Yiya kwinkcazelo

 Fundisa Abantwana Bakho

Ngaba Wakhe Waziva Ulikheswa?

Ngaba Wakhe Waziva Ulikheswa?

IKHESWA ngumntu obukulwayo. Mhlawumbi unebala elahlukileyo, ungowolunye uhlanga okanye uthetha olunye ulwimi. Ngaba wakha waziva ulikheswa? *

Makhe sithethe ngendoda eyakhe yaziva ngaloo ndlela. Igama layo yayinguMefibhoshete. Makhe sifunde ukuba wayengubani nesizathu sokuba avakalelwe ngaloo ndlela. Ukuba waziva ulikheswa, ungafunda lukhulu kuMefebhoshete.

UMefibhoshete wayengunyana kaYonatan, umhlobo osenyongweni kaDavide. Ngaphambi kokuba uYonatan afe emfazweni, wayolela wathi kuDavide: ‘Uzugcin’ abantwana bam.’ UDavide waba ngukumkani. Emva kweminyaka, wawakhumbula amazwi kaYonatan kwaye uMefibhoshete wayesaphila. Xa wayesengumntwana, wenzakala. Emva kwaloo ngozi akazange akwazi ukuhamba ubomi bakhe bonke. Ngaba uyasibona isizathu sokuba azive elikheswa?

UDavide wayefuna ukumenzela izinto ezintle unyana kaYonatan. UDavide walungiselela ukuba uMefibhoshete akhelwe umzi kufutshane nowakhe eYerusalem, waza wamgcinela indawo etafileni yakhe. UTsibha, oonyana bakhe kunye nezicaka zakhe, babeza kuba zizicaka zikaMefibhoshete. UDavide wamwonga ngokwenene unyana kaYonatan! Ngaba uyazi ukuba kwenzeka ntoni emva koko?

Kwabakho iingxaki emzini kaDavide. UAbsalom, omnye woonyana bakaDavide, wamvukela kuba efuna ukuba ngukumkani. Kwafuneka  uDavide asabe ukuze asindise ubomi bakhe. UMefibhoshete wayefuna ukuhamba noDavide kunye nabanye abantu ababehamba naye. Aba bahlobo bakaDavide babesazi ukuba nguye ofanele abe ngukumkani. Kodwa uMefibhoshete akazange ahambe kuba wayengakwazi ukuhamba.

UTsibha waxelela uDavide ukuba uMefibhoshete usele kuba efuna ukuba ngukumkani. UDavide wabukholelwa obu buxoki! Wonke umhlaba kaMefibhoshete wawunika uTsibha. Emva koko uDavide wamoyisa uAbsalom waza wabuyela eYerusalem. Akufika uDavide weva icala likaMefibhoshete. UDavide wagqiba kwelokuba uMefibhoshete noTsibha babelane ngomhlaba. Ucinga ukuba yintoni eyenziwa nguMefibhoshete?

Akazange asikhalazele isigqibo sikaDavide. UMefibhoshete wayesazi ukuba ukumkani ufuna uxolo ukuze awenze kakuhle umsebenzi wakhe. Ngoko wawunika uTsibha wonke loo mhlaba. Into eyayibalulekile kuMefibhoshete yayikukuba umkhonzi kaYehova uDavide wayebuyele eYerusalem esengukumkani.

UMefibhoshete wehlelwa zizinto ezibuhlungu. Wayedla ngokuziva elikheswa. Kodwa uYehova wayemthanda yaye wamnyamekela. Yintoni esinokuyifunda koku?— Nokuba senza into elungileyo, bakhona abaza kuxoka ngathi. UYesu wathi: “Ukuba ihlabathi linithiyile, niyazi ukuba liye lathiya mna ngaphambi kokuba lithiye nina.” Abantu bade bambulala nokumbulala uYesu! Sinokuqiniseka ukuba, xa sisenza izinto ezilungileyo, uThixo oyinyaniso, uYehova uya kusithanda—noNyana wakhe, uYesu uya kusithanda.

^ isiqe. 3 Ukuba ufunda nomntwana, isikhewu senzelwe ukuba umvumele aphendule.