IMBONISELO—EFUNDWAYO Disemba 2017

Le mboniselo inamanqaku aza kufundwa ngoJanuwari 29 ukuya kuFebruwari 25, 2018.

“Ndiyazi Ukuba Uza Kuvuka”

Yintoni enokusenza siqiniseke ukuba abantu baza kuvuswa?

“Ndinethemba KuThixo”

Kutheni uvuko luyimfundiso ebalulekileyo kukholo lwamaKristu?

Ngaba Usakhumbula?

Ngaba uye wazifunda kakuhle iiMboniselo zakutshanje? Khawubone ukuba mingaphi imibuzo ongayiphendula.

Imibuzo Evela Kubafundi

Ngexesha lamaSirayeli, ukuze umntu abe kumnombo kaMesiya ngaba kwakufuneka abe unelungelo lobuzibulo?

Imibuzo Evela Kubafundi

Ngaba iZibhalo ziyawavumela amaKristu ukuba acwangcise esebenzisa i-IUD?

Bazali​—⁠Ncedani Abantwana Benu Babe ‘Nobulumko Obusa Elusindisweni’

Abanye abazali baba nexhala xa abantwana babo befuna ukuzinikela kuThixo baze babhaptizwe. Banokubanceda njani abantwana babo ‘bakhulele elusindisweni’?

Lutsha​—⁠“Hlalani Nilufezekisa Usindiso Lwenu”

Kukho izinto oza kuzenza nongazukuzenza xa ubhaptiziwe, kodwa abamele boyike okanye bayeke ukubhaptizwa abantwana.

IBALI LOBOMI

Ndashiya Zonke Izinto Ukuze Ndilandele INkosi

UFelix Fajardo wayemalunga neminyaka eyi-16 xa wagqiba ekubeni abe ngumfundi kaKristu. Kwiminyaka engaphezu kweyi-70 kamva, akazisoli ngokulandela iNkosi naphi na apho iya khona.

Imixholo YeeMboniselo Zika-2017

Olu ludwe luza kukunceda ufumane amanqaku ahlukeneyo avela kwiiMboniselo zika-2017.