IMBONISELO—EFUNDWAYO Februwari 2018

Le mboniselo inamanqaku aza kufundwa ngoAprili 2 ukuya ku-29, 2018.

Yiba Nokholo Kwaye Uthobele NjengoNowa, UDaniyeli NoYobhi

Nabo babengabantu, bejongana nezi ngxaki sinazo. Yintoni eyabancedayo abagungqa?

Ngaba UYehova Umazi NjengoNowa, UDaniyeli NoYobhi?

La madoda amazi njani umongami wendalo iphela? Olo lwazi lwawanceda njani? Sinokuba nalo njani ukholo olufana nolwawo?

IBALI LOBOMI

Zonke Izinto Zinokwenzeka KuYehova

Amazwi ambalwa awaviwa ebhasini abutshintsha ubomi babantu ababini abatshatileyo eKyrgyzstan.

Unjani Umntu Okhokelwa Ngumoya KaThixo?

IBhayibhile ichaza izinto esinokumbona ngazo umntu okhokelwa ngumoya kaThixo nendlela ahluke ngayo kumntu olawulwa yinyama.

Yiya Usondela KuThixo!

Ukwazi iBhayibhile akuthethi kuthi usondele kuThixo. Yintoni enye efunekayo?

Uvuyo​—⁠Uphawu Esilufumana KuThixo

Yintoni omele uyenze ukuze uphinde uvuye xa iingxaki zemihla ngemihla zikwenza ungonwabi?

SIPHAKULA KOOVIMBA BETHU

Iintetho Zesidlangalala Zisasaza Iindaba Ezilungileyo EIreland

Yintoni eyenza uC. T. Russell wabona ukuba amasimi “sele elungile ukuba kuvunwe”?