Yiya kwinkcazelo

  Iindlela Zokwenza Intsapho Yakho Yonwabe

Hlakulelani Ubumoya Nobabini

Hlakulelani Ubumoya Nobabini

UFrederick *: “Ukutshata kwethu, ndandiqiniseka ukuba mna nomfazi wam siyifunda kunye iBhayibhile. Ndandizama kangangoko ukuba anikele ingqalelo xa sifunda. Kodwa uLeanne wayengazinzi. Xa ndibuza imibuzo wayephendula ngoewe okanye uhayi kuphela. Wayengaphenduli ngendlela endivakalelwa kukuba ufanele aphendule ngayo xa kuqhutywa isifundo seBhayibhile.”

ULeanne uthi: “Ndandineminyaka eli-18 kuphela ubudala ukutshata kwam noFrederick. Sasifunda kunye iBhayibhile rhoqo, kodwa uFrederick wayesebenzisa isihlandlo ngasinye ukuze abhence zonke iimpazamo zam nalapho kwakufuneka ndiphucule khona njengomfazi. Ndadimazeka kakhulu yaye ndakhathazeka!”

UCINGA ukuba yayiyintoni ingxaki kaFrederick noLeanne? Babeneenjongo ezintle. Bobabini babemthanda uThixo yaye bayibona imfuneko yokuba bafunde iBhayibhile kunye. Kodwa kunokuba ibancede bamanyane kubonakala ukuba yabenza baba zintlaba zahlukane. Basenokuba babefunda kunye kodwa babengabuhlakuleli njengesibini ubumoya.

Yintoni ubumoya? Kutheni izibini zifanele zibuhlakulele? Ziziphi iingxaki ezinokuba nazo yaye zinokuzicombulula njani?

Yintoni Ubumoya?

Igama elithi “ubumoya” elisetyenziswe eBhayibhileni libhekisela kwisimo sengqondo umntu anaso ngoThixo okanye indlela umntu aphila ngayo. (Yude 18, 19) Ngokomzekelo, umbhali weBhayibhile uPawulos, ubonisa umahluko kwisimo sengqondo somntu wokomoya nowokwenyama. UPawulos ubonisa ukuba abantu abatyekele kwizinto zenyama bacingela bona kunabanye abantu. Benza oko bakubona kulungile emehlweni abo, kunokuba bazame ukuphila ngemilinganiselo kaThixo.—1 Korinte 2:14; Galati 5:19, 20.

Ngokwahlukileyo koko, abantu bokomoya bayayixabisa imilinganiselo kaThixo. UYehova uThixo bamjonga njengoMhlobo wabo yaye benza konke okusemandleni ukumxelisa. (Efese 5:1) Ngenxa yoko, babanothando, ububele  nobulali xa beqhubana nabanye. (Eksodus 34:6) Bathobela uThixo kwanaxa kungelulanga ukwenjenjalo. (INdumiso 15:1, 4) UDarren waseKhanada oneminyaka engama-35 etshatile uthi: “Ngokwendlela mna endimqonda ngayo, umntu wokomoya usoloko ecinga ngendlela oko akuthethayo nezenzo zakhe ezibuchaphazela ngayo ubuhlobo bakhe noThixo.” Umfazi wakhe, uJane woleka esithi: “Ndicinga ukuba umfazi wokomoya ngulowo wenza konke okusemandleni ukuze abonise isiqhamo somoya kaThixo kubuntu bakhe suku ngalunye.”—Galati 5:22, 23.

Kakade ke, akuyomfuneko ukuba umntu atshate ukuze abe ngumntu wokomoya. Inyaniso kukuba iBhayibhile ifundisa ukuba mntu ngamnye unoxanduva lokufunda ngoThixo nokumxelisa.—IZenzo 17:26, 27.

Kutheni Nifanele Nihlakulele Ubumoya Njengesibini?

