UVUKANI! Novemba 2013 | Iindlela Zokuphila Ezibalulekileyo Nezisenza Sonwabe

Izinto eziza kuqala ebomini bethu, ubuhlobo bethu nabanye nendlela esibakhulisa ngayo abantwana bethu zixhomekeke kwindlela esiphila ngayo. Funda ngemithetho emine eseBhayibhileni enokusenza sonwabe.

Okwenzeka Ehlabathini

Ezinye izinto ekuthethwa ngazo: Irhafu yecawa eJamani, oko kwenziwa kukunconywa engqondweni nokunyuka kwamanani abantu abathi “abanquli.”

UKUNCEDA INTSAPHO

Ukuthetha Nomntwana Wakho Ngamanyala Athunyelwa Ngefowuni

Sukulinda kwenzeke into kumntwana wakho. Thetha nomntwana wakho ngeengozi zokuthumelelana imiyalezo nemifanekiso yamanyala ngefowuni.

INQAKU ELINGUMXHOLO

Iindlela Zokuphila Ezibalulekileyo Nezisenza Sonwabe

Abaninzi bathi: ‘Ukuba ilungile kuwe, yenze. Yenza into efunwa yintliziyo yakho.’ Ngaba bubulumko loo nto? Funda ngemilinganiselo yokuziphatha eseBhayibhileni nonokuyithemba.

UDLIWANO-NDLEBE

Umdlali Wepiyano Uchaza Ngokholo Lwakhe

Umculo wanceda le ndoda yayingakholelwa ukuba uThixo ukho yaba nokholo lokuba kukho uMdali. Yintoni eyayenza yakholelwa ukuba iBhayibhile ivela kuThixo?

Ukujamelana Neengxaki Zokuyeka Ukuya Exesheni

Xa wena nabo ubathandayo nisazi konke okwenzekayo xa uyeka ukuya exesheni, uya kukwazi ukujamelana neengxaki osenokudibana nazo.

IMBONO YEBHAYIBHILE

Umtshato

Funda indlela indima yendoda nomfazi eyamiselwa nguThixo enokubanceda ngayo baphumelele baze bonwabe.

Ngaba Uba “Netheko Rhoqo”?

Nangona uneengxaki, funda ngendlela onokucinga ngezinto ezintle ngayo uze ube novuyo.

Izinto Ezingakumbi Ezifumaneka Kwi-intanethi

Ngaba Ndisoloko Ndicinga Ngendlela Endikhangeleka Ngayo?

Ukuba unengxaki nomzimba wakho, ungayilungisa njani?

Kuthekani Ukuba Ndiyagula?—Inxalenye 1

Abaselula abane bachaza izinto ezibancedayo ukuze bahlangabezane nezigulo zabo baze bahlale benethemba.

Kutheni Ndizisika?

Ukuzenzakalisa yingxaki yolutsha oluninzi. Ukuba nawe uyazenzakalisa, yintoni enokukunceda ukuba uyeke?

Bathini Oontanga Bakho Ngokuzibekela Amangomso Izinto

Funda ukuba olunye ulutsha luthi ziziphi iingxaki ezibangelwa kukuzilazila, kunye neengenelo zokulisebenzisa kakuhle ixesha.