Yiya kwinkcazelo

 Fundisa Abantwana Bakho

Ngaba Ukhe Ube Nomona? AbantakwaboYosefu Babenawo

Ngaba Ukhe Ube Nomona? AbantakwaboYosefu Babenawo

MAKHE sithethe ngentsingiselo yegama elithi umona. Ngaba wakha waziva ungamthandi omnye umntu kuba kusithiwa ulungile, uyajongeka okanye ukrelekrele? *— Yiloo nto ke eyenzekayo xa umonela umntu.

Abantwana banokuba nomona xa abazali bethanda omnye umntwana ngaphezu kwabo. IBhayibhile ithetha ngentsapho eyaba nengxaki enkulu ngenxa yomona. Makhe siyiqwalasele le ngxaki nesifundo esinokusifunda.

UYosefu wayengunyana kaYakobi we-11 yaye abantakwabo babemmonela. Ngaba uyasazi isizathu?— Kwakungenxa yokuba uyise uYakobi wayemthanda uYosefu. Ngokomzekelo, uYakobi wamenzela idyasi entle enemigca. UYakobi wayemthanda gqitha uYosefu ngenxa yokuba “wayengunyana wasebudaleni bakhe” ekwalizibulo lomfazi wakhe awayemthanda, uRakeli.

IBhayibhile ithi: “Bakubona abantakwabo ukuba uyise wayemthanda ngaphezu kwabo bonke abantakwabo, bamthiya.” Ngenye imini uYosefu waxelela intsapho yakhe ukuba uphuphe iqubuda kuye, kuquka noyise. IBhayibhile ithi, “bamkhweletela ke abantakwabo,” kangangokuba noyise wamkhalimela ngenxa yeli phupha.—Genesis 37:1-11.

Kamva, xa uYosefu wayeneminyaka eli-17 ubudala, abantakwabo babesalusa izimvu neebhokhwe kude nekhaya. UYakobi wathumela uYosefu ukuba aye kukhangela ukuba basaphila na. Ngaba uyayazi into abafuna ukuyenza bakumbona? — Bafuna ukumbulala! Kodwa ababini kubo, uRubhen noYuda bala.

Xa kwadlula abarhwebi besiya eYiputa uYuda wathi: ‘Masimthengise.’ Bamthengisa. Emva koko baxhela ibhokhwe baza idyasi kaYosefu bayithi nkxu egazini layo. Kamva, baya kuyibonisa uyise waza wakhala esithi: “Umele ukuba uqwengwe lirhamncwa elikhohlakeleyo!”—Genesis 37:12-36.

Ekuhambeni kwexesha uFaro umlawuli waseYiputa wamthanda uYosefu. Oku kwakungenxa yokuba uThixo wamnceda wakwazi ukuchaza intsingiselo yamaphupha amabini kaFaro. Elokuqala lalingeenkomo ezisixhenxe ezityebileyo zilandelwa ziinkomo ezisixhenxe ezibhityileyo. Iphupha lesibini lelezikhwebu ezisixhenxe ezityebileyo nezisixhenxe ezingcakacileyo. UYosefu wathi omabini la maphupha, athetha ukuba kuza iminyaka esixhenxe yendyebo enkulu eya kulandelwa yiminyaka esixhenxe yendlala. UFaro wammisela ukuba aqokelele ukutya kuloo minyaka yentlutha elungiselela iminyaka yendlala eyayiza kulandela.

Yathi yakufika indlala, intsapho yakuloYosefu eyayihlala kude yafuna ukutya. UYakobi wathuma abantakwaboYosefu abalishumi eYiputa ukuba baye kufuna ukutya. Badibana noYosefu kodwa babengamazi. UYosefu akazange azichaze, kodwa wafuna ukuqonda ukuba sitshintshile na isimo sengqondo sabo, waza wabona indlela ababezisola ngayo ngokumphatha kakubi. Wandula ke wabaxelela ukuba ungubani. Bavuya ngokwenene bakuva oko.—Genesis, isahluko sama-40 ukusa kwesama-45.

Yintoni onokuyifunda kweli bali leBhayibhile ngokuba nomona?— Ukuba nomona kunokubangela ingxaki enkulu, kude kwenze umntu enzakalise umntakwabo! Masifunde IZenzo 5:17, 18 neZenzo 7:54-59 size sibone ukuba umona wabangela ukuba abantu benze ntoni kubafundi bakaYesu.— Emva kokuba ufunde le ngxelo, ngaba uyasibona isizathu sokuba kufuneka sikulumkele ukuba nomona?—

UYosefu waphila iminyaka eli-110. Wakhulisa abantwana, wanabazukulwana nabantwana babazukulwana. Sinokuqiniseka ukuba uYosefu wabafundisa ukuba bathandane, bangamonelani.—Genesis 50:22, 23, 26.

^ isiqe. 3 Ukuba ufunda nomntwana, umgca odibana nawo wenzelwe ukuba unqumame uze umnike ithuba lokuphendula.