1:26.

  • “Ningalahlekiswa. Abahenyuzi, nabanquli-zithixo, nabakrexezi, namadoda agcinelwe iinjongo ezingezozamvelo, namadoda alala namadoda, namasela, nabantu ababawayo, namanxila, nabatshabhisi, nabaphangi abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.”—1 Korinte 6:9, 10

Enyanisweni, imilinganiselo kaThixo yokuziphatha isebenza kubo bonke abantu, enoba bangamafanasini okanye baneminqweno yokulala nabantu besini esahlukileyo. Inyaniso kukuba, wonke umntu ufanele azeyise xa eneminqweno emenza aziphathe ngendlela engamkholisiyo uThixo.​—Kolose 3:5

 Ngaba loo nto ithetha ukuba . . . ?

Ngaba loo nto ithetha ukuba iBhayibhile ikhuthaza ukuthiywa kwabantu abangamafanasini?

Akunjalo. Enyanisweni, iBhayibhile ayikhuthazi ukuthiywa kwakhe nabani na​—enoba ulifanasini okanye akalilo. Kunoko, ithi, ‘masiphuthume uxolo nabantu bonke,’ kungakhathaliseki indlela abaziphethe ngayo. (Hebhere 12:14) Ngoko akufanelekanga ukuntlonta, ukuthiya, okanye ukubaphatha kakubi abantu abangamafanasini.

Ngaba loo nto ithetha ukuba amaKristu amele angayithobeli imithetho evumela ukutshata kwabantu besini esinye?

IBhayibhile ibonisa ukuba umtshato umanyanisa indoda nebhinqa. (Mateyu 19:4-6) Kodwa ke, izinto ezithethwa ngabantu ngemithetho yokutshata kwabantu besini esinye zinento yokwenza nepolitiki, kungekhona indlela yokuziphatha. IBhayibhile ithi, amaKristu akamele athathe cala kwizinto zepolitiki. (Yohane 18:36) Ngoko ke, akayixhasi imithetho karhulumente yokutshata kwabantu besini esinye okanye amafanasini.

 Kodwa kuthekani ukuba . . . ?

Kodwa kuthekani ukuba umntu ulifanasini? Ngaba unako ukutshintsha?

Ewe. Abanye ngenkulungwane yokuqala batshintsha! Emva kokuchaza ukuba abantu abangamafanasini abazi kubudla uBukumkani bukaThixo, iBhayibhile ithi: “Abanye kuni babenjalo kanye.”​—1 Korinte 6:11.

Ngaba loo nto ithetha ukuba abantu ababekade bengamafanasini abacingi ngezinto ababezenza ngaphambili? Akunjalo. IBhayibhile ithi: “Nambathe ubuntu obutsha, obuthi ngolwazi oluchanileyo benziwe bube butsha.” (Kolose 3:10) Utshintsho yinto eqhubekayo.

Kodwa kuthekani ukuba umntu ofuna ukukholisa uThixo useneminqweno yobufanasini?

Njengawo nawuphi na umnqweno, umntu unokungawuvumeli ukuba ukhule okanye enze ngokuvumelana nawo. Njani? IBhayibhile ithi: ‘Qhubekani nihamba ngokomoya anisayi kulawulwa yiminqweno yenyama konke konke.’—Galati 5:16

Phawula ukuba le vesi ayithi umntu akazi kuba nayo iminqweno yenyama. Kunoko, xa ezixhobisa ngokufunda iBhayibhile yonke imihla aze athandaze, uza kuba namandla okuxhathisa loo minqweno.

UDavid, ekuthethwe ngaye ekuqaleni, ukufumanise kuyinyaniso oku​—ngakumbi emva kokuba ezityande igila kubazali bakhe abangamaKristu ngengxaki yakhe. Uthi: “Kwakungathi kususwe umthwalo onzima emagxeni am kwaye ngendandiphile ubomi obumnandi ukuba ndandikhawuleze ndathetha.”

Ekugqibeleni siyonwaba xa sithobela imigaqo kaThixo. Siqinisekile ukuba “iyibangela ibe nemihlali intliziyo,” ibe ‘ekuyigcineni kukho umvuzo omkhulu.’​—INdumiso 19:8, 11.