IMBONISELO—EFUNDWAYO Januwari 2014

Le Mboniselo iyasiqinisekisa ukuba uYehova ebesoloko enguKumkani. Isinceda sibuxabise ngakumbi uBukumkani bukaMesiya nayo yonke into obuyiphumezileyo.

Bazinikela Ngokuvumayo—ENtshona Afrika

Yintoni eqhuba abanye ukuba bafuduke eYurophu baye eNtshona Afrika, ibe kube naliphi igalelo oko kubo?

Nqula uYehova, UKumkani Kanaphakade

Ukufunda ngendlela uYehova aye wabonakalisa ngayo ukuba unguBawo naye walawula ngayo kuya kukwenza usondele kuye.

Iminyaka Eyi-100 Yolawulo LoBukumkani—Ikuchaphazela Njani?

Sinokungenelwa njani kulawulo loBukumkani? Yiva indlela uKumkani onguMesiya asulungekisa, afundisa nalungelelanisa ngayo abalawulwa bakhe.

Ukwenza Ukhetho Lobulumko Ngoxa Uselula

Ulutsha oluninzi olungamaKristu luvuyiswa kukunceda abanye. Unokwenza njani ukuze ube nenxalenye engakumbi enkonzweni kaYehova?

Ukukhonza UYehova Ngaphambi Kokuba Imihla Yentlekele Ifike

Ngawaphi amathuba okwandisa inkonzo avulekele amaKristu asele emadala?

“Mabufike Ubukumkani Bakho”—Kodwa Nini?

Yintoni esenza siqiniseke ukuba kungekudala uKumkani othanjisiweyo kaThixo uza kuqinisekisa ukuba ukuthanda kukaThixo kuyenziwa emhlabeni?

Ukhetho Endalwenza Ndisemncinane

Umfana oselula waseColumbus, eOhio, eUnited States wagqiba kwelokuba afunde isiKhambodiya. Ngoba? Olu khetho lwamnceda njani kwikamva?