Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IWEBHSAYITHI ETHI JW.ORG

Khetha Olunye Ulwimi

Khetha Olunye Ulwimi

Ukuba kukho ulwimi olufundayo, okanye ufuna ukunika umntu othetha olunye ulwimi inkcazelo ekwi-jw.org, ungasebenzisa ezi ndlela zintathu zingezantsi ukuze ufumane inkcazelo ngolo lwimi ulufunayo.

 Tshintsha Ulwimi LweWebhsayithi

Cofa indawo ethi, Khetha Ulwimi ukuze kuvele uludwe lweelwimi onokuzikhetha kwi-jw.org.

Lwimi ngalunye olukolu ludwe, lunomzobo onje ngasekhohlo:

  • Iwebhsayithi okanye ke iinxalenye zayo ziye zaguqulelwa ngolu lwimi. Cofa igama lolo lwimi ukuze ufumane inkcazelo ngalo.

  • Iwebhsayithi ayikaguqulelwa kolu lwimi kodwa ke kukho uncwadi olufumanekayo ongazidawunlowudela lona. Cofa igama lolo lwimi ukuze ubone uncwadi olufumanekayo.

  • Le yintetho yezandla.

    Ukuba inxalenye ye-jw.org iye yaguqulelwa kwintetho yezandla oyikhethileyo, iza kuba yiyo okwaziyo ukuyifunda xa uvula iwebhsayithi.

    Ukuba i-jw.org ayikaguqulelwa kule ntetho yezandla oyifunayo, uza kubona uludwe loncwadi olufumaneka ngolo lwimi.

Ekubeni kukho iilwimi ezininzi kolu ludwe, ungasebenzisa ezinye zezi ndlela ukuze ufumane olu ulufunayo:

  • Khetha ulwimi oluthandayo: Iilwimi ezine ohlala uzityhila ziza kuvela ngasentla kuludwe lweelwimi.

  • Bhala igama lolwimi: Bhala oonobumba abambalwa bolwimi olufunayo, ungakwenza oko ngolwimi lwakho okanye ngolo lwimi ulufunayo. Ngokomzekelo, ukuba iwebhsayithi isesiNgesini yaye ufuna ukutshintshela kwisiJamani, ungabhala uthi, “isiJamani” okanye “isiDatshi.” Njengokuba ufaka oonobumba, kuvela zonke iilwimi ezinaba nobumba ubabhalayo.

 Khetha Olunye Ulwimi Kuloo Ndawo Ukuyo KwiWebhsayithi

Indlela Yokuqala: Sebenzisa le kwiindawo onokukhetha kuzo ulwimi.

Yiya kwinqaku ofuna ukulifunda okanye ofuna ukulithumela emntwini.

Khetha ulwimi lwenqaku olifunayo kuludwe oluvelayo. (Ukuba olu lwimi ulufunayo alukho kolu ludwe, loo nto ithetha ukuba elo nqaku alikenziwa ngolo lwimi.)

Icebiso: Kuludwe lweelwimi, kukho umfanekiso omncinane oba ngasekhohlo obonisa ukuba elo nqaku liye larekhodwa ngolo lwimi.

Ulwimi lwewebhsayithi aluzi kutshintsha kuba uye watshintsha nje elo nqaku unomdla kulo. Yonke enye inkcazelo ekule webhsayithi iza kuvela ngolwa lwimi lwakuqala.

 Indlela Yesibini: Ukuba eli nqaku ulifundayo alinalo uludwe lweelwimi onokukhetha kuzo, ungacofa kwindawo ethi Khetha Ulwimi ukuze utshintshe ulwimi lwewebhsayithi. Ukuba eli nqaku ulifundayo liyafumaneka kolu lwimi ulikhethileyo uza kulibona. Kungenjalo uza kuphumela kwiphepha lokuqala lolwimi olukhethileyo.

Khangela Uncwadi Lolunye Ulwimi

Yiya kwindawo ethi IIMPAPASHO > IZINTO EZIFUMANEKAYO. Khetha ulwimi olufunayo kuludwe olukhoyo uze ucofe indawo ethi Khangela.

Sebenzisa ezinye zezi ndlela xa ufuna ukukhangela ulwimi:

  • Khetha ulwimi oluthandayo: Ezona lwimi udla ngokuzityhila ezine ziye zibe ngaphezulu kuludwe.

  • Bhala igama lolwimi: Bhala oonobumba babe mbalwa bolwimi olufunayo, mhlawumbi ngolwimi lwakho okanye ngolo lwimi ulufunayo. Ngokomzekelo, ukuba iwebhsayithi isesiNgesini yaye ufuna ukutshintshela kwisiJamani, ungabhala uthi, “isiJamani” okanye “isiDatshi.” Njengokuba ufaka oonobumba, kuvela zonke iilwimi ezinaba nobumba ubabhalayo.

Ukuba luninzi uncwadi olufumaneka ngolwimi olukhethileyo, indawo ethi, IZINTO EZIFUMANEKAYO iza kuveza nje lube mbalwa. Ukuze ufumane olunye unokuya kwindawo ethi, IINCWADI, IINCWADANA okanye ethi, IIMAGAZINI ukuze ufumane olunye uncwadi ngolo lwimi.

Ukuba alukho uncwadi olukhoyo ngolwimi olukhethileyo, iwebhsayithi iza kukuvezela ezi zifumanekayo.