Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA ESETYENZISWA NGAYO IMINIKELO YAKHO

Ukuguqulelwa Kweentetho Zendibano Yengingqi Ka-2020 Ethi: “Hlalani Nivuya”!

Ukuguqulelwa Kweentetho Zendibano Yengingqi Ka-2020 Ethi: “Hlalani Nivuya”!

JULAYI 10, 2020

 Ukuqala ngoJulayi 2020 ukuya kutsho ngoAgusti 2020, amaNgqina emhlabeni wonke aza kubukela indibano yengingqi ngexesha elinye, into engazange ikhe yenzeke ngaphambili. Ukuze akwazi ukuyibukela, kuye kwafuneka kuguqulelwe iintetho zendibano kwiilwimi ezingaphezu kwe-500. Ngokuqhelekileyo, ukugqiba umsebenzi omninzi kangaka kudla ngokuthatha unyaka nangaphezulu. Kodwa ngenxa yeemeko ezibangelwe sisifo esingubhubhane iCorona, abazalwana noodade bebenexesha nje elingaphantsi kweenyanga ezine ukuba baziguqulele zonke iintetho zendibano yengingqi ka-2020 enomxholo othi “Hlalani Nivuya”!

 ISebe Lenkonzo Yokuguqulela nabazalwana noodade abasebenza ngokuthenga emhlabeni wonke abakwikomkhulu lamaNgqina KaYehova baye baluncedo ukuze lo msebenzi wenziwe ngokuphumelelayo. ISebe Lenkonzo Yokuguqulela labona ukuba amaqela aguqulelayo awanazo zonke izixhobo azidingayo, ingakumbi ii-microphones ezisemgangathweni. Abazalwana noodade abasebenza ngokuthenga emhlabeni wonke baye balungiselela ukuthenga ii-microphones eziyi-1 000 ukuze zithunyelwe kwiindawo eziyi-200.

 Ukuze kusetyenziswe kakuhle imali, kuye kwathengwa ii-microphones ezininzi ngexesha elinye, zaza zathunyelwa kwindawo enye. Emva kokuba zifikile, ziye zathunyelwa kubantu abaguqulelayo emhlabeni wonke. Ukuthenga ii-microphones ezininzi ngexesha elinye kwehlise imali yokuzithenga nokuzithumela. Ngokomlinganiselo, ukuthenga nokuthumela i-microphone enye kuye kwehla kwaba yi-R2 800.

 Abazalwana noodade abasebenza ngokuthenga emhlabeni wonke bazithenge baza bazithumela ngoAprili nangoMeyi 2020 zonke izinto ezazifuneka. Ngeli xesha iivenkile zazisebenza phantsi kwemiqathango yoorhulumente ezenza zingasebenzi njengesiqhelo. Naphantsi kwezi meko, kwathi kuphela uMeyi, zabe iiofisi zokuguqulela, iiofisi zesebe nezinye iindawo ezisetyenziswayo ukuze kuguqulelwe sele zizifumene zonke izixhobo ezizidingayo.

 UJay Swinney, umveleli womsebenzi wokuthenga emhlabeni wonke, uthi: “Xa bekusenziwa lo msebenzi, amasebe aseBheteli ebesebenzisana kakuhle namashishini ebencedisa. Ngumoya kaYehova oye wasinceda sakwazi ukuwenza ngokukhawuleza lo msebenzi saza sakwazi nokuyisebenzisa kakuhle iminikelo ukuze sincede abazalwana noodadewethu.”

 UNicholas Ahladis, osebenza kunye neSebe Lenkonzo Yokuguqulela, uthi: “Abazalwana noodade abaguqulela emakhayeni abo ngenxa ye-lockdown baye bakhuthazeka kakhulu xa befumana izixhobo zokuguqulela. Nangona ebeguqulela phantsi kwezi meko, amaqela aye akwazi ukusebenzisana kakuhle ukuze aguqulele aze arekhode iintetho, iidrama neengoma ngeelwimi ezingaphezu kwe-500.”

 Lo msebenzi ngomnye kwemininzi ekuye kwafuneka yenziwe ukuze kubekho Indibano Yengingqi ka-2020 ethi: “Hlalani Nivuya”! Ukuthengwa kwezinto ebezifuneka kuye kwenzeka ngenxa yeminikelo yenu yokuzithandela eniyenze ngo-donate.pr418.com nangezinye iindlela.