Yiya kwinkcazelo

JANUWARI 21, 2015
KWIIPHILIPPINES

Amaxhoba ENkanyamba Anezindlu Ezintsha

Amaxhoba ENkanyamba Anezindlu Ezintsha

KWISIXEKO saseManila, kwiiPhilippines—Kwisithuba esingaphantsi konyaka, amaNgqina kaYehova aqalisa iphulo lokulungisa okanye ukwakha amakhaya aphantse abe yi-750 abhodlozwa yiNkanyamba uHaiyan.

Iqela lamatshantliziyo amahlanu lidla ngokukwazi ukwakha ikhaya ngeentsuku nje ezintlanu.

UDean Jacek osisithethi samaNgqina kaYehova kwiiPhilippines uthi: “Sasizimisele ukuwugqiba lo msebenzi ngaphambi kwenyanga kaSeptemba 2014. Kwaqaliswa ukwakhiwa ekuqaleni konyaka yaye baninzi abantu abafak’ isandla. Lo msebenzi wagqitywa ngaphambi kokuba kuphele uAgasti.”

AmaNgqina asekuhlaleni nawamanye amazwe afak’ isandla.

IQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova labekela bucala ingxowa-mali esuka kwiminikelo yabazalwana noodade ehlabathini lonke, ukuze kuqatyeliswe lo msebenzi. Iofisi yesebe yamaNgqina eseManila yaseka iikomiti zokunceda ukuze zakhe kwimimandla eyehlelwe yintlekele. Lo msebenzi wawuquka ukulungiswa okanye ukwakhiwa kwezindlu eziyi-167 kwiSixeko saseTacloban, eziyi-256 kwiSixeko saseOrmoc, eziyi-101 kwiSixeko saseCebu neziyi-218 kwiSixeko saseRoxas. Ayi-522 amaNgqina asuka kwiiPhilippines enza lo msebenzi aze abe yi-90 asuka kwamanye amazwe.

UFerdinand Martin G. Romualdez, ummeli wengingqi yaseLeyte.

UFerdinand Martin G. Romualdez, ummeli wenye ingingqi ekuthiwa yiLeyte uthi: “Kumaqela ebekho apha eze kunceda, amaNgqina kaYehova ngawokuqala ukufika abe engafumani nkxaso kurhulumente. . . . Asiwuval’ umlomo sibulela indlela abantu bethu abancedakele ngayo.”

Fowunela:

UJ. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000

KwiiPhilippines: UDean Jacek, tel. +63 2 411 6090