Yiya kwinkcazelo

Abantwana bamaNgqina ababengayifumananga ingxelo yeziphumo xa kwakuvalwa izikolo ngenxa yokuba bengazange bavume ukuhlawulwa irhafu yonqulo

JUNI 14, 2016
Rwanda

IRwanda Izama Ukuphelisa Ukucinezelwa Kwabantwana Besikolo Ngokonqulo

IRwanda Izama Ukuphelisa Ukucinezelwa Kwabantwana Besikolo Ngokonqulo

Ngelinge lokuphelisa ukucinezelwa kwabantwana ngokonqulo, urhulumente waseRwanda ubhale umthetho oyalela ukuba iinkolelo zabantwana besikolo zihlonitshwe. Ezi ziindaba ezimnandi kubantwana abanezazela ezingabavumeliyo ukuba bazenze ezinye izinto ezenziwa esikolweni.

ERwanda, izikolo ezininzi zixhaswa ngurhulumente ngemali kodwa zilawulwa yimibutho yezonqulo. Nabani na uvumelekile ukuba abhalise, ngoko abantwana abafunda kwezi zikolo abasuki kunqulo olunye. Noko ke abasemagunyeni esikolweni baye banyanzelisa abantwana ukuba babe negalelo kwezonqulo nezinto ezinento yokwenza nobuzwe okanye bahlawule irhafu yonqulo. Baye babohlwaya abantwana abaneenkolelo ezingabavumeliyo ukuba benze ezi zinto. Umphathiswa ojongene nemfundo yamabanga aphantsi naphakathi waxhasa esi senzo esithi: “Abantwana besikolo abavumelekanga ukuba bakhonze ngendlela ephikisanayo neenkolelo zethu.”

Urhulumente Ukhupha Umyalelo Oxhasa Inkululeko Yokuzikhethela Ngokwesazela

Amalungu aseburhulumenteni aye akhupha umyalelo onemiqathango yokuphelisa ukungakhathalelwa kweenkolelo zabantwana esikolweni. Inqaku le-12 legovernment’s Order No. 290/03, elabhalwa liphephandaba iOfficial Gazette ngoDisemba 14, 2015, lathi izikolo zifanele ziluhloniphe unqulo lwabantwana zize zibavumele bathandaze ngokuvumelana neenkolelo zabo. Ukuba unqulo lwabo lwamkeleke ngokusemthethweni yaye oko akuphazamisani nenkqubo yokufunda nokufundisa yasesikolweni, oko kwamkelekile.

Sikolo ngasinye sifanele silihloniphe ilungelo labantwana besikolo lokuzikhethela unqulo.—Order No. 290/03, Article 12

Umyalelo karhulumente uyahambisana nesigqibo seNkundla Yezibheno YaseKarongi esibandakanya abantwana bamaNgqina abagxothwa esikolweni ngoMeyi 2014. Iziphathi-mandla zasesikolweni zanyanzela abantwana ukuba babe nenxaxheba kwizinto zonqulo zasesikolweni nangona babengavumi. Inkundla yabaxolela abantwana besikolo kuzo naziphi na izenzo zokungathobeli abazenzayo ibe loo nto yabangela ukuba bakwazi ukuqhubeka besiya esikolweni.

Ngesinye isihlandlo, inqununu yesikolo esikwiSithili saseNgororero ayizange ivume ukunika abantwana abangama-30 ingxelo yeziphumo zesikolo ngenxa yokuba babengavumanga ukuhlawula irhafu yonqulo (engeyonxalenye yemali yesikolo). Xa abazali baba bantwana bakhalaza kumphathi wezemfundo kweso sithili, inqununu yesikolo yabanika bonke abo bantwana ingxelo yeziphumo zesikolo ekupheleni konyaka.

Abantwana BamaNgqina Bafumana Isiqabu

Umntwana weNgqina ogama linguChantal Uwimbabazi, wagxothwa esikolweni awayefunda kuso kwiSithili saseNgororero ngenxa yokuba engazange aye kwinkqubo yesikolo yamaKatolika. Wanyamezela ukutshutshiswa ngabanye abantwana beklasi afunda kuyo ibe akazange akwazi ukuqhubeka efunda kweso sikolo unyaka wonke. Ekugqibeleni wabhalisa kwesinye isikolo esikude kunekhaya lakhe nekukhutshwa imali yesikolo engaphezu kwaleyo ebeyikhupha ngaphambili, nto leyo eyayinzima kumhlolokazi ongumama wakhe nongathathi ntweni. Xa uChantal wafunda ngale mithetho mitsha, waba nesiqabu kwintlungu yakhe. Uthi: “Nabanye abantwana abanale ngxaki yonqulo kwizikolo zabo baza kukonwabela ukufunda ngaphandle kokuxhatshazwa kwamalungelo abo.

Lo mthetho mtsha uhambisana Nomgaqo-siseko waseRwanda, oqinisekisa abantu ukuba banenkululeko yokuzikhethela unqulo ibe banelungelo lokufunda. Abantwana besikolo abangamaNgqina kaYehova nabazali babo bakulindele ngamehlo abomvu ukubona ukucinezelwa ngokonqulo kupheliswa. Bayavuya ngenxa yokuba urhulumente ethabathe amanyathelo okwenza abantwana besikolo babe nenkululeko yokuzikhethela unqulo.