IMBONISELO—EFUNDWAYO Januwari 2013

Le Mboniselo ithetha ngabantu abaseBhayibhileni ababa nokholo nesibindi.

Bazinikela Ngokuzithandela—ENorway

Kwenzeka njani ukuba umbuzo abangawulindelanga ubabangele ukuba baye kukhonza apho kufuneka abavakalisi abangakumbi?

Yiba Nesibindi—UYehova Unawe!

Unokuzuza lukhulu kumzekelo kaYoshuwa, uYehoyada, uDaniyeli nabanye ababa nokholo nesibindi.

Ungavumeli Nantoni Na Ikwahlukanise NoYehova

Funda Ngendlela esinokuwukhetha kakuhle ngayo umsebenzi, ukuzonwabisa nezinto ezifanele zenziwe yintsapho.

Hlala Usondele KuYehova

Unokusondela njani kuYehova ngoxa ugcine izinto ze-elektroniki, impilo, imali namabhongo kwindawo yazo?

Ukukhonza Ngaphandle Kokuzisola

Ngexesha lakhe, umpostile uPawulos wayezenz’ iimpazamo ezinkulu kanti wayelwenza nokhetho oluhle. Sinokufunda ntoni kumzekelo wakhe?

Abadala—‘Abasebenzi Abangamadlelane Ukuze Sibe Novuyo’

Abadala babanceda njani abazalwana noodade ukuze bavuye enkonzweni?

Iphulo Elicetywe Kakuhle Lithwala Isiqhamo

Funda indlela eyasebenza nzima ngayo intombazana eneminyaka elishumi yaseChile ukuze imeme bonke abantwana besikolo sayo abathetha ulwimi lwesiMapudungun.