Yiya kwinkcazelo

JUNI 11, 2015
EAZERBAIJAN

AmaNgqina KaYehova Afuna Kukhululwe Abo Bavalelwe Ngokungekho Semthethweni EAzerbaijan

AmaNgqina KaYehova Afuna Kukhululwe Abo Bavalelwe Ngokungekho Semthethweni EAzerbaijan

AmaNgqina kaYehova afuna abasemagunyeni ehlabathini lonke abonise ukuba abavumelani nokuvalelwa ngokungekho semthethweni kukaIrina Zakharchenko noValida Jabrayilova. La mabhinqa mabini ebesentolongweni ukususela ngoFebruwari 17, 2015, xa iNkundla yeNqila yaseSabail yabagwebela ukuba bavalelwe iinyanga ezintathu lingekaxoxwa ityala kuba betyholwa ngokuhambisa ngokungekho semthethweni iincwadi zonqulo. Inkundla isandul’ ukwandisa ixesha lokuvalelwa kwawo ngeenyanga ezimbini.

UIrina Zakharchenko noValida Jabrayilova

Amabhinqa Anoxolo Aphathwa Njengezaphuli Mthetho Eziyingozi

NgoDisemba 5, 2014, uNksk. Zakharchenko noNksk. Jabrayilova babencokola nabahlali baseBaku ngeenkolelo zabo ezise Bhayibhileni xa banqandwa ngamapolisa. Amapolisa abakhulula emva kweeyure ezimbalwa, kodwa abacuphi babemane ukubabiza ukuze babancine. NgoFebruwari 17, 2015, abameli beSebe Lezokhuseleko Lwelizwe basuka bawancina bucala la mabhinqa bewabeka izityholo zokwaphula umthetho. Ukuze ithethelele ukuvalelwa kwawo lingekaxoxwa ityala, ijaji yathi “ayingozi ekuhlaleni”. Ngoko nangoko, iSebe Lezokhuseleko Lwelizwe lawavalela la mabhinqa kwikhomkhulu lalo, eliboniswe kulo mfanekiso ungentla.

Ukususela ngoko, abameli beSebe Lezokhuseleko Lwelizwe bagqogqa izindlu zawo, bathimba iincwadi zonqulo, iincwadi zokubhala, ilaptop, neselfowuni. Inkundla ikhabe zonke izibheno yaye ayivumi tu ukuba la mabhinqa avalelwe ezindlini zawo endaweni yokuwavalela entolongweni lingekaxoxwa ityala.

Ukuxhalabela Kakhulu Impilo Nentlalo-Ntle

Amagqwetha, intsapho, nezihlobo zixhalabele impilo nentlalo-ntle yala mabhinqa mabini, kuba bayaqonda ukuba iya isibambi. UNksk. Zakharchenko uneminyaka eyi-55. Oogqirha bathi uphantse afane nomntu ongakakwaziyo ukuzenzela nto ngenxa yesifo samathambo nengozi awayifumana kumlenze wakhe wasekunene.

Iyaxhalabisa indlela ewakhathaza ngayo la mabhinqa imeko akuyo. ISebe Lezokhuseleko Lwelizwe livumela amagqwetha awo kuphela ukuba awabone. Iintsapho zawo zinokuwathumelela izinto azidingayo njengempahla, amayeza nesepha, kube kanye ngenyanga. Kuba zifuna ukuwakhuthaza, iintsapho zizame ukuwathumelela iBhayibhile, kodwa iSebe Lezokhuseleko Lwelizwe alizivumeli.

Ngaba IAzerbaijan Iza Kubonisa Ukuba Iyazamkela Zonke Iinqulo?

Liphanda ngoNksk. Zakharchenko nangoNksk. Jabrayilova, iSebe Lezokhuseleko Lwelizwe liye labiza laza lancina amaNgqina ayi-20 laza lagqogqa imizi esenokuba lishumi. Ngaphezu koko, abameli abasemthethweni beli sebe, abameli beKomiti Karhulumente Esebenzisana Nemibutho Yonqulo namapolisa agqogqa iHolo yoBukumkani apho la mabhinqa akhonza khona.

Ekubeni abasemagunyeni eAzerbaijan beshiye amaNgqina kaYehova engenayo enye indlela, aye afaka isicelo kwiOfisi yeKomishinala Ephezulu Yamalungelo Abantu aza aqhagamshelana nemibutho eliqela ehlabathini eyazisa ngokubanjwa ngokungekho semthethweni nangokuphathwa kakubi kukaNksk Zakharchenko noNksk Jabrayilova. IAzerbaijan yenze izivumelwano nehlabathi ukuba ithethelele amalungelo abantu neenkululeko ezisiseko yaye iyazincoma ngokuba lilizwe elamkela zonke iinqulo.

Ngokuzithoba okukhulu amaNgqina kaYehova acela urhulumente waseAzerbaijan ukuba enze ngokwezivumelwano zakhe zokuhlonela amalungelo abantu aze avumele amaNgqina ukuba akhonze ngoxolo. Amcela ukuba akhulule la mabhinqa angenatyala ngokukhawuleza.