Kutheni ke, ngoko, abantu abatshatileyo kufuneka behlakulele ubumoya kunye njengendoda nomfazi? Khawuhlalutye lo mzekelo: Abantu ababini banegadi yaye bafuna ukulima imifuno. Omnye ufuna ukuyihlwayela ngexesha elithile enyakeni ngoxa omnye yena ecinga ngokuyihlwayela ngelinye ixesha. Omnye ufuna ukusebenzisa uhlobo lwesichumiso, ngoxa omnye engaboni mfuneko yaso. Omnye ufuna ukusebenza egadini yonke imihla. Ngoxa omnye yena engafuni kwenza nto. Kwimeko enjalo igadi inokuvelisa kodwa kungekhona ngendlela ebiya kuvelisa ngayo ukuba bobini bebevumelana ngoko kumele kwenziwe yaye basebenze kunye ukuze bafikelele usukelo lwabo.

Umyeni nomfazi banje ngabo bantu bafuna ukulima igadi. Ukuba elinye iqabane lihlakulela ubumoya, ulwalamano lunokuphucuka. (1 Petros 3:1, 2) Kodwa bekuya kuba bhetele ngakumbi ukuba bobabini bebephila ngemilinganiselo kaThixo yaye bezimisele ukuxhasana njengoko bekhonza uThixo! Ukumkani uSolomon osisilumko wathi: “Ababini balunge ngakumbi kunomnye, ngenxa yokuba banomvuzo ngomsebenzi wabo onzima. Kutheni? “Ngokuba xa omnye wabo esiwa, omnye unokuliphakamisa iqabane lakhe.”—INtshumayeli 4:9, 10.

Ufanele ukuba uyakunqwenela ukuhlakulela ubumoya neqabane lakho lomtshato. Kodwa kanye njengokuba nomnqweno wokulima igadi, uwodwa nje awunakuvelisa ziqhamo. Khawucinge ngale miqobo mibini nendlela onokuyoyisa ngayo.

UMQOBO WOKU-1: Asinalo ixesha.

USue onexesha elingephi etshatile uthi: “Umyeni wam undilanda emsebenzini ngentsimbi yesi-7 ngorhatya. Xa sifika ekhaya kufuneka senze imisebenzi yasekhaya. Iba yingxaki ke le, kuba ingqondo isixelela ukuba simele senze ixesha lokufunda kunye ngoThixo kodwa yona imizimba ibe ifuna ukuphumla.”

Isicombululo: Yiba bhetyebhetye uze ube nentsebenziswano. USue, uthi: “Mna nomyeni wam sagqiba ekubeni sivuke ekuseni ukuze sifunde size sixubushe inxalenye yeBhayibhile ngaphambi lokuba siye enkomeni. Kwakhona uyandincedisa kwimisetyenzana yasekhaya ukuze sichithe ixesha kunye.” Kusincede njani ukwenza lo mgudu wongezelelekileyo? Umyeni kaSue, uEd uthi: “Ndiye ndafumanisa ukuba xa mna noSue sithetha ngezinto zokomoya rhoqo kunye, sizicombulula lula nangakumbi iingxaki zethu nezinto ezisixhalabisayo.”

Ukongezelela ekuncokoleni kunye, kubalulekile ukuba nichithe imizuzu embalwa suku ngalunye nithandaza kunye. Inokunceda njani loo nto? URyan, oneminyaka eli-16 etshatile, uthi: “Kwixesha elingephi elidlulileyo, mna nomfazi wam sasineengxaki ezinzulu. Kodwa senza ixesha lokuba sithandaze kunye busuku ngabunye, sizityand’ igila kuThixo ngoko kusixhalabisayo. Ndivakalelwa kukuba ukuthandaza kunye kuye kwasinceda ukuze sikwazi ukucombulula iingxaki saze saphinda sonwaba emtshatweni.”

ZAMA OKU: Ekupheleni kosuku bekani ixesha elingephi ecaleni nize nithethe ngezinto ezintle  eziye zenzeka kuni, izinto eninokumbulela ngazo uThixo. Kwakhona thethani ngeengxaki zenu, ngokukodwa ezo nifuna uThixo anincede kuzo. Kodwa ulumke: Musa ukusebenzisa eli xesha ukuze ubhence iimpazamo zeqabane lakho. Kunoko, xa nithandaza, khankanya izinto enifanele niphucule kuzo nobabini. Ngosuku olulandelayo, yenzani ngokuvisisana nezinto ebenizithandazela.

INGXAKI YESI-2: Asifani.

