Yiya kwinkcazelo

APRILI 7, 2014
Uzbekistan

Ngaba Ziyaphucuka Iimeko ZamaNgqina KaYehova AseUzbekistan?

Ngaba Ziyaphucuka Iimeko ZamaNgqina KaYehova AseUzbekistan?

AmaNgqina kaYehova aseUzbekistan ajonge ngamehl’ abomvu njengoko kukhangeleka ngathi abasemagunyeni beli baza kubavumela banqule ngaphandle kweziphazamiso. UIgor Yurchenko, owamela amaNgqina kaYehova kwiingxoxo ababa nazo nabasemagunyeni baseUzbekistan ngo-2013 uthi: “Siqaphele into yokuba, noko ngoku iingxoxo esiba nazo neziphathi-mandla zaseUzbekistan zibonisa ukuba kukho utshintsho oluza kwenzeka. Sithemba ukuba kungekudala ezi ngxoxo zethu ziza kuphumel’ entweni.”

Abasemagunyeni baseUzbekistan bakhulula uAbdubannob Akhmedov ngoMatshi 2, 2013, wayefanele ukuba uthothoze iminyaka emithandathu enesiqingatha kodwa wakhululwa emva kweminyaka engaphezu nje kwemine enesiqingatha. Wayengomnye kumaNgqina amathathu awabanjwa ngenxa nje yokuba ekhonza. Amanye amabini akhululwa ngo-2012. Sithethanje akukho maNgqina abanjiweyo eUzbekistan.

Kwiinyanga ezithile emva kokukhululwa kukaMnu. Akhmedov, abasemagunyeni baseUzbekistan bazimisela ukuba baza kutshintsha baze bawahlonele amalungelo abantu. NgoJulayi 5, 2013, urhulumente waseUzbekistan wazisa i-UN Human Rights Council Working Group ukuba ukulungele ukuhambisana nezivumelwano zeli bhunga ngokuba ilihlonele ilungelo lenkululeko yonqulo labo bonke abantu namaqela lize lingabi namkhethe.

Iinzame Zokubhalisa Amabandla Amatsha

Sithethanje, linye kuphela ibandla lamaNgqina kaYehova elibhaliswe ngokusemthethweni eUzbekistan, likwidolophu yaseChirchik, kwingingqi yaseTashkent. Kodwa ke, uninzi lwamaNgqina kaYehova luhlala kwezinye iingingqi. Kuba engazange akwazi ukubhalisa amabandla ukususela ngo-1996, amaNgqina ahlala esengozini yokuhlaselwa yaye awakhuselwa ngumthetho xa ehlanganisene. Lo kaYurchenko uphinda athi: “Sinethemba lokuba iingxoxo esiba nazo ziza kuphumela ekubeni amabandla amaNgqina kaYehova aseUzbekistan abhaliswe ngokusemthethweni.”

AmaNgqina kaYehova aseUzbekistan ayakuvuyela ukwazi ukuba aza kunqula ngaphandle kweziphazamiso, yaye anethemba lokuba kungekudala amabandla awo aza kubhaliswa ngokusemthethweni.