KUCACISWA IIVESI ZEBHAYIBHILE
Genesis 1:1—“Ekuqaleni uThixo wadala amazulu nomhlaba”
“Ekuqaleni uThixo wadala amazulu nomhlaba.”—Genesis 1:1, INguqulelo Yehlabathi Elitsha.
“Ekuqaleni uThixo wadala izulu nomhlaba.”—Genesis 1:1, IBhayibhile yesiXhosa yowe-1996.
Oko Kuthethwa YiGenesis 1:1
Le vesi yokuqala yeBhayihile ichaza iinyaniso ezimbini ezibalulekileyo. Okokuqala, ‘amazulu nomhlaba’ ayenesiqalo. Okwesibini, ayedalwe nguThixo.—ISityhilelo 4:11.
IBhayibhile ayitsho ukuba uThixo wawadala nini amazulu nomhlaba ibe ingatsho nokuba wawadala njani. Kodwa xa icacisa, ithi wawadala amazulu nomhlaba “ngenxa yobukhulu namandla akhe amangalisayo.”—Isaya 40:26.
Igama elithi “wadala” liguqulelwe kwisenzi sesiHebhere esichaza into eyenziwa nguThixo yedwa. a IBhayibhile ithi nguYehova b uThixo kuphela onguMdali.—Isaya 42:5; 45:18.
Umongo weGenesis 1:1
Le vesi yokuqala yeBhayibhile ekwincwadi yeGenesis itshayelela ingxelo engendalo efumaneka kwisahluko 1 no-2 kule ncwadi. Ukususela kwiGenesis 1:1 ukuya kwiGenesis 2:4 iBhayibhile ishwankathela izinto awazenzayo uThixo xa wayedala. Ezo zinto ziquka indoda nomfazi wokuqala ize emva koko ichaze iinkcukacha ezingakumbi zokudalwa kwendoda nomfazi.—Genesis 2:7-25.
IGenesis ithi uThixo wathatha ‘iintsuku’ ezintandathu xa wayedala. Ezi ayizontsuku zokoqobo zeeyure eziyi-24. Kaloku igama elithi ‘usuku’ linokuthatha ixesha elingaphezu kweeyure eziyi 24 ezibakho ngosuku. Le nto siyibona kwiGenesis 2:4 xa usuku lusetyenziswa njengesithethantonye ‘nexesha’ kuze kushwankathelwe umsebenzi kaThixo wokudala ngokuthi uThixo wawenza lo msebenzi ‘ngosuku’ olunye.
Ubuxoki Obuthethwa NgeGenesis 1:1
Ubuxoki: Abantu abaninzi bakholelwa ukuba uThixo wadala umhlaba kwiminyaka embalwa eyadlulayo.
Inyaniso: IBhayibhile ayichazi ukuba kwadalwa nini. Into ethethwayo kwiGenesis 1:1 ayiphikisani noososayensi abathi kwadalwa kwiibhiliyoni zeminyaka eyadlulayo. c
Ubuxoki: IGenesis 1:1 ibonisa ukuba uThixo unguBathathu emnye ngenxa yokuba igama lesiHebhere elithi “Thixo” lisetyenziswe njengesininzi.
Inyaniso: Igama elithi “Thixo” liguqulela igama lesiHebhere elingu-Elohim, gama elo likwisininzi ukuze libonise ubukhulu hayi inani labantu. I-The New Catholic Encyclopedia iyavuma ukuba u-Elohim okwisininzi osetyenziswe kwiGenesis 1:1 “usoloko ethetha ngomntu omnye, uyafana nentetho esetyenziswa ngabantu bakwarhulumente xa besithi “thina” kodwa bebhekisela kwigunya labo hayi kuba bebaninzi.”—Second Edition, Umqulu 6, iphepha 272.
Funda iGenesis isahluko 1 kuquka nemibhalo esemazantsi.
a Xa ithetha ngeli gama iHCSB Study Bible ithi: “Igama lesiHebhere elithi bara elithetha ukudala, alikhe lichaze into eyenziwa ngumntu. Ngoko u-bara uthetha ngomsebenzi owenziwa nguThixo yedwa.” —Iphepha 7
b UYehova ligama likaThixo.—INdumiso 83:18.
c Xa ithetha ngegama lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi “ekuqaleni” i-The Expositor’s Bible Commentary ithi: “Igama eliguqulelwe ngokuthi ekuqaleni alicacisi ukuba lalilide kangakanani elo xesha.”—Revised Edition, Umqulu 1, iphepha 51.