IMBONISELO—EFUNDWAYO Septemba 2016
Le Mboniselo inamanqaku aza kufundwa ngo-Oktobha 24 ukuya ngoNovemba 27, 2016.
“Mazingawi Izandla Zakho”
UYehova ubomeleza aze abakhuthaze njani abakhonzi bakhe? Sinokumxelisa njani?
Ungayeki Ukulwela Iintsikelelo ZikaYehova
Abantu bakaThixo bajamelana nemiqobo emininzi njengoko befuna ukumkholisa. Kodwa banako ukoyisa!
Imibuzo Evela Kubafundi
Liyintoni “ilizwi likaThixo” ekuthiwa “liphilile, linamandla” kumaHebhere 4:12”?
Ukuthethelela Iindaba Ezilungileyo Kwabasemagunyeni
Sinokufunda kwindlela umpostile uPawulos awamelana ngayo neenkundla zexesha lakhe.
Ngaba Indlela Onxiba Ngayo Iyamzukisa UThixo?
Imigaqo yezibhalo inokusikhokela.
Unokuncedakala Xa Ukhokelwa NguYehova
AmaNgqina asePoland nawaseFiji enza izigqibo zobulumko.
Lutsha, Qinisani Ukholo Lwenu
Ngaba uye utsalelekele ekulandeleni umndilili xa kufikwa kwiimfundiso ezithile, njengeyokuba izinto zazivelela kunokuba zidalwe? Ukuba kunjalo, le nkcazelo ingakunceda.
Bazali, Ncedani Abantwana Benu Babe Nokholo
Ngaba uzibona ungenakukwazi? Izinto ezine ezinokukunceda uphumelele.