Yiya kwinkcazelo

Umsebenzi wokwakha izakhiwo ezitsha zokutyelela kwiBheteli yasePatterson uhambela phambili

NGOFEBRUWARI 10, 2022
EMERIKA

Ukwakhiwa Nokulungiswa Kwezakhiwo KwiBheteli YasePatterson, eNew York Kuyaqhubeka

Ukwakhiwa Nokulungiswa Kwezakhiwo KwiBheteli YasePatterson, eNew York Kuyaqhubeka

Indawo yabantu abatyeleleyo iyakhiwa kwiZiko Lezikolo ZamaNgqina KaYehova ePatterson, eNew York, eMerika. Le ndawo izizkwemitha eziyi-2 787 nenemigangatho emibini kulindeleke ukuba igqitywe xa kusehlotyeni ngo-2023. Ezi zakhiwo ziza kuba neepermanent gallery (iindawo zokubuka) ezintathu, kuze kubekho nerotational gallery (indawo elungiselelwe ukubukwa kodwa eza kumane itshintshwa) enye. Iza kukwazi ukwamkela abantu abayi-1 200 qho ngemini. Kanti ke, nezinye izakhiwo ezisePatterson ziyalungiswa. Kuza kutshintshwa izinto ezindala ezinjengezixhobo zokwenza kubande okanye kube shushu kwisakhiwo, iintambo zombane, nemibhobho yamanzi. Umsebenzi wokulungiswa nokongezwa kwesi sakhiwo sowuzakuba sehafini yokugqitywa.

Abazalwana abenza lo msebenzi baye basokola ngenxa yekhorona. Kuba kuye kwanzima ukufumana izinto zokwakha ngenxa yekhorona, lo msebenzi uphantse wamiswa. Ngokomzekelo xa kwakusenziwa eyona nto ibalulekileyo kulo msebenzi, kwaba nzima ukufumana isamente yokwenza udaka, kodwa abazalwana bakwazi ukufumana izinto ezidingekayo ukuze kugqitywe phantsi kwangethuba. Nangona intsimbi ibibiza imali eninzi, abazalwana baye bakwazi ukuthenga ebezifuneka ngemali efikelelekayo kuba bebesele bezenzile izivumelwano.

Ngexesha lelockdown yaseBheteli, amavolontiya aye akwazi ukusebenzela emakhaya kuba engafuni umsebenzi wokwenza iiplani nokuzoba ulibaziseke. Siye asakwazi ukudibana nabasemagunyeni bedolophu ngenxa yemithetho yekhorona ibe loo nto iye yaphantse yawuphazamisa umsebenzi. Kodwa ke ngenxa yokusebenzisana namasebe aseBheteli nabantu basekuhlaleni, ikomiti yokwakha iye yakwazi ukucela amaphepha mvume ebefuneka kusekwangoko, isebenzisa amavolontiya nevideoconferencing.

Imiyalelo yequarantine iye yatshintsha ibe loo nto yenze ukuba kangangexesha elithile singakwazi ukumema amavolontiya amatsha kwindawo yokwakha, loo nto yongeze kwiingxaki ebesinazo. Kodwa ke pha kooSeptemba 2020, saphinda sakwazi ukumema amavolontiya amatsha aza kusebenza ixesha elizeleyo naza kuhlala kwindawo ekusetyenzwa kuyo.

Udade Jennifer Paul wamenywa ukuba azokuncedisa kulo msebenzi ngexesha lekhorona. Wathi xa ethetha ngomsebenzi wokwakha: “Ndiyawuthanda umsebenzi onzima. Kodwa ayingomsebenzi wodwa endiwuthandayo, ndithanda nabantu. Ndandiyibona intlangano kaYehova isebenza futhi naye eyikhokela.”

Ngoku, sinamavolontiya ayi-440, nabanye abantu abayi-350 abahlala ngaphakathi abenza lo msebenzi wokwakha nokulungisa ePatterson. Abazalwana noodade wethu bayaqhubeka bebona uYehova esenza yonke into efunekayo ukuze lo msebenzi ugqitywe.—1 Kronike 29:16.

 

Abazalwana ababini bemba indawo eza kuhamba amanzi

Udade utshintsha iintambo zombane kwindawo yokwenza kube shushu okanye kubande kwisakhiwo

Umzalwana ulungiselela ukuphakamisa intsimbi esebenzisa icrane

Umphezulu wendawo yokutyelela nesakhiwo sasePatterson ecaleni kwayo

Kumgangatho wesibini wesakhiwo ivolontiya lisebenza kwiintsimbi zokuxhasa umgangatho

Icrane iphakamisa isixhobo sokwenza kube shushu okanye kubande ukuze isibeke phezu kwesakhiwo

Amavolontiiya okwakhwa onwabile

Amavolontiya okwakha asebenza ebusuku kumgangatho wesibini wendawo yokutyelela