UTony uthi: “Andingomntu ukuthandayo ukuhlala phantsi ndifunde.” Yena umfazi wakhe uNatalie uthi: “Ndiyakuthanda ukufunda yaye ndiyakuthanda nokuthetha ngezinto endizifundileyo. Ndiye ndicinge ukuba maxa wambi uTony uziva ndimcinezela xa sithetha ngezinto ezisekelwe eBhayibhileni.”

Isicombululo: Yiba ngowakhayo, ungabinomoya wokhuphiswano okanye utyekele ekubeni ngumgwebi. Lincome uze ulikhuthaze iqabane lakho kwizinto elizenza kakuhle. UTony uthi: “Libangaphaya kwamandla am ihlombe aba nalo umfazi xa ethetha ngeBhayibhile yaye kwilixa elidluleyo ndandingakuthandi ukuthetha naye ngayo. Nakuba kunjalo, uNatalie uyandixhasa kakhulu. Ngoku sithetha rhoqo ngezinto zokomoya kwaye ndiye ndafumanisa ukuba andinasizathu sakoyika. Ndiyakuthanda ukuthetha naye ngale mixholo. Iye yasinceda sakhululeka saza saba seluxolweni.”

Abantu abaninzi abatshatileyo baye bafumanisa ukuba imitshato yabo iyaphucuka xa bebekela bucala ixesha lokufunda kunye iBhayibhile rhoqo. Nantsi into omawuyilumkele: Izinto ozifundayo zisebenzise kuwe, kungekhona kwiqabane lakho. (Galati 6:4) Zithetheni ngelinye ixesha izinto eningaboni ngasonye kuzo, kungekhona ngexesha lokufunda. Ngoba?

Cinga ngoku: Ukuba ubusidla nentsapho yakho, ngaba ubuya kubopha inxeba eli nobovu ngelo xesha? Nakanye. Ubuya kwenza wonke umntu olapha angakucaceli ukutya. UYesu wafanisa ukufunda nokwenza ukuthanda kukaThixo nokutya. (Mateyu 4:4; Yohane 4:34) Ukuba usoloko uvula amanxeba sihlandlo ngasinye ufunda iBhayibhile, unokulenza iqabane lakho lingabi namdla kwizinto zokomoya. Ngokuqinisekileyo, iingxaki zimele zilungiswe. Kodwa zilungiseni ngexesha enilibekele zona.—IMizekeliso 10:19; 15:23.

ZAMA OKU: Khawubhale phantsi iimpawu ezimbini okanye ezintathu ezizezona uzithandayo kwiqabane lakho. Xa niphinda nithetha ngezinto zokomoya ezinento yokwenza neza mpawu zeqabane lakho, lixelele indlela ozixabisa ngayo.

Uvuna Oko Ukuhlwayeleyo

Ukuba nihlwayela okanye nihlakulela ubumoya njengesibini, ekugqibeleni niya kuba noxolo nomtshato owonwabileyo. ILizwi likaThixo liqinisekisa ukuba “Loo nto ayihlwayelayo umntu, uya kuvuna kwayona.”—Galati 6:7.

UFrederick noLeanne abacatshulwe ekuqaleni kweli nqaku, babufunda ubunyaniso balo mgaqo weBhayibhile. Ngoku baneminyaka engama-45 betshatile yaye bayazi ukuba umzingisi akanashwa. UFrederick uthi: “Ndandidla ngokumgxeka umfazi wam xa engafuni ukuncokola nam. Noko ke, ekuhambeni kwexesha ndaqonda ukuba kufuneka ndenze umgudu.” Yena uLeanne uthi: “Eyona nto yasincedayo ngamaxesha amanzithinzithi yayiluthando lwethu ngoYehova uThixo. Ukutyhubela iminyaka besisoloko sifunda yaye sithandaza kunye. Njengoko ndimbona uFrederick esenza umgudu ukuze abonise impawu zobuKristu, wenza kube lula ukuba ndimthande.”

^ isiqe. 3 Amagama atshintshiwe

ZIBUZE . . .

  • Sigqibele nini ukuthandaza kunye njengendoda nomfazi?

  • Yintoni endinokuyenza enokukhuthaza iqabane lam ukuba lincokole ngakumbi nam ngezinto zokomoya?