Yiya kwinkcazelo

JUNI 17, 2015
ENEPAL

AmaNgqina KaYehova Amazwe Ngamazwe Anceda Amaxhoba Enyikima ENepal

AmaNgqina KaYehova Amazwe Ngamazwe Anceda Amaxhoba Enyikima ENepal

EKATHMANDU, eNepal—AmaNgqina KaYehova aseBangladesh, eJamani, eIndiya, eJapan, eSwitzerland naseMerika enza imigudu yokunceda amaxhoba enyikima enkulu entlithe iNepal ngoAprili 25, 2015, yaza yabulala amawakawaka abantu, kuquka iNgqina elinye nabantwana balo ababini. NgoMeyi 12, 2015, iNepal intlithwe yinyikima yesibini. Kodwa ke, amaNgqina aqinisekisile ukuba, kule yesibini, akukho lungu lawo eliye lonzakala kakhulu, izindlu zawo azonakalanga kakhulu, kungekho namntu uswelekileyo.

AmaNgqina KaYehova aphakela abazalwana bawo namanye amaxhoba entlekele kabini ngosuku

Kusuku emva kwenyikima yokuqala, abameli beofisi yamaNgqina KaYehova eNepal batyelele bandla ngalinye eKathmandu, kwindawo entlithwe yinyikima, ukuze babone izinto ezidingwa ngamaxhoba. Le nyikima idilize amakhaya amaNgqina ayi-38 yaza yonakalisa ayi-126. Abo bashiyeke bephandle bazanyelwe indawo yokufihl’ intloko kumakhaya abanye abazalwana, kwiindawo zabo zokunqulela ezibizwa ngokuba ziiHolo ZoBukumkani nasezintenteni. Iofisi yaseNepal ithumele ukutya. IBangladesh, i-Indiya, nezixeko zaseNepal iBirgunj, iDamauli, iMahendranagar nePokhara nazo zongeze ezinye izinto zokunceda. IKomiti Yokunceda Kwintlekele ivelela imigudu eyenziwa ngamatsha-ntliziyo amaNgqina aseIndiya, eJapan nawaseNepal yokwakha iindawo zokufihl’ intloko zokwexeshana.

Amatsha-ntliziyo avela kwiofisi yamaNgqina KaYehova eNepal apakisha izinto zokunceda ezivela kwisixeko saseNepal iBirgunj.

Isithethi samaNgqina KaYehova eNepal, uReuben Thapaliya, sithi: “Asifuni kunceda amaxhoba ale ntlekele ngezinto azidingayo nje kuphela kodwa sifuna nokuwathuthuzela ngezibhalo. Ukongezelela kwimigudu yethu yokuthumela ukutya, amanzi nokwakha iindawo zokufihl’ intloko, siye salungiselela ukutyelela amaxhoba ngenjongo yokuwakhuthaza.” Ummeli wekomkhulu lamaNgqina KaYehova, uGary Breaux, utyelele ingingqi eyehlelwe yintlekele ngoMeyi 2-5, 2015, ehambela amabandla neentsapho. NgoMeyi 4, 2015, uMnu. Breaux wathetha kwintlanganiso ekhethekileyo esekelwe eBhayibhileni eyayibukelwe ngeintanethi kwamanye amabandla aloo ngingqi. NgoMeyi 5, 2015, kwafika nomnye ummeli weofisi yesebe yamaNgqina KaYehova yaseJapan, uKenji Chichii. Naye watyelela iintsapho kuloo ngingqi waza wenza neentetho zokukhuthaza ezisekelwe eBhayibhileni.

Ummeli wekomkhulu lamaNgqina KaYehova, uGary Breaux (osekunene), uhlola umonakalo kwelinye ikhaya.

Iofisi yesebe yamaNgqina KaYehova yaseJamani iyile iqela lezonyango eliquka oogqirha abahlukahlukeneyo. Lixhobe ngonyango oluvela kumaNgqina aseBangladesh, eIndiya naseJapan nangezixhobo zokwenza utyando nezokunyanga abonzakele kakhulu, eli qela laseYurophu liye lasebenzisana neKomiti Yokunceda Kwintlekele YaseNepal ukuze linyange amaxhoba kwiiHolo ZoBukumkani kwingingqi entlithwe yinyikima.

Iqela elincedayo likwiHolo YoBukumkani eKathmandu apho amaxhoba angamaNgqina aphakelwa khona naxhwarhe khona.

UJ. R. Brown, isithethi sehlabathi esikwikomkhulu lamaNgqina KaYehova, uthi: “Siseza kuqhuba nale migudu yethu yokunceda, kuba siyayiqonda into yokuba amaxhoba entlekele adinga okungaphaya konyango. Abazalwana bethu eNepal nabanye abasinde kwinyikima, siyabaqinisekisa ukuba siza kubaxhasa ngezinto abazidingayo nangokubathuthuzela ngezibhalo. Sihlala sicinga ngabo futhi sibathandazela.”

Media Contact(s):

International: J. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000

Germany: Wolfram Slupina, tel. +49 6483 41 3110

Japan: Ichiki Matsunaga, tel. +81 46 233 0005

Nepal: Reuben Thapaliya, tel. +977 9813469616