Yiya kwinkcazelo

SEPTEMBA 14, 2017
EINDIYA

Imvula Enkulu Yonakalisile EMumbai

Imvula Enkulu Yonakalisile EMumbai

Kuye kwanetha imvula enkulu eMumbai, eIndiya, ebudeni beveki ka-Agasti 28, ibe ngenxa yayo kuye kwasweleka abantu abayi-14.

Iofisi yesebe yamaNgqina KaYehova eseIndiya ithe, akukho maNgqina KaYehova aswelekileyo okanye onzakele kakhulu. Kodwa izindlu ezininzi zamaNgqina zikhukulisekile. AmaNgqina asekuhlaleni eze nokutya aza ancedisa nasekucoceni izindlu zabazalwana babo.

Iofisi yesebe isaqhubeka iyihlola imeko yaseMumbai kuquka nezinye iindawo eziseIndiya ezichatshazelwe yile mvula.

Ongaqhagamshelana Nabo:

Ehlabathini: UDavid A. Semonian, Office of Public Information, +1-845-524-3000

EIndiya: UTobias Dias, +91-9845476425