Yiya kwinkcazelo

 Fundisa Abantwana Bakho

Wayengaphulaphuli Kodwa Ekugqibeleni Wathobela

Wayengaphulaphuli Kodwa Ekugqibeleni Wathobela

NGABA wakhe awaphulaphula yaye ungafuni nokuthobela? * Mhlawumbi ukhe wabukela inkqubo kumabonakude athe umama okanye utata wakho uze ungayibukeli. Kusenokwenzeka ukuba uye wacingisisa ngawo kamva waza waziva ubuhlungu kuba uye awathobela. Omnye umntu ongazange athobele ekuqaleni nguNahaman. Makhe sibone indlela awancedwa ngayo ukuba angabi neenkani kwakhona.

Khawube nomfanekiso ngqondweni siphila kwiminyaka engaphezulu kwama-3000 eyadlulayo. UNahaman yinjengele ebalulekileyo yomkhosi waseSiriya. Uqhele ukuyalela amajoni akhe into amakayenze, yaye ayamthobela. Kodwa uNahaman uba nesifo esibi solusu esibizwa ngokuba liqhenqa. Lalimenza abembi, yaye kusenokwenzeka ukuba lalibuhlungu.

Umfazi kaNahaman wayenesicakazana esivela kwaSirayeli. Ngenye imini le ntwazana yaxelela le nkosikazi ukuba kukho indoda kwaSirayeli ebizwa ngokuba nguElisha. Yathi ingamphilisa uNahaman. Xa uNahaman wevayo ngako oku, ngokukhawuleza wafuna ukuya kuElisha. Waphatha izipho ezininzi waza waya kwaSirayeli namaJoni akhe. Waya kukumkani wakwaSirayeli ukuze amazise ngoko akuzeleyo.

UElisha weva ngako oku waza wathumela umyalelo kukumkani ukuba athumele uNahaman kuye. Xa uNahaman wayesiya emzini kaElisha, uElisha wasuka nje wathumela isicaka ukuba simxelele ukuba makaye kuhlamba kuMlambo iYordan izihlandlo ezisixhenxe. UElisha wathi uNahaman uya kuphila ukuba uye wenza  oko. Ucinga ukuba uNahaman wavakalelwa njani xa kusithiwa makaye kuhlamba kuMlambo iYordan?

Uba nomsindo, aze abe nenkani yaye akamthobeli umprofeti kaThixo. Uthi kumajoni akhe: ‘Emva ekhaya kukho imilambo elunge ngakumbi yokuhlamba’ aze emke. Kodwa ngaba uyayazi into amajoni akhe amcela ukuba ayenze?— Athi: ‘Ukuba umprofeti ebethethe into enkulu kuwe, ubungayi kuyenza na? Ngoko kutheni ungamthobeli xa ekucela ukuba wenze into encinane njenga le?’

UNahaman waphulaphula waza wenza kanye njengoko amajoni akhe emxelela. Waphuma engena emanzini izihlandlo ezithandathu. Xa ephuma emanzini ityeli lesixhenxe, uNahaman uyamangaliswa—isifo esikulusu lwakhe sinyamalele! Uphilile! Kwakhona uhamba umgama weekhilomitha ezingama-48 esiya endlwini kaElisha ukuze ambulele. Ufuna ukupha umprofeti izipho ezixabisa kakhulu, kodwa umprofeti akathathi nokuba sibe sinye.

Ngoko ke, uNahaman ucela into ethile kuElisha. Uyayazi ukuba yintoni leyo?— uthi ‘ndinike imithwalo yomhlaba yeemeyile ndigoduke nawo.’ Ngaba uyazi ukuba uyifunela ntoni?— UNahaman uthi ufuna ukwenza iminikelo kuThixo kumhlaba welizwe labantu bakaThixo, uSirayeli. Emva koko, uNahaman uthembisa ukuba akayi kuphinda anqule omnye uthixo ngaphandle kukaYehova! Akasenazo iinkani kodwa ukulungele ukuthobela uThixo.

Ngaba uyayibona indlela onokumxelisa ngayo uNahaman?Ukuba uneenkani njengaye, unako ukutshintsha. Unokwamkela uncedo uze ungaphindi ube neenkani.

Funda eBhayibhileni yakho

^ isiqe. 3 Ukuba ufunda nomntwana, isikhewu senzelwe ukuba umvumele aphendule.