Yiya kwinkcazelo

MATSHI 23, 2015
EAZERBAIJAN

Kuyanda Ukungathandwa Konqulo EAzerbaijan

Kuyanda Ukungathandwa Konqulo EAzerbaijan

Kuya kusanda ukungathandwa konqulo eAzerbaijan njengoko abezomthetho bewahlawulisa kanobom ibe bewavalela amaNgqina KaYehova. Abasemthethweni bawabek’ ityala lolwaphulo-mthetho amaNgqina ngenxa yokuhlanganisana ukuze anqule nangenxa yokuthetha nabanye ngeenkolelo zawo.

Umsebenzi Wonqulo Ubekwa Ityala Lolwaphulo-mthetho

NgoDisemba 5, 2014, amaNgqina KaYehova amabini—uIrina Zakharchenko, umhlolokazi okhubazekileyo oneminyaka eyi-55, noValida Jabrayilova oneminyaka eyi-38, onyamekela unina—ayeshumayela kummandla waseBaku. La mabhinqa mabini ayehambisa simahla incwadana ethi Fundisa Abantwana Bakho, eyenzelwe ukunceda abazali bafundise abantwana babo amabali nezifundo zeBhayibhile. *

Abecuphi bawabek’ ityala besithi ahambisa iincwadi zeBhayibhile ngaphandle kwemvume. Eli tyala elityatyekwe kula mabhinqa lelokwaphula umthetho njengeqela. Lihamba nesohlwayo esiqatha sokuhlawula imali engange-R104 000 ukuya kwi-R134 000 * okanye athothoze esiseleni iminyaka emibini ukuya kwemihlanu.

Xa bekuqhutywa uphando, umcuphi kunye nesebe elisebenza ngezokhuseleko belisoloko liwabiza ukuze liwafak’ imibuzo. Xa la mabhinqa aphinda asabela kolo bizo ngoFebruwari 17, 2015, azibhaqa encinwa bucala kwiNkundla YeNgqingqi YaseSabail eseBaku.

Emva kokuza ngaphambili nezimangalo, umcuphi wathi ufuna ukuwavalela la mabhinqa kwangaphambi kokuba ityala lithethwe kuba wayecinga ukuba aza kuyiphinda le nto ayenzileyo aze alubaleke uphando. Licinga ngeemeko zawo nangokusebenzisana kwawo nabasemthethweni, igqwetha lawo lala, lisithi kwale nto yokuvalelwa ayibobulungisa. Nangona ijaji yabonayo ukuba la mabhinqa zange akhe agwetywa, yathi umsebenzi wawo uyingozi ekuhlaleni ibe yavumelana nomtshutshisi, yawavalela iinyanga ezintathu esiseleni.

Igqwetha lawo labhena, ibe ngoFebruwari 26, 2015, amapolisa awafaka amahandibhoyi aza awasa kwiNkundla Yesibheno YaseBaku ngemoto eneefestile ezimnyama. Afika ancinwa bucala, ibe akukho nomnye umtshutshisi owakwaziyo ukuza nobungqina obuxhasa ukuvalelwa kwala mabhinqa kwangaphambi kokuba kuthethw’ ityala. Sekunjalo, inkundla yazikhaba izibheno, ibe uNkszn. Zakharchenko noNkszn. Jabrayilova babuyiselwa eluvalelweni.

NgoMatshi 6, 2015, amaqela amabini esebe elisebenza ngezokhuseleko afumene imvume aza aya kugqogqa kwikhaya likaNkszn. Zakharchenko nelikaNkszn. Jabrayilova, athimba iincwadi, ikhompyutha nefowuni. NgoMatshi 10, 2015, isebe elisebenza ngezokhuseleko, ikomiti esebenza nemibutho yonqulo namapolisa anikwe imvume yokugqogqa iHolo YoBukumkani (indlu yonqulo) nomzi womnye umdala webandla. Isebe elisebenza ngezokhuseleko liphinde labiza amaNgqina aliqela aseBaku ukuze liwaphande ngeli tyala.

Ngokuphathelele ukuvalelwa kukaNkszn. Zakharchenko noNkszn. Jabrayilova, amaNgqina KaYehova aye abhalela uSosiba Okhethekileyo neqela elisebenza ngokuvalelwa kwabantu ngokungekho semthethweni ecela ukuba lingenelele. Eliny’ igqwetha lifuna ukuba inkundla itshintshe ukuvalelwa kwabo esiseleni lingekathethwa ityala, okungenani banikwe isohlwayo sokungaphumi emakhayeni abo.

Ukuhlawuliswa Nokuvalelwa Ngenxa Yokuya Kwiintlanganiso Zonqulo

EGanja, abezomthetho baye bahlawulisa kanobom baza bavalela amanye amaNgqina ngenxa yokuya kwiintlanganiso zawo zonqulo. Adliwe imali engange-R22 300 ukuya kwi-R29 700.

Ngo-Oktobha 2014, iinkundla zaseGanja ziye zavalela amaNgqina amathathu neny’ indoda ebinqula nawo ngenxa yokungawahlawuli amatyala abekwe wona kuba eye ahlanganisana ukuze anqule. Nangona ikhon’ itikana ayikhuphileyo, aye avalelwa iintsuku ezintathu ukuya kweziyi-20.

Le ndoda enqula namaNgqina ithe: “Kum, i-R22 300 ixhome kakhulu. . . . Ndiqale ndangafuni kuyikhupha le mali kuba ndizibona ndingenatyala.” Namany’ amadoda amabini angamaNgqina asibona singenabulungisa esi sohlwayo futhi athe abasemthethweni bawaphathe njengezaphuli-mthetho.

Ibhinqa eliliNgqina lesithathu ebelibanjiwe, lithi: “Akuthethwa nto ngento yokuba ekhaya sihlupheka, ndinyamekela umama okhubazekileyo, ongakwazi kuzenzela nto, nangento yokuba besendiqalile ukuhlawula ngokuzithandela.”

Bobane aba bantu bazigqibile izigwebo zabo zokuthothoza entolongweni, kodwa inkundla isanyanzelisa ukuba bahlawule. Ukuba abayenzi le nto ifunwa yinkundla ngexesha efuna ngalo, inokuphinda iyalele ukuba bavalelwe.

Ngaba IAzerbaijan Iza Kwenza Ngobulungisa?

Abasemthethweni eAzerbaijan bebesebenzisa iindlela ezahlukahlukeneyo ukuze baphazamise umsebenzi wonqulo wamaNgqina KaYehova. AmaNgqina KaYehova afake izicelo eziyi-19 ekhalazela iAzerbaijan kwiNkundla YaseYurophu Yamalungelo Abantu. Okwangoku, amaNgqina anethemba lokuba abezomthetho baseAzerbaijan baza kuyilungisa le mpatho-mbi yokuvalelwa kukaNkszn. Zakharchenko noNkszn. Jabrayilova kwangaphambi kokuba ityala lithethwe. Ukuba iyayilungisa, kunye nezinye izenzo zokuxhatshazwa ngenxa yonqulo, iAzerbaijan iza kube ikwazile ukuhlonela abahlali, umgaqo-siseko nokuxhasa kwayo amalungelo abantu.

^ isiqe. 4 Ikomiti esebenza nemibutho yonqulo yaseAzerbaijan ivumile ukuba le ncwadana eyenziwe ngamaNgqina KaYehova, ngoAgasti 11, 2014, ingeniswe kwelo lizwe.

^ isiqe. 5 NgoAgasti 2014, kwaqikelelwa ukuba umrholo wenyanga oqhelekileyo eAzerbaijan yi-R6 500