Yiya kwinkcazelo

SEPTEMBA 2019
EMZANTSI AFRIKA

EJohannesburg, eMzantsi Afrika—2019 “Uthando Soze Luphele”! Indibano Yezizwe Ngezizwe

EJohannesburg, eMzantsi Afrika—2019 “Uthando Soze Luphele”! Indibano Yezizwe Ngezizwe
  • Usuku: Septemba 6-8, 2019

  • Indawo: EFNB Stadium, eJohannesburg, eMzantsi Afrika

  • Iilwimi Ebiqhutywa Ngazo Indibano: IsiNgesi, iSesotho nesiZulu

  • Abantu Ababekhona: 58 149

  • Abantu Ababhaptizwayo: 476

  • Iindwendwe Ezisuka Kwamanye Amazwe: 6 000

  • Iindawo Ezimenyiweyo: iBolivia, iBritain, iCentral Europe, iCongo (eKinshasa), iFinland, iHong Kong, iHungary, iIsrael, iJapan, iKenya, iKorea, iLiberia, iMadagascar, iMalawi, iParaguay, iPeru, iUganda, iUnited States, iZambia, neZimbabwe

  • Izinto Ezathethwa Ngabantu Basekuhlaleni: Abantu base Lion and Safari Park apho iindwendwe ezisuka kwamanye amazwe zaya khona, bathi zange bayibona into yokuba abantu bohlanga olungafaniyo nabathetha iilwimi ezingafaniyo, bahlale kunye bengaxambulisani. Umphathi walapho wathi kwamothusa kakhulu ukubona ezindwendwe zilandela imithetho yalapho, futhi zisebenzisana kakuhle nabasebenzi. Wade wathi: “Bekumnandi ukuba kunye nababantu!”

 

Abazalwana noodade base Mzantsi Afrika bamkela iindwendwe ezisuka kwamanye amazwe

Oodade abane, bahambisa izimemo zendibano entsimini ibe ababini kubo ziindwendwe

UMzalwana noodade banxibe iimpahla zamazwe abo ibe bathatha ifoto endibanweni

Abazalwana noodade bayaqhwaba ibe bancumile

Omnye, kwabayi 476 abhaptiziweyo

UMzalwana UAnthony Morris, olilungu leQumrhu Elilawulayo, ubulisa abazalwana noodade

Ngosuku lokugqibela lwendibano, oovulindlela abaziindwendwe bamiswe phakathi ebaleni

Oodade abathathu bafotwe ekupheleni kocwangciso lwendibano

Ikwayari enxibe iimpahla ezintle zaseAfrika ibiculela iindwendwe, kucwangciso obelusemva kwendibano.